1. Kucelwa izicelo kubantu abanqwenela ukuba ngamagosa amakishayo aziintloko (chief markers), amagosa amakishayo (markers) okanye iimodareyitha zeenkalo zezifundo (uluhlu lweenkalo zezifundo luqhotyoshelwe) eziza kuvavanywa ngeeMviwo zikaJuni no-Oktobha 2007 zeNqanaba 4 le-ABET. Aba bantu kufuneka baphumeze iikhrayitheriya ezikumhlathi 2 apha ngezantsi.
2. Iikhrayitheriya ngokubanzi
2.1 Amava okufundisa: Amava afanelekileyo okufundisa, kwakunye namava okufundisa iNqanaba 4 kwinkalo yesifundo echaphazelekayo.
2.2 Iziqinisekiso zemfundo: Isiqinisekiso esaziwayo sobutitshala seminyaka emithathu.
2.3 Ulwazi lwenkalo yesifundo
3. Izicelo
3.1 Izicelo mazenziwe kule fom yesicelo eqhotyoshelweyo. Umenzi-sicelo makazalise ifom eyahlukileyo ngenkalo yesifundo nganye enza isicelo kuyo.
3.2 Iikopi eziqinisekisiweyo zezatifikethi zemfundo kufuneka zihambe kunye nefom nganye ezalisiweyo. Ukuba la maxwebhu akahambi kunye nefom yesicelo, eso sicelo asiyi kuqwalaselwa. Akukho mntu uya kwaphulelwa kwezi meko yaye kungayi kubakho mbalelwano eya kuqhutywa nabenzi-sicelo malunga nalo mba.
3.3 Zonke iifom zezicelo mazisayinwe yinqununu okanye ngumphathi weziko (kwimeko yootitshala), kuze kube ngabalawuli okanye abantu ekugqithiselwe kubo amagunya (kwimeko yeenqununu, abacwangcisi bekharityhulam abakhulu, abacwangcisi bekharityhulam abaziintloko nabacebisi ngezekharityhulam). Iifom ezingasayinwanga ziya kubuyiselwa kubenzi-sicelo.
3.4 Zonke izicelo mazithunyelwe kule dilesi ilandelayo phambi kowe- 19 Matshi 2007. Izicelo ezifumaneke emva kwalo mhla aziyi kuqwalaselwa.
Head: Education
For attention: Ms NM Janda
Directorate: Examinations 
Western Cape Education Department
Private Bag X9114
Cape Town 
8000 
4. Yonke imibuzo, nokuba yenziwa ngefoni okanye yebhaliweyo, inokuthunyelwa komnye waba balandelayo:
Mnu M Cameron, ifoni 021 467 2964; i-imeyili: mgcamero@pgwc.gov.za
Nks NM Janda,  ifoni 021 467 2009; i-imeyili: njanda@pgwc.gov.za
Nks M Buys,    ifoni 021 467 2993; i-imeyili: mbuys@pgwc.gov.za
ICandelo leeMviwo, ifeksi (021 461 5628
5. Intlawulo yokumakisha isifundo ngasinye iza kufumaneka kwakamsinya. Ngalinye igosa elimakishayo eliyintloko, igosa elimakishayo nemodareyitha emakishayo kunye/okanye emodareyitha amaphepha, iya kutsalelwa irhafu ngokungqinelana noMthetho weRhafu yeNgeniso ka-2002 (Income Tax Act of 2002).
6. Kucelwa wazise okukule ngcaciso emfutshane bonke ootitshala abachaphazelekayo, kwakunye nabo basekhefini. Eli Candelo leeMviwo aliyi kwamkela zigxeko ngenxa yootitshala abangaxelelwanga ngokubhalwe kule ngcaciso emfutshane.


ISAYINWE: NGU-A.P. CLAUSEN
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2007:02:12

List of learning ereas  (ubukhulu: 4 KB)
Application form  (ubukhulu: 38 KB)