1. Kucelwa ufunde le Ngcaciso iMfutshane yeCandelo lezoPhando iCEMIS 0006/2006 (CEMIS Research Minute 0006/2006) yowe-30 Novemba 2006.
2. Abafundi abasisigxina
2.1 Ubhaliso (entries) lwabafundi abasisigxina kuzo zonke izikolo zikarhulumente eziqhelekileyo nezikolo ezizimeleyo bebhalisela uViwo lweMatriki noViwo lweBakala 11, ngoNovemba 2007, luya kuqhutywa ngokuthi kusetyenziswe iziko ledatha (database) leCEMIS.
2.2 Uyabongozwa ukuba uncede uqinisekise ukuba yonke idatha yabo bonke abafundi bamaBakala 11 no-12 kwiziko ledatha leCEMIS ifakelwe iinkcukacha zakutsha nje (updated) ngokukhawuleza kangangoko kunokwenzeka.
2.3 Kucelwa uncede uqinisekise ukuba zonke iinkcukacha zabafundi zichanekile nokuba izifundo namahlelo ezifundo (subject grades) zingqinisisiwe zaza zasayinwa ngumfundi ngamnye kumaBakala 11 no-12. Emva kokufakwa kwazo zonke iinkcukacha kufuneka uprinte ishedyuli yomfundi ngamnye obhalisileyo uze uyitshekishe. Emva kokuba kwenziwe izilungiso kwirekhodi yomfundi, ishedyuli mayiprintwe kwakhona. Intloko yeziko mayingqinisise emva koko ukuba ishedyuli yechanekileyo ize iyingenise kwiSebe leMfundo leNtshona Koloni engadlulanga uLwesihlanu, we-30 Matshi 2007 kulo:
Head: Education 
Western Cape Education Department
For attention: Ms C Abrahams
Directorate: Examinations
Private Bag X9114
Lower Parliament Street
Cape Town
8000

Inombolo yefoni: 021 467 2912 021 467 2913 021 467 2868 021 467 2890
3. Abafundi bakwa-ABET nabaBucala
3.1 Inkqubo yeeMviwo (Examination System) ekhoyo ngoku, ayikuvumeli ukubhaliswa ekhompyutheni (online registration) kwabafundi babucala nabangesosigxina (ABET). Iifom zobhaliso (ezipinki ngokumalunga nabafundi abangesosigxina (ABET) neziluhlaza okwengca kubafundi babucala), zifakwe apha ukulungiselela le njongo. Uyacelwa ke ngoko ukuba uzalise ezi fom zobhaliso zifakwe apha ngokumalunga nabafundi babucala okanye abangesosigxina (ABET) ababhalise esikolweni sakho/kwiziko lakho bebhalisela uviwo lweMatriki luka-2007, kwakunye neziHlomelo A no neziHlomelo-B.
3.2 Iifom zobhaliso ezizalisiweyo nezihlomelo ezihamba kunye nazo mazingeniswe kule dilesi ingentla ukuze zifike kule ofisi ingadlulanga i-15 Matshi 2007.
4. Qho ngonyaka iSebe lifumana ubunzima malunga nokuzaliswa kweefom zobhaliso zoviwo ngenxa yeempazamo. Izicelo ezininzi ezicela ukutshintshwa kwezifundo namahlelo ezifundo (subject grades) ziye zifunyanwe emva kokuba kugqityiwe ukubhalisela uviwo, kwakunye nangexesha lokubhalwa kweemviwo. Kucelwa niyiqonde into yokuba ezi zicelo zibangela ubunzima obugqithisileyo ngexesha lokulungiswa kweziphumo kwaye zongeza umsebenzi omninzi kwiCandelo leeMviwo. Kucelwa nincede niqinisekise ukuba ukubhaliswa kwabafundi kuchanekile ngandlela zonke. Ngethuba leeMviwo zikaNovemba 2006, abafundi abaninzi batshintsha izifundo zabo/amahlelo abo ngokungekho mthethweni. Kulo nyaka iSebe linelungelo lokuzibhengeza ezi ziphumo njengento elilize nengekhoyo.
5. ThiSiya kuyithakazelela intsebenziswano yenu.


ISAYINWE: NGU-L.C. ARENDSE
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2007:02:16

Isihlomelo A  (ubukhulu: 33 KB)
Isihlomelo B  (ubukhulu: 7 KB)