1. Izinto zokubhala ezizodwa ezifunwa ngabafundi kwizifundo ezithile zidweliswe kwisiHlomelo A.
2. Ngaphandle kwamaphepha eemviwo adweliswe ngezantsi apha, umgadi wabaviwa makanike umfundi incwadi yempendulo efanelekileyo kwelo hlelo abhala kulo uviwo.
3. Umfundi ocela ukuba anikwe enye incwadi yempendulo ukongeza, makaxelelwe ukuba ayifake phakathi kweyokuqala leyo yesibini. Uyacelwa ukuba ugcine irekhodi yazo zonke iincwadi zeempendulo ezikhutshiweyo kwaye utshekishe kwangoko emva kweseshoni ukuba ngaba ezi ncwadi zeempendulo zingenisiwe kusini na.
4. Akukho ziincwadi zeempendulo kufuneka zinikwe abafundi kula maphepha eemviwo alandelayo, njengoko iimpendulo kufuneka ziphendulwe kwiphepha lemibuzo okanye kwincwadi yempendulo ebonelelweyo:
Geography HG/SG, Second Paper (Mapwork)
Music HG/SG, First Paper (Harmony and Composition)
Woodwork SG (Drawing)
Technika (Civil) HG/SG
Technical Drawing HG/SG
5. Zingasetyenziswa iikhalityhuleyitha ezivunyiweyo (approved pocket calculators) (Funda isiHlomelo A)
6. Abafundi banganikwa elinye iphepha lokuzoba ukongeza, ukuba bayalifuna.
7. Isikolo ngasinye/iziko ngalinye liya kunikwa iilebhile ezaneleyo namaphetshana abonisa ukuhanjiswa kwezinto ukulungiselela ukubuyiswa kwamaphepha eempendulo yinkonzo yekhuriya echaphazelekayo.
8. Iinqununu ziyacelwa ukuba zazise abafundi ngokukule Ngcaciso imfutshane yeCandelo leeMviwo.


ISAYINWE: NGU-A.P. CLAUSEN
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2007:10:01

Isihlomelo A  (ubukhulu: 11 KB)