1. Ukuzaliswa kweFom yokwenza iBango
1.1 Le fom yebango iqhotyoshelweyo (IsiHlomelo A) engokumalunga neemviwo zokuxabangela, mayizaliswe ngumgadi wabaviwa oyintloko esenzela yena ngokwakhe kunye nomgadi wabaviwa oncedisayo ngamnye owenze imisebenzi kwelo ziko.
1.2 Kucelwa uncede uqinisekise ukuba ifom yebango ezaliswe ngokupheleleyo inika ezi zinto zombini, amagama neenombolo zezazisi, zabo bonke abantu abebenze inkonzo kwelo ziko. Yonke ingcaciso kwifom yebango mayizaliswe nge-inki emnyama.
1.3 Inani leeseshoni maliqinisekiswe yinqununu okanye ngumphathi weziko, nekufuneka asayine naye ukungqinisisa ifom yebango ezaliswe ngokupheleleyo.

2. Ziyakhunjuzwa iinqununu zezikolo ezizimeleyo neekholeji ukuba zinoxanduva lokuhlawula abagadi babaviwa bazo.
3. Ukuba abagadi babaviwa batshintsha iidilesi zabo emva kokungenisa iifom zokutyunjwa kwabo (nomination forms), malibhalelwe iSebe laziswe ngezi nguqu zilolu hlobo.
4. Emva kweseshoni yoviwo yokugqibela, ifom yebango ezaliswe ngokupheleleyo yeziko ngalinye mayingeniswe ngeposi ebhaliswayo (registered mail) okanye iziswe ngesandla kwenye yezi dilesi zilandelayo:
Idilesi yeposi/yesitrato:
The Head: Education
For Attention:  Ms V.B. Du Plessis
Directorate:  Examinations
Western Cape Education Department
5th  Floor - Room 515 A/Private Bag X9114
Grand Central Towers
Lower Parliament Street
CAPE TOWN
8001/8000
5. Iintolongo namaziko okunyamekela ulutsha asebenzisa abagadi babaviwa abangengabo abasebenzi bawo, ayacelwa ukuba alazise iSebe ngokulibhalela ngamalungiselelo alolu hlobo.
6. Abagadi babaviwa baya kuhlawulwa ngokweentlawulo zeSebe.

Qaphela: Xa kuhlawulwa abagadi babaviwa, iiseshoni zeemviwo phambi kwentsimbi yeshumi elinambini emini emaqanda ziya kuthathwa njengeeseshoni zakusasa (kungabandakanywa iimvavanyo zokuchwetheza ungenzi mpazamo ngesantya esisikelwe ixesha (timed accuracy-tests) kwi-Typing ukususela ngo-9:00 - 09:10). Iiseshoni zeemviwo eziqala emva kwentsimbi yeshumi elinambini zithathwa njengeeseshoni zasemva kwemini. Intlawulo yeSebe yabagadi babaviwa abaziintloko yi-R89,60 kuze kubagadi babaviwa abancedisayo ibe yi-R59,75 ngeseshoni.

7. Amabango afunyenweyo abagadi babaviwa abafakwe endaweni yabanye (replacement invigilators), aya kusingathwa kuphela xa ngaba kuye kwalandelwa inkqubo echanekileyo yokutyunjwa nokuqeshwa kwabo.
8. Kucelwa uncede uqinisekise ukuba kuphela linani elimiselweyo labagadi baviwa abancedisayo kwiseshoni nganye abaqeshwayo. Ileta echazayo mayihambe kunye nefom yebango ezaliswe ngokupheleleyo ukuba ngaba kukho umgadi wabaviwa oye wongezwa.
9. Zonke iintlawulo zabagadi babaviwa ziya kudipozithwa kwi-akhawunti yebhanki yesikolo, ngaphandle kwaxa kwenziwe amalungiselelo okuba ezi ntlawulo zihlawulwe kwii-akhawunti zeebhanki zabagadi babaviwa.


ISAYINWE: NGU-L.C. ARENDSE
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2007:01:18


La maxwebhu kubhekiselelwe kuwo njengaqhotyoshelwe kule setyhula, akaqhotyoshelwanga kodwa ayafumaneka njengeekopi ezingelokhutshelo (hard copies).