1. Ukuthunyelwa kweepheyishithi neepheyisliphu zangoDisemba 2007 kwiipheyiphoyinti ngokunxulumene nooTitshala abasisigxina naBasebenzi beNkonzo kaRhulumente
1.1 Kucelwa niqaphele ukuba iipheyishithi neepheyisliphu zemivuzo yangoDisemba 2007 ngokumalunga nootitshala kunye nabasebenzi benkonzo karhulumente ziya kuposelwa kwiipheyiphoyinti ngale veki ye-3 - 7 Disemba 2007. Oku kubangelwa kukuvalwa kwenyanga yokuhlawulwa kwemivuzo ngoDisemba 2007 nge-30 Novemba 2007.
1.2 Kunyanzelekile ukuba, ngezizathu zokulindela ukufika kade kweepheyishithi neepheyisliphu kwiipheyiphoyinti emva kokuba kuvalelwe ikota nge-4 Disemba 2007, iipheyimasta zenze amalungiselelo afanelekileyo okunika abaqeshwa iipheyisliphu nokubuyisela iipheyishithi ezingqinisisiweyo kwaNdlunkulu.
2. IMihla yeeNtlawulo zeMivuzo ngaPhambi kweXesha yaBasebenzi beNkonzo kaRhulumente beThutyana isuswe kwi-31 Disemba 2007 yaba yi-21 Disemba 2007.

I-Ofisi kaNondyebo inike imvume yokuba umhla wokuhlawulwa kwemivuzo yabo bonke abasebenzi bethutyana ususwe kwi-31 Disemba 2007 ube ngowe-21 Disemba 2007.



ISAYINWE: NGU-W.F. JULIES
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2007:12:04