1. Kucelwa ufunde le Ngcaciso eMfutshane yeeMviwo 0042/2007 emalunga nokusiwa kwamaphepha emibuzo ayimithwalo emine kumaziko okubhalela iimviwo.
2. Iimakhishiti nerejista yolawulo lweencwadi zokubhala uviwo ziya kusiwa ezikolweni, kunye namaphepha emibuzo ahambelana nazo.
3. Iimakhishiti, eziphinda-phindwe kathathu (in triplicate), mazinikwe umgadi wabaviwa oyintloko yinqununu okanye ngumphathi weziko. Ikopi yentsusa nekopi yokuqala mazihambe neencwadi zeempendulo xa zithunyelwa kwiSebe leMfundo. Ikopi yesibini mayigcinwe yinqununu okanye ngumphathi weziko ukulungiselela iirekhodi nemibuzo.
4. Iirejista zolawulo lweencwadi zokubhala uviwo zikhutshwa ziyiduplikheyithi (in duplicate) kwaye mazinikwe umgadi wabaviwa oyintloko yinqununu okanye ngumphathi weziko. Ikopi yentsusa mayihanjiswe neencwadi zeempendulo ukuya kwiSebe leMfundo. Umgadi wabaviwa oyintloko makagcine ikopi ukulungiselela iirekhodi nemibuzo.
5. Kuya kufakwa kwakhona ne-mark sheet control list. Oku kuya kunceda umgadi wabaviwa oyintloko ekutshekisheni ukuba isikolo sazifumana zonke na iimakhishiti ezichaphazelekayo nokulawula ukubuyiselwa kwakhona kweemakishiti ezichaphazelekayo kwiSebe leMfundo. Ii-mark sheet control lists mazingabuyiselwa kwiSebe leMfundo.
6. Kucelwa ufunde ISikhokelo seeNqununu naBagadi baBaviwa (Procedure Manual for Principals and Invigilators) esesinikwe iinqununu, abaphathi bamaziko nabagadi babaviwa abaziintloko ngokumalunga neenkqubo emazilandelwe xa kuzaliswa iimakhishiti neerejista zolawulo lweencwadi zokubhala uviwo nokuhanjiswa kweencwadi zeempendulo ukusiwa kwiSebe leMfundo.

Kubongozwa iinqununu, abaphathi bamaziko nabagadi babaviwa abaziintloko ukuba baqinisekise ukuba le miyalelo ilapha ngasentla ilandelwa ngokuthe ngqo.


7. Yonke imibuzo ephathelele kwiimakhishiti ezingafikanga mayibhekiswe kuNks I Gonçalves okanye kuMnu J Molfert (inombolo yefoni 021 467 2911). UMnu C Berry (inombolo yefoni 021 467 2265) uya kusingatha imibuzo emalunga nokusiwa kwamaphepha emibuzo.


ISAYINWE: NGU-C.D. BIRTLES
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2007:09:10