1. Kucelwa ufunde le Ngcaciso iMfutshane 0037/2007 yowe-15 Agasti 2007, eyayikwazisa ukuba iSebe leMfundo kuzwelonke njengangoku, livavanya iprogram yekhompyutha entsha ukulungiselela ukusetyenzwa (process) kweziphumo zoviwo. Kule nkqubo yekhompyutha inombolo yesazisi yomviwa (candidate's ID number) yinto enyanzelekileyo (compulsory field).
2. Ukususela ngo-2008, inombolo yesazisi (ID) yomviwa ngamnye weSatifikethi seMatriki sikaZwelonke, iya kusetyenziselwa ukubhalisa umviwa ize iphinde kwakhona ibe yinombolo yoviwo yomviwa.
3. Ingcaciso yakutshanje kwiCEMIS ibonisa ukuba bangaphezu kwama-28 000 abafundi beBakala 11 njengangoku abangekabinazo iinombolo zezazisi.
4. Ngenxa yoku, ziyacelwa iinqununu ukuba zincede ziqinisekise ukuba iinombolo zezazisi zabafundi bazo abakumaBakala 10 no-11 njengangoku, ziza kuba zifakwe (captured) kwi-CEMIS ungadlulanga owe-23 Novemba 2007.


ISAYINWE: NGU- CD BIRTLES
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2007:11:07