1. INKQUBO EMAYILANDELWE YEZIKHALAZO KUNYE NEEKHOMENTI EZIPHATHELELE KUMAPHEPHA EMIBUZO
1.1 Kucelwa niqaphele ukuba zonke iikhomenti nezikhalazo eziphathelele kumaphepha emibuzo kazwelonke nawamaphondo mazifike kwiCandelo leeMviwo zingadlulanga iintsuku ezintathu emva kokugqitywa koviwo lwelo phepha lithile (lwawo maphepha athile).
1.2 La malungiselelo ayimfuneko njengoko iiphaneli zabevi zamaphepha emibuzo kazwelonke zixoxa ngememorandam kwiintsuku ezintathu ludlulile uviwo. Iziphumo ezinokuba nazo izikhalazo kwinkqubo yokumakisha mazixoxwe ngoko nangoko ukuthintela ukuba abaviwa bangadlelwa ndlala.
1.3 Ileta eya kwiCandelo leeMviwo mayingakhankanyi gama lesikolo. Kuphela mayibe yinombolo yeziko lokubhalela emayiboniswe ukunceda ekulungiseleleni iSebe leMfundo likazwelonke.
1.4 Onke amaxwebhu afanelekileyo makangeniswe kwiCandelo leeMviwo, ukuba aqwalaselwe ngulo Nksk M.M. Ludick (mmludick@pgwc.gov.za) okanye Mnu J.C. Albertyn jalberty@pgwc.gov.za) okanye afekselwe apha 021 461 5628.

2. UMGAQO OMAWULANDELWE WOKUSINGATHWA KWEZITENXO

Kwimeko yezitenxo zovavanyo eziye zaqatshelwa ngelixa kubhalwa iphepha lemibuzo, makusetyenziswe le nkqubo ilandelayo:

2.1 Umgadi wabaviwa makasuse iphepha leempendulo lomviwa aze abhale "IRREGULARITY" ("ISITENXO") kumphandle weqweqwe elingaphezulu (outside cover page), kwakunye nohlobo lwesitenxo nomhla, ixesha kwanendawo esenzeke kuyo isitenxo eso;
2.2 La magama "Answer script confiscated on… at…. (time) (Incwadi yeempendulo eyohluthwe ngo …….… ngo- …… (ixesha)") makabhalwe kumphandle weqweqwe elingaphezulu ngombhalo ongqindilili;
2.3 Umgadi wabaviwa makathathele kuye naziphi izinto zokufunda ezingagunyaziswanga okanye ezibubungqina obunokubambisa (unauthorised or incriminating material), ezinjengeenowuthsi okanye nazo naziphi ezinye izinto, ezisetyenziswe kanye apho okanye ngandlela yimbi okanye ezikumviwa ekungenzeka ukuba zisetyenziswe ekwenzeni oko kusisitenxo;
2.4 Ezo zincedisi zokufunda maziqhotyoshelwe kwincwadi yeempendulo eyohluthiweyo, neziye zithi ke ngoko zibe yipropathi yesebe lemfundo kwaye kungekho mviwa okanye mzali (bazali) okanye bagcini (guardians) banelungelo lokufuna ukuba mazibuyiswe;
2.5 Umgadi wabaviwa makanike umviwa incwadi yeempendulo entsha. Le ncwadi yeempendulo mayibhalwe kwakhona la magama "NEW ANSWER SCRIPT" ("INCWADI YEEMPENDULO ENTSHA") nomhla nexesha lokukhutshwa kwalo;
2.6 Umviwa makaxelelwe ukuba into yokuba avunyelwe aqhubeke noviwo ayithethi kuthi kuxolelwe ukophulwa kwemithetho yoviwo, koko kuza kungeniswa ingxelo ebhaliweyo kumgadi wabaviwa oyintloko lwakugqitywa uviwo yaye isiganeko eso siza kuxelwa kwiKomiti yePhondo yeZitenxo zeeMviwo (Provincial Examinations Irregularities Committee) (PEIC));
2.7 Umgadi wabaviwa makangavumeli xesha longezelelweyo ukubuyisa ixesha elichithwe ngethuba lokubhaqa nokuhoywa kwesitenxo eluviweni;
2.8 Umgadi wabaviwa, kwakuba kugqitywe uviwo, kufuneka ngoko nangoko angenise ingxelo ebhaliweyo epheleleyo kumgadi wabaviwa oyintloko ngokuphathelele kwisitenxo eso;
2.9 Umviwa, kwakuba kugqitywe uviwo, makabuzwe malunga nesitenxo eso aze anikwe ithuba lokubhala phantsi intetho efungelweyo (written declaration) okanye impendulo kwisityholo solwaphulo-mthetho;
2.10 Ukuba umviwa uyala ukungenisa intetho ebhaliweyo efungelweyo okanye ukunika impendulo, oku kwala kwakhe makungqinwe (confirmed) ngumgadi wabaviwa ngokuthi akubhale phantsi. Umviwa kufuneka asayine ingxelo eyenziwe ngumgadi wabaviwa;
2.11 Ukuba umviwa uyala ukuthobela ummiselwana 2.10, omnye umgadi wabaviwa osebenza kwelo ziko loviwo makanike ingxelo ebhaliweyo engqina ukwala komviwa ukunika intetho ebhaliweyo efungelweyo; kwaye
2.12 Incwadi yeempendulo, nazo naziphi izinto ezibubungqina obunokubambisa kunye nazo zonke iingxelo ezichaphazekayo mazingeniswe nguMphathi weSekethe kwisebe lemfundo ukuze ziqwalaselwe ngaba: Nksk M.M. Ludick (mmludick@pgwc.gov.za) okanye Mnu J.C. Albertyn jalberty@pgwc.gov.za). Ifom yokuxela naziphi izitenxo ingafekswa ukuze iqwalaselwe nguNksk M.M. Ludick apha 021 461 5628. (Kubalulekile ukungeniswa koxwebhu lwesitenxo olupheleleyo njengoko amaxwebhu abubungqina obungaphelelanga aya kubangela ukulibaziseka kwale nkqubo)

3. Kucelwa ukuba ufunde kwakhona umhlathi 11 (Izitenxo) nomhlathi 12 (Izikhalazo) yeSikhokelo seeNqununu, naBagadi baBaviwa sika-2007, (Procedure Manual for Principals and Invigilators), kwakunye neGazethi kaRhulumente Vol. 484, No 28156 ye-21 Oktobha 2005 (Government Gazette Vol. 484, No 28156 of 21 October 2005) ngokumalunga nemiMiselo yokuQhutywa, uLawulo nokuPhathwa koVavanyo ukulungiselela uViwo IweMatriki (Regulations for the Conduct, Administration and Management of Assessment for the Senior Certificate Examination).

4. Ziyabongozwa kakhulu iinqununu nabagadi babaviwa abaziintloko ukuba bancede baqinisekise ukuba le miyalelo ingentla iyalandelwa ngokuthe ngqo ukulungiselela iimviwo zangoNovemba 2007 kwakunye neeMviwo zoKuxabangela zango-2008.


ISAYINWE: NGU-A.P. CLAUSEN
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2007:09:07