1. UKUMAKISHWA KWAKHONA KWEENCWADI ZEEMPENDULO

Iincwadi zeempendulo zabaviwa zinokumakishwa kwakhona kwezi meko zilandelayo:

1.1 Umviwa otshone isifundo esinye okanye ngaphezulu kwiiMviwo zeMatriki okanye kwiiMviwo zeNqanaba 4 le-ABET unokucela ukuba incwadi yeempendulo (iincwadi zeempendulo) yakhe (zakhe) imakishwe kwakhona (zimakishwe kwakhona) kwisifundo (kwizifundo) sakhe (zakhe) ukuba imakishwe (zimakishwe) kwakhona.
1.2 Umviwa ophumelele iimviwo zeMatriki, kodwa akaphumelela kwisifundo esinye okanye ngaphezulu ukufika kumgangatho oyimfuneko ukulungiselela injongo ethile (Umz. Ukupasa imatriki gqibi (matriculation exemption), ibhasari okanye ummiselo othile oyimfuneko weziko lemfundo ephakamileyo, unokuthi, ngemvume yeSebe leMfundo acele ukuba incwadi yempendulo (iincwadi zeempendulo) yakhe (zakhe) kwisifundo (kwizifundo) esithile (ezithile) imakishwe (zimakishwe)). Isizathu sokucela ukumakishwa kwakhona masibhalwe kuxwebhu lwephepha olwahlukileyo sihambe nesicelo eso. Izicelo ezingahambi nazizathu esezikhankanywe apha ngasentla aziyi kuqwalaselwa. (Qaphela ukuba iSebe leMfundo liya kukulungela ukumakisha kwakhona iincwadi zeempendulo kwisifundo apho umviwa angaphumelelanga ukuzuza i-40% kuphela ngenjongo yokufumana isatifikethi sematriki sokupasa gqibi (matriculation endorsement) kunye/okanye xa oko kuyinto ebalulekileyo ekubeni afumane ibhasari.
1.3 ISebe leMfundo linako, lisebenzisa ingqiqo yalo, ukuvumela ukumakishwa kwakhona kwencwadi yeempendulo (kweencwadi zeempendulo) yomviwa (zomviwa) ophumelele iimviwo zeMatriki okanye iiMviwo zeNqanaba 4 ze-ABET ukuba ukho umahluko ubuncinane weesimboli ezimbini phakathi kwamanqaku angoSeptemba abenikwe sisikolo namanqaku azuzwe kwiimviwo zeSebe leMfundo.
1.4 Ukuba umviwa upasa izifundo ezintlanu okanye ezintandathu, kodwa angafiki kumndilili (aggregate), iSebe leMfundo linako, ngokwengqiqo yalo, ukuvumela ukumakishwa kwakhona kwencwadi yeempendulo (kweencwadi zeempendulo) yomviwa (zomviwa) onjalo.
1.5 Umviwa ofumene umndilili oyi-1680 yamanqaku okanye ngaphezulu koko kwiimviwo zesikolo zangoSeptemba waza akafumana ngaphantsi kwamanqaku ayi-1660 kwiiMviwo zeMatriki, angacela ukuba isifundo okanye zonke izifundo zimakishwe kwakhona.
1.6 Umviwa ozuze isimboli engu-A kwisifundo kwiimviwo zesikolo zikaSeptemba waza wangaphantsi ngesimboli enye kweso sifundo kwiiMviwo zeeMatriki angavumeleka ukuba isifundo eso simakishwe kwakhona.
1.7 IZICELO ZOKUMAKISHWA KWAKHONA KWEENCWADI ZEEMPENDULO, KUNYE NEMALI EMISELWEYO EYI-R70.00 NGESIFUNDO NGASINYE, MAZIFIKE KWISEBE LEMFUNDO ZINGADLULANGA IINTSUKU EZINGAMASHUMI AMATHATHU (30) EMVA KOKUPAPASHWA NGOKUSESIKWENI KWEZIPHUMO ZEEMVIWO. AKUKHO SICELO SOKUMAKISHWA KWAKHONA KWEENCWADI ZEEMPENDULO SIYA KUQWALASELWA NGAPHANDLE KOKUBA ISIXA ESIMISELWEYO SIHAMBA NESICELO ESO YAYE SIFIKA NGETHUBA ELIMISELWEYO.
1.8 Umhla wokuvalwa kokwamkelwa kwezicelo zokumakishwa kwakhona kweencwadi zeempendulo zeemviwo zikaNovemba 2007 zingadlulanga iintsuku ezingama-30 leentsuku emveni kokuvakaliswa kweziphumo.
1.9 UMVIWA NGAMNYE UYA KWAZISWA NGEZIPHUMO ZOKUMAKISHWA KWAKHONA KWEENCWADI ZEEMPENDULO. AKUKHO ZIPHUMO ZIYA KWAZISWA NGEFONI PHAMBI KWE-15 MATSHI 2008.

2. UKUTSHEKISHWA KWAKHONA KWEENCWADI ZEMPENDULO
2.1 Bavunyelwe abaviwa ukuba benze izicelo zokuba iincwadi zeempendulo zabo zitshekishwe kwakhona ukuqinisekisa ukuba zonke iimpendulo zamakishwa amanqaku adityaniswa aze alungiswa ngokuchanekileyo.
2.2 Isicelo sokuba iincwadi zeempendulo mazitshekishwe kwakhona masenziwe zingadlulanga iintsuku eziyi-30 zokupapashwa kweziphumo. Intlawulo yi-R12.00 ngesifundo ngasinye yaye ayibuyiswa.
2.3 Abenzi-sicelo baya kwaziswa ngeleta ngeziphumo zokutshekishwa kwakhona kweencwadi zeempendulo zabo. Apho kufunekayo oku, kuya kukhutshwa iNgxelo yeziPhumo efakelwe izilungiso (amended Advice of Results).

3. UKUBONWA KWEENCWADI ZEEMPENDULO
3.1 Ukuba abanelisekanga sisiphumo sokumakishwa kwakhona, abaviwa banokuzibona iincwadi zeempendulo zabo ngentlawulo eyi-R150.00 isifundo ngasinye. Le ntlawulo ayibuyiswa.
3.2 Makungeniswe isicelo esibhaliweyo, esinika izizathu zokwenziwa kwesicelo eso, kwiNtloko yeSebe leMfundo zingadlulanga iintsuku ezingamashumi amathathu (30) azisiwe umviwa ngeziphumo zokumakishwa kwakhona kweencwadi zeempendulo.
3.3 Umviwa kunye/okanye umzali (abazali bakhe) okanye umgcini wakhe uya (baya) kuvunyelwa ukuba ayibone incwadi yeempendulo (azibone iincwadi zeempendulo) echaphazelekayo yaye unako, ngenxa yesizathu esibe sisiphumo soko, ukufaka isikhalazo kwithuba leentsuku ezisixhenxe. ISebe leMfundo leNtshona Koloni liya kuthi emva koko lithathe isigqibo esibophelelayo ngokumalunga neziphumo.

QAPHELA: Izicelo zokubonwa kweencwadi zeempendulo, ezihamba nentlawulo emiselweyo, mazifike kwiSebe leMfundo, zingadlulanga iintsuku ezingamashumi amathathu (30) zokufunyanwa kwesiphumo sokumakishwa kwakhona kweencwadi zeempendulo. AKUKHO ZICELO ZIYA KUQWALASELWA EMVA KWALO MHLA.


4. UKUBUYISWA KWENTLAWULO YOKUMAKISHWA KWAKHONA KWEENCWADI ZEEMPENDULO
4.1 Iintlawulo zokumakishwa kwakhona kweencwadi zeempendulo ezaye zahlawulelwa nasiphi na isifundo ziya kubuyiswa ukuba, ngenxa yokumakishwa kwakhona, umviwa lowo
(a) Uyasiphumelela isifundo okanye izifundo ebezitshonile kuqala.
(b) Uzuza amanqaku aphucula iziphumo kwisifundo eso ubuncinane ngesimboli enye.

Ukubuyiselwa kweentlawulo zokumakishwa kwakhona kweencwadi zeempendulo kuya kwenziwa kwakuba nje kugqitywe inkqubo yokumakishwa kwakhona kwazo zonke izifundo.

4.2 Ngoko ke, kubaluleke kakhulu ukuba irisithi ekhutshelwe ukuhlawula iifizi zokumakishwa kwakhona kweencwadi zeempendulo igcinwe kwindawo ekhuselekileyo.

5. IZICELO
5.1 Isicelo sokumakishwa okanye ukutshekishwa kwakhona kweencwadi zeempendulo masenziwe kwifom emiselweyo. Makungeniswe iifom ezahlukeneyo zokumakishwa okanye zokutshekishwa kwakhona kweencwadi zeempendulo zeemviwo. Izicelo zingangeswa kwaNdlunkulu weSebe leMfundo (kwiCandelo laBanzelwa iiNkonzo, kuMgangatho 2) (Client Service Division, 2nd Floor) okanye ziposelwe kule dilesi ilandelayo:
Head:  Education 
Attention: Examinations Administration Directorate
Western Cape Education Department
Private Bag X9114
CAPE TOWN
8000
5.2 Kwimeko apho kufuneka kubuyiselwe intlawulo, makungeniswe kwakhona le fom ye-BAS ehamba nesicelo ngasinye sokumakishwa kwakhona kweencwadi zeempendulo.

Umviwa ongenayo i-akhawunti yebhanki makazalise inkcukacha zebhanki zomzali okanye zomgcini wakhe xa ezalisa ifom ye- BAS. (Akukho feksi zeefom ze-BAS ziya kwamkelwa).


6. IMIBUZO

Iifom zingacelwa kwezi nombolo needilesi zoqhagamshelwano zilandelayo, okanye zikotshwe kwiziko lewebhu leWCED.

021 467 2952 okanye idilesi ye-imeyili: nkanase@pgwc.gov.za
021 467 2994 okanye idilesi ye-imeyili: mbuys@pgwc.gov.za 
021 467 2459 okanye idilesi ye-imeyili: kdarvel@pgwc.gov.za
021 467 2285 okanye idilesi ye-imeyili: kscheepers@pgwc.gov.za
Idilesi yeziko lewebhu:
http://wced.wcape.gov.za/circulars/index


ISAYINWE: NGU-L.C. ARENDSE
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2007:12:11

Application form: ISICELO SOKUTSHEKISHWA OKANYE SOKUMAKISHWA KWAKHONA KWEZIKRIPTHI ZOVIWO
(ubukhulu: 35 KB)
Payment procedure  (ubukhulu: 17 KB)
BAS-form  (ubukhulu: 13 KB)