1. Iinqununu ziyacelwa ukuba zazise le miyalelo ilandelayo kubafundi boviwo olwenziwayo (practical examination) loMdaniso kusekwangoko kakhulu.
1.1 Abafundi abavumelekanga ukuba baqabe iinzipho, benze imeyikhaphu okanye bafake ijuwelari (jewellery).
1.2 Abafundi mabazivonyavonye ukuqhelanisa amalungu omzimba phambi kokuqala koviwo.

1.3 Abafundi ababhinqileyo be-classical ballet
1.3.1 mabangene kwindawo yeemviwo benxibe i-leotards, iithayithi ezipinki nezihlangu ze-ballet ezipinki - kukhethwe eziflethi okanye ezitsolo (flat or soft-pointe) ezineeribhoni ezipinki.
1.3.2 banokunxiba izikethi ukongeza ukulungiselela iintlobo-ntlobo zemidaniso okanye imidaniso yamaqela.
1.3.3 banokufaka iintyatyambo ezincinane ezinweleni zabo.

1.4 Abafundi abangamadoda be-classical ballet mabanxibe iithayithi ezimnyama, iitophu ezimhlophe, izihlangu ze-ballet neekawusi ezimhlophe.

1.5 Abafundi bomdaniso waseAfrika nowe-Contemporary
1.5.1 mabanxibe i-leotards neethayithi ezingazigqumiyo iinyawo (footless tights) ezinguwo nawuphi na umbala.
1.5.2 mabanganxibi zihlangu.

1.6 Abafundi bomdaniso weSpanishi mabanxibe i-leotards, izikethi zokuprekthiza nezihlangu eziyimfuneko.

1.7 Umfundi ngamnye makaye neLeta yoKwamkelwa (eneenombolo zoviwo) kwindawo yokuqhubela uviwo.

1.8 Umfundi uvumelekile ukuba angaya netawuli kwindawo yokuqhubela uviwo.

2. Abafundi banganikwa amanzi okusela.

3. Amashumi amathandathu eepesenti (60%) eemfuno ze-CASS ezibandakanya onke amanqaku omsebenzi owenziwayo (practical marks), makabekho kwindawo ekuqhutyelwa kuyo uviwo lwezinto ezenziwayo ezisetwa ngaphandle (practical external examinations) ukulungiselela iinjongo zokumodareyithwa. Ubungqina bokuxhasa ukwabiwa kwamanqaku kufanele bufumaneke ukwenzela ukuba bujongisiswe, umz. iiphothifoliyo, izintlu zokutshekisha iimvavanyo (assessment checklists) namaxwebhu amanqaku (mark sheets).

4. Yamkela nantso iShedyuli yeeMviwo eZenziwayo zoMdaniso eqhotyoshelweyo apha, (IsiHlomelo A) (external Dance Practical Examination Schedule) (Annexure A)).


ISAYINWE: NGU-A.P. CLAUSEN
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2007:08:15

isIhlomelo A  (ubukhulu: 12 KB)