1. Apha kufakwe uluhlu olwandulelayo lwabafundi ababhalisiweyo (entries) boviwo lweBakala 11 ngo-2007 nababhaliswe esikolweni sakho/kwiziko lakho ukwenzela ukuba ulutshekishe. Iinkcukacha zomfundi ngamnye ziyavela kumaxwebhu azii-printout. Kucelwa utshekishe idatha yabo bonke abafundi ukuze apho kuyimfuneko wenze izilungiso
  • nge-inki ebomvu kwiishedyuli ezandulelayo ezifakwe apha; KUNYE
  • nakwi-CEMIS.
2. IsiHlomelo B ("Ukungqinwa kwezilungiso") masizaliswe ngokupheleleyo size sisayinwe, sibuyiselwe kwiSebe ungadlulanga umhla we-15 Juni 2007.
3. Ukuba akukho zimpazamo kwii-printout, kusafuneka ukuba iinqununu okanye abaphathi bamaziko bakungqine oko ngokubhala batsho ukuba iinkcukacha kwiishedyuli zichanekile ngandlela zonke, ngokuzalisa isiHlomelo B esiqhotyoshelweyo.
4. Mazincede iinqununu ziqinisekise ukuba naziphi na izilungiso ezenziweyo ngokumalunga nabafundi zikwalungisiwe nakwi-CEMIS.
5. Iinqununu okanye abaphathi bamaziko bayacelwa ukuba benze amalungiselelo ayimfuneko nabakwa-Skynet Couriers (inombolo yefoni: 021 531 9191) ukulungiselela ukuqokelelwa kweeshedyuli ezandulelayo ezilungisiweyo ukuze zifike kwiSebe kule dilesi ilandelayo ungadlulanga umhla we-15 Juni 2007:
The Head: Education
For Attention: Mr F. Jacobs (Room 515A, Fifth Floor)
Western Cape Education Department
Grand Central Towers
Lower Parliament Street
CAPE TOWN
6. Abalawuli bee-EMDC nabaphathi beesekethe bayacelwa ukuba baqinisekise ukuba lo mhla ungentla wokubuyiswa kwala maxwebhu ulandelwa ngokuthe ngqo.
7. Iya kuthakazelelwa intsebenziswano yenu malunga noku.


ISAYINWE: NGU-A.P. CLAUSEN
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2007:05:28

Isihlomelo B  (ubukhulu: 7 KB)