1. Uviwo lokuqala lweSatifikethi seMatriki sikaZwelonke luya kuqhutywa ngo-Oktobha nangoNovemba ngo-2008. Ukulungiselela olu viwo, iSebe leMfundo likaZwelonke njengangoku, livavanya iinkqubo ezintsha zekhompyutha zeemviwo ukwenzela ukuba zisetyenziswe ekulungiseni iziphumo zeemviwo (processing of examination results). Le nkqubo inenombolo yesazisi yomviwa (candidate's identity document (ID) number) njengecandelo (field) elinyanzelekileyo. Ngako oko kuyinto ebaluleke gqitha ukuba bonke abafundi bamaBakala 10 no-11 babenazo izazisi ezisemthethweni zaseMzantsi Afrika ezinebhakhowudi (South African bar-coded ID book) njengoko inombolo yesazisi eneedijithi eziyi-13, iya kusetyenziselwa iinjongo zobhaliso kumaBakala 10 no-11, nokuba ibe yinombolo yoviwo kwiBakala 12. Abafundi abangekabinazo izazisi eziyimfuneko baya kuvunyelwa ukuba basebenzise iinombolo zabo ze-ID ezikwizatifikethi zabo zokuzalwa. Abafundi abalahlekelwe zizatifikethi zabo zokuzalwa bangaphindwa bazikhutshelwe liSebe leMicimbi yezeKhaya ngentlalwulo ye-R10.00 ikopi.
2. ISebe iWCED liyalincedisa iSebe leMfundo likazwelonke kuvavanyo lweprogram yekhompyutha, lisebenzisa idatha enikwe ngu-CEMIS yabafundi beBakala 11. Kodwa ke kuye kwafunyaniswa ukuba bangaphezu kwama-35 000 abafundi beBakala 11 njengangoku abangenazo iinombolo zezazisi ezifakwe (captured) kwi-CEMIS. Ziyacelwa ke ngoko iinqununu ukuba ziqinisekise ukuba iinombolo zezazisi zabafundi bazo kumaBakala 10 no-11, ziyafakwa kwifayili yokubhalisa abafundi kwi-CEMIS ungekadluli umhla we-7 Septemba 2007.
3. Bonke abafundi beBakala 10 no-11 abangenazo izazisi zaseMzantsi Afrika mabayalelwe ukuba bafake izicelo zazo ngokukhawuleza kwi-ofisi yeSebe leMicimbi yezeKhaya.
4. Abafundi abavela kwamanye amazwe abangenazo izazisi zaseMzantsi Afrika baya kubanako ukusebenzisa iinombolo zepasipoti zabo okanye zepemithi yokufunda (passprt or study-permit numbers) ukulungiselela iinjongo zokubhalisa kumaBakala 10 no-11, nanjengeenombolo zoviwo kwiBakala 12.
5. Kucelwa uncede uqaphele ukuba ukunyenyiselwa kwabaviwa umqathango wokuba basebenzise iinombolo zesazisi ezikwizatifikethi zokuzalwa, awusebenzi kubafundi abangesosigxina (part-time) okanye ababucala (private candidates), njengoko izazisi zabo sele zisetyenziswa njengamaxwebhu okuzazisa njengabafundi abasemthethweni (to identify them as legitimate candidates) abavumelekileyo ukungena kwindawo yokubhalela uviwo.
6. Ziyabongozwa iinqununu ukuba zincede zibakhuthaze abafundi ukuba bafumane izazisi zabo, kwaye zibancedise ekuzifumaneni njengoko abo bangenazo bengayi kubanako ukubhalisela iimviwo, nto leyo ke eya kuba neziphumo ezibi kakhulu kubo bonke abachaphazelekayo.


ISAYINWE: NGU-A.P. CLAUSEN
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2007:08:15