1. Ukwenzela ukuba iinqununu zibe nako ukwenza amalungiselelo ayimfuneko okuba zize kuthatha iziphumo zeemviwo zize zizitshekishe, kunikwa le mihla kujoliswe kuyo ilandelayo kunye nengcaciso echaphazelekayo. Kucelwa niqaphele ukuba le mihla kujoliswe kuyo kwanamaxesha anikiweyo zezokubambisa nje okwethutyana ngako oko ke zisenokutshitshwa kunye nokuba naluphi na utshintsho lwala malungiselelo luya kupapashwa kumaphepha-ndaba. Ii-EMDC ziya kwaziswa ngokupheleleyo ngazo naziphi na iinguqulelo ezenziweyo.

1.1ULwesihlanu, 28 Disemba 2007 ngo-08:00
(QAPHELA: Kungabi ngaphambi ko-08:00)

Iinqununu zinikwa iiyure ezi-4 zokutshekisha iziphumo zikhangele ukuba akukho naziphi na iimpazamo ezicacileyo.
Iinqununu zingaziphuthuma iziphumo kwii-EMDC..
1.2ULwesihlanu 28 Disemba 2007 ngo-12:00
QAPHELA: AKUKHO ziphumo mazaziwe ngabafundi kwaye KUNGEKHO ngcaciso emalunga noku emayinikwe abamaphepha-ndaba phambi ko-12:00.
Izikolo zingabanika abafundi bazo iziphumo.
1.3ULwesihlanu 28 Disemba 2007 ngo-09:00UMphathiswa wePhondo ukhupha iziphumo.
1.4ULwesihlanu 28 Disemba 2007 ngo-12:00UMphathiswa weMfundo kwiZwelonke ukhupha iziphumo zezwelonke
1.5ULwesihlanu, umhla we 28 Disemba 2007 emva kwemini (okanye ngoMgqibelo, umhla we 29 Disemba 2007)Iziphumo zipapashwa kumaphepha-ndaba nakwiziko lewebhu le-WCED http://wced.wcape.gov.za
1.6ULwesihlanu 4 Januwari 2008 emva ko-12:00Iziphumo ezingathathwanga kwii-EMDC ziya kuposelwa ezikolweni.

2. Njengoko kunyanzelekile ukuba onke amaqela alandele ngqo la malungiselelo, ibaluleke kakhulu intsebenziswano yenu ngokumalunga noku.
3. Ukwenzela ukujonga iziphumo zomfundi ngamnye kwiziko lewebhu le-WCED apha http://wced.wcape.gov.za abaviwa mabafake kwikhompyutha iinombolo zabo zoviwo neenombolo zezazisi zabo.
4. Malaziswe iSebe leMfundo ngamalungiselelo izikolo ezingathanda ukuwenza ngokumalunga nokuza kuthatha iziphumo. Ngako oko ke ziyacelwa iinqununu ukuba zizalise le fom iqhotyoshelweyo zize ziyithumele kumlawuli we-EMDC yazo ungadlulanga owe-26 Novemba 2007. Ezi nkcukacha ziya kusetyenziswa kwakhona xa kuqhagamshelwana neenqununu eziza kumenywa kwitheko lokunikezelwa kwamabhaso kwabo bagqwesileyo.
5. Abamajelo eendaba baya kunikwa le ngcaciso ilandelayo:
  • Amagama neenombolo zoviwo zabaviwa abapasileyo, ngokwesikolo ngasinye nangokwesithili ngasinye. Kusetyenziswa ezi simboli zilandelayo:

    • E - Endorsement;
    • M - Endorsement with Merit;
    • D - Endorsement with Distinction;
    • S - Senior Certificate;
    • N - Senior Certificate with Merit;
    • P - Senior Certificate with Distinction.
    • Izifundo abaviwa abazipase emagqabini nazo ziya kuboniswa (ngeesimboli ezingoo-A).
  • Amagama abafundi abagqwesileyo abafumene iNkwekhwezi (Distinction) (ngamanqaku ewonke angama-1680 okanye nangaphezulu) okanye abapase kakuhle kakhulu (ngamanqaku ewonke aphakathi kwama-1260 nama-1679)

  • Igama lomviwa ngamnye oyinjinga kwisikolo sakhe

  • Amagama abafundi abathathu abaziinjinga (abafumene ubuncinane ama-80%) kwisifundo ngasinye kuHlelo lweHigher Grade nolweStandard Grade

6. Njengoko kubaluleke gqitha ukuba abaviwa abangalupasanga uviwo banikwe uncedo lokubaxhasa ngokwasemoyeni, intuthuzelo nengcebiso, mabaxelelwe abaviwa ukuba kukho inkonzo elolu hlobo efumanekayo. Le ntuthuzelo nengcebiso inokunikwa esikolweni xa abafundi benikwa iziphumo zabo, okanye, apho kunokwenzeka, kwi-EMDC echaphazelekayo apho kuya kubakho abantu bokwenjenjalo. Ukuba inqununu imthumela umviwa kwi-EMDC, mayimnike umviwa lowo inombolo yefoni nedilesi ye-EMDC leyo yaye mayinike i-EMDC iinkcukacha zomviwa. Iinqununu maziyithathele ingqalelo into yokuba, Njengoko kuye kuthi abo bafundi bayifuna ngamandla kakhulu intuthuzelo nengcebiso iba ngabo kanye abangayifuniyo, ngako oko ke kubhenelwa kwiinqununu ukuba mazisoloko zithe qwa zijonge iimvakalelo zabaviwa ekuye akwaphumelela oko bebekulindele.


ISAYINWE: NGU-B.K. SCHREUDER
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2007:11:21

Ukuthathwa kweziphumo zoviwo  (ubukhulu: 8 KB)