1. Apha kufakwe iimakhishithi ukuze zizaliswe, njengoko kwakuchaziwe kule Setyhula 0056/2007. Iimakhishithi zezifundo ezingazodwa mazinikwe utitshala wesifundo. Ukuba imakhishithi yephepha elithile ayifikanga, makwaziswe iSebe ngaphandle kokulibazisa.
2. Uluhlu lokulawula iimakhishithi (marksheet control list) lukwafakiwe nalo apha. Oku kuya kunceda inqununu ukuba itshekishe ukuba ingaba isikolo sazifumana zonke kusina na iimakhishithi ezichaphazelekayo, nokuba ilawule ukubuyiselwa kweemakhishithi kwiSebe. (Izintlu zokulawula iimakhishithi mazingabuyiselwa zona kwiSebe.)
3. Ootitshala bezifundo mabaqinisekise ukuba kufunyenwe imakhishithi echanekileyo kwiseshoni yoviwo, o.k.t baqinisekise ukuba imakhishithi yeyesifundo esichanekileyo nokuba iphepha lemibuzo liphepha elichanekileyo ngokunjalo. (Xa kubhalwa iPhepha 1, kucelwa ukuba kungasetyenziswa imakhishithi yePhepha 2.)
4. Ootitshala mabazalise ezi makhishithi, ekukhutshwe kuzo ikopi enye kuphela, beqinisekile ukuba afakiwe amanqaku kumbuzo ngamnye, amanqaku apheleleyo kwiphepha ngalinye, namanqaku ewonke (grand total) kwisifundo ngasinye.
5. Kuza kukhutshwa ezi makhishithi zilandelayo:
English Home Language Papers 1 and 3
Afrikaans Home Language Papers 1 and 3
Afrikaans First Additional Language Papers 1 and 3
Afrikaans Second Additional Language Papers 1 and 2
IsiXhosa Home Language Papers 1 and 3
IsiXhosa First Additional Language Papers 1 and 3
IsiXhosa Second Additional Language Papers 1 and 3
Mathematics Paper 1 and 2
Mathematical Literacy Papers 1 and 2
6. Iimakhishithi neencwadi zeempendulo (scripts) ziya kuqokelelwa nge-29 ne-30 Novemba 2007 yikhuriya uSkynet Courier Service (inombolo yefoni 021 531 9191).
7. Yonke imibuzo malunga neemakhishithi ezingekafunyanwa mayibhekiswe kulo Nks I Gonçalves kule nombolo yefoni 021 467 2911.


ISAYINWE: NGU-A.P. CLAUSEN
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2007:11:15


The documents, referred to in this Minute, were sent to schools.