1. Kufakwe apha amaxwebhu amanqaku aveliswe ngekhompyutha ngenjongo yokuba azaliswe ngabacebisi ngezekharityhulam kwiinkalo zezifundo zabo.
2. Ngalunye uxwebhu lwamanqaku lunekopi yentsusa (original copy) neekopi zekhabhoni ezintathu. Emva kokuba inkqubo yokumodareyitha igqityiwe namanqaku efakiwe kuxwebhu lwamanqaku oluveliswe ngekhompyutha, mazisuswe iikopi zekhabhoni ezimbini ezingaphantsi. Enye yezi kopi yenzelwe iirekhodi zeziko lokubhalela uviwo olo ize enye ibe yeyeerekhodi ze-EMDC.
3. Kucelwa usebenzise uluhlu lokutshekisha (control list) oluqhotyoshelweyo ukujonga amaziko okubhalela uviwo nokuqinisekisa ukuba onke amaxwebhu amanqaku angenisiwe kwiSebe leMfundo.
4. Qaphela ukuba abacebisi ngezekharityhulam banoxanduva
  • lokumodareyitha iimvavanyo zokunika ulwazi (formative assessments) kwiinkalo zezifundo zabo, kunye
  • nokungenisa amaxwebhu amanqaku kwiCandelo leeMviwo.
5. Makulandelwe le nkqubo ilandelayo xa kuzaliswa amaxwebhu amanqaku:
5.1 Amanqaku omviwa ngamnye makabhalwe kwikholam efanelekileyo kusetyenziswe amanani amathathu, umz. 013, hayi u-13.
5.2 Makungaze naphantsi kwazo naziphi na iimeko angabhalwa amanqaku omviwa. Makanikwe amanqaku ngamnye umviwa onombolo yakhe yovavanyo ivelayo kuxwebhu lwamanqaku. Oku makwenziwe nakubaviwa
  • abenze sicelo sokutshintsha iziko,
  • ebebengekho ithuba elide apha enyakeni, okanye
  • ebebengekho ngosuku lokumodareyitha.
5.3 Ukuba akukho manqaku omviwa akhoyo, makubhalwe u-999 (akakho) kuxwebhu lwamanqaku. Aba baviwa abayi kufumana ziphumo kwinkalo yesifundo leyo. Uziro (000) unikwa kuphela xa umviwa engenise umsebenzi angafanele kufumana manqaku ngawo.
5.4 U-"TOTAL" (Emazantsi oxwebhu lwamanqaku) ngowokusetyenziswa yi-ofisi kuphela.
6. Bayacelwa abacebisi ngezekharityhulam ukuba bancede baqinisekise ukuba amaxwebhu amanqaku azalisiweyo (uxwebhu lwentsusa kunye nekopi yalo) afika kweli candelo Directorate: Examinations, For attention: Messrs L. Van Gensen & C. Slee, Western Cape Education Department, Room 529 (5th Floor), Grand Central Towers, Lower Parliament Street, Cape Town, 8001 ungadlulanga uLwesihlanu we- 1 Juni 2007.


ISAYINWE: NGU-A.P. CLAUSEN
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2007:05:15


La maxwebhu kubhekiselelwe kuwo njengaqhotyoshelwe kule setyhula, akaqhotyoshelwanga kodwa ayafumaneka njengeekopi ezingelokhutshelo (hard copies).