1. I-Ofisi yeSizwe ejongene neMeko yaBantu aBakhubazekileyo kwi-Ofisi kaMongameli (The National Office on the Status of Disabled Persons in the Presidency) ikhethe iNtshona Koloni kulo nyaka njengephondo elisindleka uSuku lwaBantu aBakhubazekileyo lwaMazwe ngaMazwe.
2. Ukuqaphela uSuku lwaBantu aBakhubazekileyo lwaMazwe ngaMazwe, bonke abaqeshwa bamasebe karhulumente bephondo bayamenywa ukuba bathathe inxaxheba kwisiganeko sephondo esiya kubanjelwa eNewlands Rugby Stadium ukuqala ngo-09:00 - 12:00 nge-3 Disemba 2007.
3. Kucelwa nincede niqaphele ukuba abo bayayo kufuneka basebenzise ezabo izinto zokuhamba ukuya nokubuya kwindawo yendibano.
4. Abo banqwenela ukuya kwesi siganeko kuya kufuneka bafumane imvume yomphathi wecandelo labo.
5. Ukuze abaququzeleli bakwazi ukulungiselela esi siganeko, umntu ngamnye oza kube esiya kuso makazalise iphetshana lokuphendula isimemo eliqhotyoshelweyo engadlulanga uLwesihlanu, we-16 Novemba 2007.
6. Uyacelwa ukuba wazise okubhalwe kule ngcaciso imfutshane bonke abaqeshwa abaqeshwe liSebe iWCED.


ISAYINWE: NGU-S CYSTER
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2007:11:13

Iphetshana lokuphendula isimemo  (ubukhulu: 18 KB)