1. Kuqhotyoshelwe apha ifom yebango (isiHlomelo A) emayizaliswe ngumgadi wabaviwa oyintloko ngokumalunga naye kunye nomgadi wabaviwa ngamnye oncedisayo obegade abaviwa kwiziko loviwo elo. Le fom yebango mayizaliswe NGE-INKI EMNYAMA. Inani leeseshoni mazingqinwe yinqununu okanye ngumphathi weziko, ekufuneka naye eyisayinile le fom yebango.
2. ISebe leMfundo malaziswe ngokubhaliweyo ngalo naluphi na utshintsho kwidilesi yomgadi wabaviwa olwenzeka emva kokungeniswa kweefom zokutyunjwa kwakhe.
3. Ziyacelwa iintolongo ezisebenzisa abagadi babaviwa abangengabo abasebenzi bazo ukuba zazise iSebe leMfundo ngamalungiselelo alolu hlobo ngencwadi ebhaliweyo.
4. Abagadi babaviwa baya kuhlawulwa ngokweentlawulo zeSebe leMfundo (Departmental tariffs).
Umgadi waBaviwa oyiNtloko    R96.30 ngeseshoni
Umgadi waBaviwa oNcedisayo   R64.20 ngeseshoni
Niyakhunjuzwa ukuba izikolo ezizimeleyo kunye neekholeji mazibahlawule ngokwazo abagadi babaviwa bazo.
5. Xa kuhlawulwa abagadi babaviwa, iiseshoni zoviwo eziqhubeka phambi kwentsimbi yeshumi elinesibini emin’ emaqanda ziya kuthathwa njengeeseshoni zakusasa (kungabandakanywa iimvavanyo zokuchwetheza ungenzi mpazamo ngesantya esisikelwe ixesha (timed accuracy-test) zesifundo sokuChwetheza ukususela ngo-9:00 - 9:10). Iiseshoni zoviwo eziqala emva kwentsimbi yeshumi elinesibini emin’ emaqanda zithathwa njengeeseshoni zasemva kwemini.
6. Izicelo zamabango zabagadi babaviwa abathathe iindawo zabanye (replacement invigilators) ziya kuhlawulwa kuphela xa kulandelwe indlela echanekileyo yokutyunjwa nokuqeshwa kwabo.
7. Kucelwa uqinisekise ukuba kusetyenziswa kuphela inani eliqingqiweyo labagadi babaviwa abancedisayo kwiseshoni nganye. Makubekho ileta ecacisayo ehamba kunye nesicelo sebango labagadi babaviwa abongeziweyo.
8. Uninzi lweenqununu sezivumelene neSebe leMfundo ngomba wokufakwa kwemali yabagadi babaviwa kwii-akhawunti zebhanki zezikolo zazo. Ukuze kube nokuhlawulwa izicelo zamabango abagadi babaviwa ezi zikolo phambi kowe- 07 Disemba 2007, iifom zabo zamabango mazifike kwiSebe leMfundo phambi kowama- 23 Novemba 2007. Izicelo zamabango ezifke emva kwalo mhla ziya kuhlawulwa kuphela ngo Januwari 2008.
9. Ifom yebango ineekholam yabagadi babaviwa abaziintloko abaya kwiiseshoni zoqeqesho ezinyanzelekileyo. Abenzi bezicelo zamabango mababhale loo mgama bawuhambileyo, nokuba ngaba ngumgama okwi-75 km okanye ngaphaya koko. Mabafake isicelo sebango leseshoni yoqeqesho enye kuphela xa behambe umgama ongengaphezulu kwe-75 km, okanye isicelo sebango leeseshoni ezimbini ukuba bahambe umgama ongaphezu kwalo.
10. Abagadi babaviwa abaziintloko abaye bancedisa xa kufika naxa kutshekishwa amaphepha emibuzo mababonise ibango lale nkonzo kwikholam efanelekileyo kwifom yebango. Mabenze isicelo sebango leseshoni enye kuphela ukuba bancedisa xa kutshekishwa imithwalo emi-3 yamaphepha emibuzo.
11. Ukwenzela ukuba uncedise ekwenzeni ahlawulwe ngokukhawuleza amabango abagadi babaviwa, ungazifeksela iifom kule ofisi, usebenzise le nombolo yefeksi 021 461 5637. Ukuba ukhetha ukusifeksa isicelo sebango, kufuneka emva koko uthumele ifom yebango yentsusa (original claim form) kwiSebe leMfundo. Umgadi wabaviwa oyintloko makagcine ikopi yefom yebango ezalisiweyo ngeenjongo zokugcina iirekhodi.
12. Ngokukhawuleza emva kokugqitywa kweseshoni yoviwo yokugqibela kwiziko lakho, makuthunyelwe ifom yebango yentsusa (original claim form) ngeyona ndlela ikhawulezileyo enokwenzeka, nokuba kungeposi, ngenkonzo yekhuriya okanye iziswe ngesandla, kwenye yezi zidilesi:

Idilesi yeposi    Idilesi yesitrato
The Head: Education
For attention:
  Ms VB du Plessis / Ms E Du Toit
Western Cape Education Department
Directorate: Examinations
Private Bag X9114
Cape Town
8000
          The Head: Education
For attention:
  Ms VB du Plessis / Ms E Du Toit
Western Cape Education Department
Directorate: Examinations
5th Floor - Room 515 A
Grand Central Towers
Lower Parliament Street
Cape Town


ISAYINWE: NGU-AP CLAUSEN
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2007:09:26


The attached document, referred to in this Minute was sent to schools.