1. UKUZALISWA KWEEMAKHISHITHI
1.1 Kufakwe apha iimakhishithi zovavanyo rhoqo (continuouss assessment-CASS) eziveliswe ngekhompyutha, ngaphandle kwezo zezo zifundo zidweliswe kwisiHlomelo A (Iimakhishithi zezifundo ezidweliswe kwisiHlomelo A zithunyelwa ngqo kubacebisi ngezekharityhulam.)
1.2 Ezi makhishithi zifakwe apha mazinikwe abacebisi ngezekharityhulam ngosuku lokumoda-reyitha. Amanqaku amodareyithiweyo makakhutshelwe kwiimakhishithi zeSebe leMfundo ngabacebisi ngezekharityhulam.
2. UKUNIKWA KWAMANQAKU E-CASS

Amanqaku makanikwe wonke umviwa onombolo yakhe yoviwo ivelayo kwimakhishithi. Oku makwenziwe nakubaviwa

  • ababegxothiwe okanye ababenqunyanyiswe okwethutyana esikolweni.
  • abenze isicelo sokutshintsha iziko lokubhalela.
  • ebebengekho ithuba elide apha enyakeni.
  • ababengekho ngosuku lokumodareyitha.
  • ababebhalisele isifundo kwesinye isikolo okanye kwelinye iziko.
3. ABAFUNDI ABANGEKHOYO NABO BANGENAWO AMANQAKU E-CASS
3.1 Makungaze naphantsi kwayo nayiphi na imeko angabhalwa amanqaku omviwa. Ukuba umviwa ungenise umsebenzi we-CASS omnye okanye ngaphezu koko, kodwa abe engekawungenisi umsebenzi omnye okanye ngaphezu koko kwimisebenzi eshiyekileyo eyimfuneko, loo mviwa ufumana u-"0" ngomsebenzi ngamnye ongafakwanga. Umviwa uyohlwaywa ngomsebenzi angawenzanga.

Umzekelo:

IMISEBENZIUMSEBENZI 1UMSEBENZI 2UMSEBENZI 3UMSEBENZI 4UMSEBENZI 5
AWONA MANQAKU APHEZULU55302040
AMANQAKU ANIKIWEYO4016020

Ngolu hlobo 4+0+16+0+20 = 40/100 (40%)

3.2 Abaviwa abangazange benze namnye kwimisebenzi ye-CASS ebudeni bonyaka baya kunikwa u-"999" kwimakhishithi. Oku kuphela kwemeko ekungabhalwa kuyo u-"999" kwiimakhishithi ze-CASS.
3.3 Apho umviwa ebengekho kodwa enaso isatifikethi sokugula sikagqirha ngokumalunga nawo nawuphi na umsebenzi, kwimeko enjalo makuhlenga-hlengiswe apha naphaya awona manqaku aphezulu e-CASS omviwa aze umviwa lowo afumane amanqaku ancitshisiweyo xa ewonke (reduced total).

Umzekelo:

IMISEBENZIUMSEBENZI 1UMSEBENZI 2UMSEBENZI 3UMSEBENZI 4UMSEBENZI 5
AWONA MANQAKU APHEZULU55302040
AMANQAKU ANIKIWEYO4016020

Ngolu hlobo 4+16+20 = 40/75 Aguqulelwe ku-54/100 (54%)

4. UKUTSHINTSHWA KWEZIFUNDO NAMAHLELO (GRADES)

Kwiimeko apho utshintsho lwezifundo okanye lwehlelo (grade) luvunyiweyo liSebe leMfundo, utshintsho (kwigama lesifundo nehlelo) malubhalwe ecaleni kwegama lomviwa nasecaleni kwenombolo yakhe yoviwo. Bhala "888" kwikholam yamanqaku uze ubhale amanqaku omviwa kwikholam ecaleni kwekholam yamanqaku. (Funda umzekelo oqhotyoshelweyo)

5. ABAVIWA ABANEZITHINTELO ZENTETHO KUNYE/OKANYE ZOKUVA

Abaviwa abanezithintelo zentetho kunye/okanye zokuva kufuneka, endaweni yamanqaku e-orali, bafumane amanqaku ngokomlinganiselo (pro rata) osusela kumanqaku abawafumeneyo kumsebenzi wabo obhalwayo weemviwo zikaJuni noSeptemba 2007.

6. UXANDUVA LWEENQUNUNU MALUNGA NOKUZALISWA KWEEMAKHISHITHI

Iinqununu maziqinisekise ukuba bonke abaviwa beMatriki ezikolweni zabo banikwe amanqaku ayimfuneko e-CASS. Amanqaku e-CASS angeniswe emva kokugqitywa kokumodareyitha akasayi kwamkelwa liSebe leMfundo, ngaphandle kokuba kukho isizathu esibambekayo sokungeniswa kwawo emva kwexesha.

7. UMHLA WOKUBUYISWA KWEEMAKHISHITHI

Abaququzeleli bovavanyo mabaqinisekise ukuba iimakhishithi ezizalisiweyo zifika kwiCandelo leeMviwo phambi komhla we-9 Novemba 2007.

8. UKUTHUNYELWA KWEMIBUZO

Iinqununu ziyacelwa ukuba zingathumeli abafundi abangenawo amanqaku e-CASS ngqo kwiSebe leMfundo emva kokuba zikhutshiwe iziphumo zeMatriki. Makulandelwe inkqubo echanekileyo, eyileyo yokubathumela kubaququzeleli bovavanyo (assessment co-ordinators) kwii-EMDC.



ISAYINWE: NGU-A.P. CLAUSEN
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2007:09:07


Isihlomelo A  (ubukhulu: 5 KB)

The computerised mark sheets were sent to schools.