1. |
Iphothifoliyo ye-CASS ka-2007 kwiLatini HG mayifike kwiSebe leMfundo ungadlulanga umhla we-1 Oktobha 2007. Mayibe nobu ngqina bulandelayo, buhamba noluhlu lwamanqaku (isiHlomelo A) apho amanqaku ancitshisiweyo azezi totali zamanqaku zilapha ngezantsi:
Ubuncinane ibe ngamaphepha oviwo lukaJuni noSeptemba,
kunye neempendulo zabafundi zoku:
IPhepha I (UNcwadi oluMiselweyo: igrama, uguqulo,
uvavanyo-kuqonda, umlinganiselo wogxininiso
lwezandi (scansion) 50
IPhepha II (Uguqulo lwezicatshulwa abangazange
bazibone ngaphambili) 25
Ii-asayinimenti ezimbini 25
EWONKE 100
Kungongezwa neminye imisebenzi yoguqulo lwezicatshulwa abangazange bazibone ngaphambili (unseen translation) kwakunye novanyo loncwadi ukubonisa intsebenzo yomviwa ethe gqolo kolu vavanyo.
|
2. |
ISebe leMfundo liya kuyithumela ngqo kwimodareyitha echaphazelekayo imakhishiti eveliswe ngekhompyutha yephothifoliyo yamanqaku e-CASS kwiLatini HG.
|
3. |
Ngokumalunga nezifundo ze-classical culture, kucelwa ukuba uqaphele ngakumbi oku the FINAL LIST OF PRESCRIBED LITERATURE STUDY FOR LATIN HG: CLASSICAL CULTURE: GRADE 11(2006) and GRADE 12(2007), kwakunye ne-GUIDELINES: LATIN HG 2000: ASSIGNMENTS.
|
4. |
Makufakwe kwiphothifoliyo ii-asayinimenti, ezicwangciswe ngokulandelelanayo ezihamba nemakhishiti ezalisiweyo (ikopi iqhotyoshelweyo njengesiHlomelo B). Izikolo zinokwenza ezinye iikopi zemakhishiti.
|
5. |
Kufuneka kwenziwe ii-asayinimenti ezimbini, enye kwiCandelo loNcwadi oluMiselweyo (Prescribed Literature Section) enye ibe kwiCandelo leMvelaphi ngokuBanzi (General Background Section). I-asayinimenti nganye inamanqaku angama-50, yaye kufuneka itotali yawo onke (100) itshintshelwe kuma-25 amanqaku. Kuphela yi-asayinimenti enye enokwenziwa kumxholo othile. Imakhishithi esemthethweni (ikopi iqhotyoshelweyo njengesiHlomelo C) mayihambe ne-asayinimenti nganye. Kwakhona faka uluhlu oludweliswe ngokwe-alfabhethi lwabaviwa olunezihloko zee-asayinimenti zomviwa ngamnye ngokulandelelanayo.
|
6. |
Ngesicelo esibhaliweyo senqununu, iiphothifoliyo ziya kubuyiselwa esikolweni emva kokukhutshwa kweziphumo.
|
ISAYINWE: NGU-A.P. CLAUSEN
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2007:08:22
|