1. ISebe leMfundo leNtshona Koloni (WCED) liya kuqhuba uvavanyo lweNqanaba 4 (Level 4 assessment) ngo-Juni 2007 ngokungqinelana nemigaqo, iikhrayitheriya nemigangatho esetyenziswayo. ICandelo loLawulo lweeMviwo liya kuququzelela lize liqhube uvavanyo ukuze iCandelo loPhuhliso lweKharityhulam libonelele ngolwazi lweengcali kwezekharityhulam oluyimfuneko.
2. Ayacelwa onke amaziko emfundo yabadala asekuhlaleni abhalise kwiSebe leMfundo leNtshona Koloni (WCED community learning centres (CLCs)), ukuba abhalise abafundi bawo ukuze bavavanywe kwiinkalo zezifundo abazikhethele zona, ngokuxhomekeka ekubeni abafundi abo bayigqibile yonke imilinganiselo yemigangatho (unit standards) kwiinkalo zezifundo ezichaphazelekayo. Apho kunokwenzeka, kuya kuhlangatyezwana nazo zonke iimfuno zeenkalo zezifundo zabafundi. Nangona kunjalo, iCandelo leeMviwo linelungelo lokungalwenzi uvavanyo kwiinkalo zezifundo apho bambalwa kakhulu abafundi ababhalisele ukungenela uvavanyo.
3. Uvavanyo lwenza i-50% yamanqaku ize enye i-50% ivele kwiphothifoliyo emodareyithiweyo ye-CASS.
4. Siza kukhutshwa kungekudala isicwangciso samaxesha okubhala (timetable) sovavanyo lwango-Juni 2007.
5. Bayacelwa abaphathi bamaziko ukuba bazalise ifom enye kwezo zobhaliso zifakwe apha ngokumalunga nomfundi ngamnye kumaziko abo onqwenela ukungenela olu vavanyo. Ifom yokungenela uvavanyo yomfundi ongekhoyo ngenxa yokugula okanye ngenxa yeemeko ezingenakuthintelwa mayisayinwe ngumphathi weziko, noya kuthi nangona kunjalo, abonise ngakwisiginitsha yakhe ukuba umfundi ebengekho.
6. Uhlobo lwefom yokungenela (Entry type): Sebenzisa ikhowudi efanelekileyo ukubonisa ukuba ngaba umfundi uvela kwiziko lemfundo yabadala leSebe likarhulumente ("Public") okanye kwiziko lemfundo yabadala labucala ("Industry") elizimeleyo.
7. Kucelwa uqaphele ukuba akukho lutshintsho kwiinkalo zezifundo luya kuvunyelwa emva kokuba iifom zokungenela (entries) zigqityiwe. Ngako oko ke iifom zokungenela mazizaliswe ngokuchanekileyo nangononophelo olukhulu.
8. Zonke iifom zokungenela ezifakwe zonke iinkcukacha zaza zacwangciswa ngokwe-alfabethi, nesiHlomelo A mazifike kwiCandelo leeMviwo engadlulanga uLwesihlanu we-23 Matshi 2007. Akukho zifom zingeniswe emva kwexesha ziya kwamkelwa.
9. Izikhokelo ngokunxulumene nokumiselwa kwemigangatho, izibheno nokunikezelwa kwezatifikethi (standardisation, appeals and certification) zingafunyanwa kwiSetyhula 0027/2004 kwaye mazifundwe kunye noxwebhu oluyi-National Policy on Conduct of the ABET Level 4 Examinations, olwanikezelwa kumaZiko eMfundo yaBadala kaRhulumente ngo-2002. Olu xwebhu lwapapashwa kwiGazethi kaRhulumente (Government Gazette) i-Volume 445, 23590 yowe-5 Julayi 2002 kwaye iyafumaneka kule dilesi yeziko lewebhu: http://www.gov.za/gazette/notices/2002/23590.pdf  [ubukhulu: 2.97 MB].


ISAYINWE: NGU-A.P. CLAUSEN
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2007:02:12

Entry form  (ubukhulu: 15 KB)
Annexure A  (ubukhulu: 14 KB)