1. |
ISebe leMfundo leNtshona Koloni livakalisa umbulelo walo kuzo zonke izikolo ngothatho-nxaxheba lwazo kwiimvavanyo zeeLwimi neMathematika kwiBakala 8 ngo-2006.
|
2. |
Emva kokuqwalaselisisa ngenyameko, uvavanyo ngoku lutshintshelwe kwinqanaba leBakala 9 kwaza kongezwa ezinye iimvavanyo ngaphezulu. Ezi mvavanyo ziya kuba zezinyanzelekileyo kubo bonke abafundi beBakala 9 kwizikolo zeSebe leMfundo leNtshona Koloni ngo-2008. Ezi mvavanyo ziya kuqhubeka ngoFebruwari noMatshi 2008, ngokunjalo nakwiminyaka elandelayo. Ngethuba lovavanyo, abafundi baya kubhala iimvavanyo ezimbini zemizuzu engama-90 qho ngosuku lwesibini.
|
3. |
ICandelo leeMviwo le-WCED liya lisebenzisa iziko ledatha le-Central Education Management Information System (CEMIS) ukubhalisa abafundi abakwizikolo zikarhulumente eziqhelekileyo libabhalisela ezi mvavanyo zingentla.
|
4. |
Iziphumo zeemvavanyo ziya kufumaneka kubafundi ekupheleni kukaJulayi waloo nyaka bazibhala ngawo ukwenzela ukuthatha amanyathelo okulungisa izinto apho kuyimfuneko.
|
5. |
Ngako oko ke, uyacelwa ukuba uncede uhlaziye idatha yabafundi bakho Bebakala 9 kwi-CEMIS ungekadluli owe-31 Januwari 2008.
|
6. |
Kuphela ngabafundi ababhaliswe kwiCEMIS njengoko baya kuba bebhalisiwe nge-31 Januwari 2008 abaya kufumana amaphepha eemvavanyo, naya kuba ebhalwe kuphela ngolwimi lokufundisa olubhalwe apho kuyo.
|
7. |
Iya kuthakazelelwa kakhulu intsebenziswano yakho.
|
ISAYINWE: NGU-A.P. CLAUSEN
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2007:06:28
|