1. IShedyuli yobhaliso lwabafundi abasisigxina
1.1 Ishedyuli yobhaliso yesikolo sakho iqhotyoshelwe apha ukuze kutshekishwe ukuba zonke izilungiso zenziwe. Izikolo mazingqinisise ngencwadi ebhaliweyo ungadlulanga owe-26 Julayi 2007 ukuba ishedyuli yazo ichanekile ngandlela zonke.
1.2 Ukuba kusekho naziphi na iimpazamo ezisenzekayo, makucelwe ukwenziwa kwezilungiso kusetyenziswa le fasilithi intsha, Examination Change Request, eseyifakiwe kwiCEMIS system ngokulandela le nkqubo ingezantsi:
1.2.1 Logisha isikolo sakho kwiCEMIS.
1.2.2 Khomba ku-"Administration", emva koko uye ku-"Exam Change Request" uklikhe ku-"Application".
1.2.3 Akukho zicelo, shedyuli yobhaliso ifakelwe izilungiso, zileta, zi-imeyili kunye/okanye naziphi na ezinye iintlobo zonxibelelwano ziya kwamkelwa.
1.2.4 Ukutshintshwa kwabafundi beBakala 12 akuvalwanga kwaye kusengenziwa kwiCEMIS. Ukuba kukho naluphi na utshintsho lwabafundi beBakala 12 ukusuka okanye ukuya kwesinye isikolo, iCEMIS iya kunika iCandelo leeMviwo iinkcukacha zakutshanje.
1.2.5 Nawuphi na umfundi weBakala 12 ongabhaliswanga, okanye osuka kwelinye iphondo okanye ilizwe, angabhaliswa egameni lakho kuphela licandelwana le-EMIS. Kucelwa ufonele uNks M. Wiese kule nombolo yefoni 021 467 2290 ngokumalunga noku.
2. Ishedyuli yobhaliso lwabafundi beABET
2.1 Ishedyuli yobhaliso malunga nabafundi be-ABET kufuneka nayo itshekishwe ngocoselelo. Ukuba kwenzeka naziphi na iimpazamo, ufakelo lwezilungiso maluboniswe ngombala obomvu kwishedyuli. Ezi shedyuli zifakelwe izilungiso mazibuyiselwe kwiSebe leMfundo ukuze zifike kule ofisi ungadlulanga owe-26 Julayi 2007. Ukuba akukho zimpazamo zenzekayo, kusafuneka ukuba abaphathi beesekethe bangqinisise ngalo mhla ukhankanywe apha ngasentla ukuba iishedyuli zichanekile ngandlela zonke.
2.2 Kucelwa ungenise iishedyuli efakelwe izilungiso kweli candelo:
Directorate: Examinations
Grand Central Building
Attention: Mr S. Adams
5th Floor Room 515
Lower Parliament Street
Cape Town
8000
3. Uluhlu lwabafundi babucala

Apho kusebenzayo oku, uluhlu olwandulelayo lwabaviwa babucala abaya kubhala uviwo esikolweni sakho lufakiwe nalo apha ukwenzela ukukwazisa nje kuphela.

4. Kucelwa uqaphele ukuba kuphela ziishedyuli ezifakelwe izilungiso ze-ABET emazibuyiselwe kwiSebe leMfundo.


ISAYINWE: NGU-L.C. ARENDSE
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2007:07:11


La maxwebhu kubhekiselelwe kuwo njengaqhotyoshelwe kule setyhula, akaqhotyoshelwanga kodwa ayafumaneka njengeekopi ezingelokhutshelo (hard copies).