1. Uluhlu lokugqibela lwabaviwa ababhalisiweyo abasisigxina nabe-ABET

Uluhlu lokugqibela lwababhalisileyo esikolweni sakho luqhotyoshelwe apha ukulungiselela iinjongo zeerekhodi. Kucelwa utshekishe ukuba zenziwe zonke na izilungiso. Izikolo mazingqine ngokubhala ileta ungekadluli owe-20 Septemba 2007 ukuba uluhlu lwazo luchanekile ngandlela zonke, okanye zibonise iimpazamo ezisekhoyo.

2. Amanqaku eemviwo zangaphakathi angoJuni nangoSeptemba 2007

Uyakhunjuzwa ukuba akukho mfuneko yokuba athunyelwe kwiSebe leMfundo amanqaku angoJuni nangoSeptemba. Nangona kunjalo, makafumaneke ukuba lithe iSebe leMfundo lawafuna loo manqaku, umz. ngexesha lophando lwezitenxo. Ngenxa yesi sizathu, nganye inqununu, okanye ngamnye utitshala odluliselwe amagunya, makabenako ukuqhagamshelwa ngefoni ngexesha leeholide zikaDisemba. Uyacelwa kwakhona ukuba uthumele ikopi yezintlu zamanqaku (mark list) esikolo sakho angoJuni nangoSeptemba kumququzeleli wovavanyo ukuze akwazi ukuqinisekisa inkqubela yabaviwa.

3. Uluhlu lwabafundi babucala (private candidates)

Apho kuyimfuneko, uluhlu lwabaviwa babucala (private candidates) abaya kube bebhalela iimviwo esikolweni sakho lufakiwe nalo apha ukukwazisa. Ikopi yolu luhlu mayinikwe umgadi wabaviwa oyintloko esikolweni sakho.

4. Uluhlu lweempawu zobhalo kumagama (diacritics)

Kuqhotyoshelwe apha uluhlu lwabaviwa abaneempawu zobhalo kumagama abo aprintiweyo. Kucelwa ubonise iimpawu zobhalo kwifani kunye/okanye kwigama lomviwa (kumagama omviwa) ngamnye, umz. ê, è. Ukuba amanye amagama abaviwa akafakwanga, kucelwa wongeze amagama abo kuluhlu. Kucelwa ulubuyisele olu luhlu kule nombolo yefeksi 021 461 5637, ukuba luqwalaselwe nguNks C Abrahams.

5. Uluhlu lwabaxolelweyo ekwenzeni ulwimi lwesibini (language exemptions)

Iphepha elisisishwankathelo eliqhotyoshelweyo malizaliswe ngokumalunga nabo bonke abaviwa ababhaliswe kwiSebe leMfundo abaxolelweyo kwimfuno emiselweyo yokuba bapase okanye benze ulwimi lwaseburhulumenteni lwesibini. Ukuba isikolo asinabo abaviwa abafumene ukuxolelwa ekwenzeni ulwimi lwesibini, makungeniswe ingxelo yokuba abekho (nil return). Kucelwa uyifeksele ifom ezalisiweyo kuMnu G Valentine kule nombolo yefeksi 021 461 5637.



ISAYINWE: NGU-C.D. BIRTLES
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2007:09:11

Summary sheet: List of language exemption learners, November 2007  (ubukhulu: 9 KB)