1. PHAMBI KOVIWO
1.1 Istifi esineeletahedi (letterheads) nemibuzo echwethezwe ngekhompyutha ziya kusiwa ezikolweni malunga neentsuku ezili-14 phambi koviwo. Ingcaciso ekwesi stifi igcinwe njenge-READ-ONLY *.RTF files. Utitshala wesifundo sokuChwetheza ngeKhompyutha kufuneka ngoko nangoko enze ikopi yokulalelisela (back-up copy) yesi stifi aze aqinisekise ukuba unokuzifikelela ezi fayili. (Ingcaciso engaphezu koku iya kufumaneka kwistifi.) Gcina istifi sentsusa (original) esefini okanye kwigumbi elinqatyisiweyo.
1.2 Ngumsebenzi katitshala wesifundo sokuChwetheza ngeKhompyutha ukugcina le ngcaciso kwi-network, okanye kwi-hard drive yekhompyutha, okanye ukulungisa istifi esahlukileyo somviwa ngamnye. MABANGAZE ABAVIWA BAZIFIKELELE KWEZI FAYILI PHAMBI KOVIWO. Le nkqubo mayenziwe phantsi kweliso lomgadi wabaviwa oyintloko. Ziseyive iifayili njengohlobo lwefayili esetyenziswa ngabaviwa ngethuba lekhosi yabo, kodwa gcina ifayili engu-READ-ONLY isebenza.
1.3 Izikolo mazibonelele umviwa ngamnye ngezitifi ezi-2 zokuseyivela iimpendulo zakhe. Umbuzo 1 mawuseyivelwe kwistifi esahlukileyo size sinikwe umgadi wabaviwa phambi kokuqhubela phambili nenxenye yephepha lemibuzo. Istifi sesibini masingeniswe ekupheleni koviwo. Zonke izitifi mazilebhelishwe ngokucace gca ngolu hlobo lulandelayo:
  • Inombolo yesikolo esiliziko lokubhalela uviwo (hayi igama lesikolo)
  • Inombolo yoviwo yomviwa
  • Inombolo yeworkstation ayisebenzisayo

Kungenjalo, apho izikolo zingasebenzi ngezitifi, zingawungenisa umsebenzi wabaviwa bazo nge-CD.

Qaphela: Zonke izitifi ezivela kwiziko loviwo mazifakwe emvulophini zize zingeniswe, kunye neempendulo eziprintiweyo, kwiSebe leMfundo.

1.4 Izikolo zinoxanduva kwakhona lokubonelela ngephepha elifanelekileyo ukulungiselela iiprinta zazo. Iiprintawuthi mazifakwe ngaphakathi kwikhava ekubonelelwe ngayo zize zithunyelwe kwiSebe leMfundo. Kucelwa uqaphele ukuba yiprintawuthi enye kuphela ngombuzo ngamnye ekufuneka ifakwe ngaphakathi kwikhava. Iiprintawuthi ezingazi kumakishwa mazinikwe umgadi wabaviwa ngokwahlukileyo kwakugqitywa uviwo. Ezi printawuthi mazitshatyalaliswe emva koviwo. Abaviwa abavumelekanga ukuba baphume nazo ezi printawuthi wigumbi loviwo.
2. UVIWO
2.1 Kucelwa iinqununu, abaphathi bamaziko nabagadi babaviwa abaziintloko bathathele ingqalelo into yokuba uvavanyo lokuchwetheza ungenzi mpazamo ngesantya esisikelwe ixesha (timed accuracy-test) luyinxalenye yoviwo lwesifundo sokuChwetheza ngeKhompyutha. Ixesha elabelwe olu vavanyo yimizuzu eli-10.
2.2 La malungiselelo ongezelelweyo alandelayo nanxulumene noviwo lwesifundo sokuChwetheza ngeKhompyutha makalandelwe ngokuthe ngqo:
2.2.1 Imiyalelo yabagadi babaviwa ithi abaviwa mabangene kwigumbi loviwo kwimizuzu engama-25 phambi kokuqala koviwo. Kodwa nakuba kunjalo abaviwa besifundo sokuChwetheza ngeKhompyutha kufuneka bavunyelwe bangene kwigumbi lokubhalela uviwo kwimizuzu engama-35 phambi kokuqala koviwo ukwenzela ukuba bakhe bachwetheze kuqala ukuziqhelanisa neekhompyutha zabo nokwenza iikhompyutha zihlale zilungele uviwo. Nakuba kunjalo, kufuneka abaviwa bayeke ukwenza le misebenzi malunga nemizuzu engama-25 phambi kokuqala koviwo.
2.2.2 Icandelo lokuqala lephepha linovavanyo lokuchwetheza ungenzi mpazamo ngesantya esisikelwe ixesha (timed accuracy-test) lemizuzu eli-10. Abaviwa kufuneka banikwe imizuzu eli-15 yokufunda imiyalelo kwiphepha lemibuzo kunye nokulungiselela uvavanyo lokuchwetheza ungenzi mpazamo ngesantya esisikelwe ixesha.
2.2.3 Lwakuba nje lugqityiwe uvavanyo lokuchwetheza ungenzi mpazamo ngesantya esisikelwe ixesha, iimpendulo maziprintwe aze umgadi wabaviwa asayine emva kwegama lokugqibela kwiphepha ngalinye. Kuphela mayibe nye iprintawuthi evumelekileyo yovavanyo lokuchwetheza ungenzi mpazamo ngesantya esisikelwe ixesha. Emva kokuba umgadi wabaviwa eye waqinisekisa ukuba bonke abaviwa baye baprinta uvavanyo lokuchwetheza ungenzi mpazamo ngesantya esisikelwe ixesha, abaviwa banokuqalisa baphendule imibuzo yephepha (kwiiyure ezi-2 nemizuzu engama-50). Emva kokuphela kweeyure ezi-2 nemizuzu engama-50, abaviwa banemizuzu engama-30 yokuba baprinte iimpendulo zabo. Ngeli xesha abaviwa mabangaze bavunyelwe balungise iimpazamo okanye bachwetheze. Iinqununu, abaphathi bamaziko kunye nabagadi babaviwa abaziintloko kufanele baqaphele ukuba iseshoni nganye yoviwo ithatha malunga neeyure ezi-4.
2.2.4 Abaviwa bavumelekile ukwenza ngaphezu kweprintawuthi enye yeempendulo zabo zephepha lilonke. Ezi printawuthi kufuneka zinikwe abaviwa ngoko nangoko. Akukho mfundi makavunyelwe aphakame aye kuthatha iiprintawuthi kwiprinta.
2.2.5 Utitshala onamava kwisifundo sokuChwetheza ngeKhompyutha, nokuba ayinguye utitshala wabaviwa wesifundo sokuChwetheza ngeKhompyutha, kufuneka abekho kwigumbi loviwo ngethuba lonke lokuqhubeka koviwo ukwenzeka ukunika imiyalelo eyimfuneko kubaviwa malunga nexesha lokuqalisa nokuyeka ukuchwetheza. Lo titshala unokuncedisa abaviwa abaneengxaki ngeekhompyutha zabo. (Abo baviwa mabongezelwe ixesha elilingana nexesha eliye lachithwa kwizinto ezingaphaya kolawulo lwabo.) Utitshala lowo makahambe ngqo ngokwemiyalelo esetyenziswa kuvavanyo lokuchwetheza ungenzi mpazamo ngesantya esisikelwe ixesha (timed accuracy-test). Akuyi kongezwa xesha ngenxa yomsebenzi olahlekileyo kuba umviwa engawuseyivanga (not saved).
2.2.6 Abagadi babaviwa abaziintloko kunye nabaviwa mabaqaphele ukuba kunyanzelekile ukuba iinombolo zabaviwa zoviwo ezipheleleyo zibhalwe kuzo zonke iiprintawuthi.
2.3 Emva kokugqitywa koviwo lwesifundo sokuChwetheza ngeKhompyutha (Computyping), abagadi babaviwa kufuneka, ngoncedo lwenqununu, bafake amaphepha ovavanyo lokuchwetheza ungenzi mpazamo ngesantya esisikelwe ixesha (timed accuracy-test) ngaphakathi kwekhava yeencwadi zeempendulo zomfundi ngamnye. Akunakugxininiswa ngaphezu koku ukuba lo msebenzi kufuneka wenziwe ngocoselelo olukhulu ukuqinisekisa ukuba amaphepha ovavanyo lokuchwetheza ungenzi mpazamo ngesantya esisikelwe ixesha afakiwe kwincwadi nganye yeempendulo.
2.4 Ngokumalunga noviwo lwesifundo sokuChwetheza ngekhompyutha apho ingabaviwa abali-10 okanye abambalwa kunoko ababhala uviwo, kufuneka kubekho abantu ABABINI ababeke iliso kwigumbi loviwo ngalo lonke ixesha. Ngeqela ngalinye labaviwa abali-10 ngaphezu koku, kufanele kongezwe umgadi wabaviwa omnye. Oku kubaluleke ngakumbi kwimizuzu engama-30 elungiselelwe ukuprinta, apho kungasavunyelwa baviwa ukuba benze izilungiso (editing) okanye bachwetheze. Kucetyiswa ukuba makubekho ubuncinane umgadi wabaviwa omnye onolwazi lokusebenzisa ikhompyutha. Kukwacetyiswa kwakhona ukuba mayibe ngutitshala wesifundo sokuChwetheza ngeKhompyutha (Computyping) onoxanduva lokubuyiselwa kwazo zonke iiprintawuthi.
3. Iinqununu nabaphathi bamaziko mabaqinisekise ukuba iikhompyutha neeprinta eziza kusetyenziselwa olu viwo zisebenza kakuhle ncam.
4. Ukuba kuye kwawa umbane ngethuba loviwo lwesifundo sokuChwetheza ngeKhompyutha, makulandelwe le nkqubo ilandelayo:
4.1 Abaviwa mabahlale egumbini elo ude ubuye umbane. Akuvumelekanga ukuba abaviwa bathethe omnye nomnye lo gama besalindelwe ukubuya kombane. Ixesha elichithakele ngethuba lokumka kombane malibuyiselwe njengexesha loviwo elongezelelweyo.
4.2 Xa kusimka umbane, inqununu okanye umphathi weziko makazise icandelo lombane likamasipala ngoko nangoko aze afune ingqinisekiso, ukuba kunokwenzeka oko, yokuba uya kuthatha ixesha elingakanani umbane umkile.
4.3 Ukuba emva kweyure enye, umbane awukabuyi, mayiyekwe ingabi sabhalwa (cancelled) loo seshoni yoviwo. Makwaziswe iCandelo leeMviwo ngoko nangoko ngoku kuyekiswa koviwo luze uviwo lubekelwe olunye usuku ekuye kwavunyelwana ngalo liSebe leMfundo kunye nesikolo esichaphazelekayo (nezikolo ezichaphazelekayo). Umsebenzi osewugqityiwe ngabaviwa mawungeniswe uze udluliselwe kwiCandelo leeMviwo.
4.4 Xa iiseshoni ezimbini zesifundo sokuChwetheza ziqhubeka ngexesha loviwo, le nkqubo ilapha ngasentla isebenza kuzo zombini iiseshoni. Ukuba umbane uwa kwiseshoni yokuqala luze uviwo lwesifundo sokuChwetheza ngeKhompyutha lweseshoni yokuqala lunyanzeleke ukuba luyekiswe, iinqununu nabaphathi bamaziko mabaqinisekise ukuba, phambi kokuba kuqale iseshoni yesibini, akukho qhagamshelwano nangayiphi na indlela phakathi kwabaviwa beseshoni yokuqala nabeseshoni yesibini.
5. Ziyacelwa iinqununu nabaphathi bamaziko ukuba bathathe amanyathelo okuthintela nawuphi na unobangela wokumka kombane. Kucetyiswa ngamandla la manyathelo okuthintela alandelayo:
5.1 Mazingasetyenziswa izixhobo nezinto zokusebenza ezitya umthamo omkhulu wamandla ombane, ngokukodwa kumagumbi eMetalwork, eWoodwork naweHome Economics ngethuba loviwo lwesifundo sokuChwetheza ngeKhompyutha.
5.2 Zonke izixhobo zombane, iintambo zombane, iintambo ekuqhagamshelwa kuzo umbane, iiplagi eziseludongeni neesokethi eziseludongeni esikolweni mazihlolwe ukuqinisekisa ukuba zisebenza kakuhle ncam. Oku kuya kuthintela ukumka kombane okubangelwa zizinto zokusebenza zombane ezingasebenzi kakuhle kunye nezo zifakwe kakubi.
6. Kucelwa wazise okubhalwe kule ngcaciso imfutshane bonke abachaphazelekayo.
7. Luya kuthakazelelwa kakhulu uncedo lwakho kuzo zonke iinkqubo ezilapha ngasentla.


ISAYINWE: NGU-A.P. CLAUSEN
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2007:08:16