1. Kufakwe apha uluhlu olwandulelayo lwamagama abaviwa abasisigxina kunye/okanye be-ABET ababhaliswe esikolweni sakho okanye kwiziko lakho ukulungiselela iiMviwo zeMatriki zango-2007 kwaye malutshekishwe ngenyameko enkulu. Iinkcukacha zobhaliso zomviwa ngamnye ziyavela kwezi zintlu ziprintiweyo (printouts). Ngenxa yokungabikho mthethweni kobhaliso lwezifundo okanye ngenxa yeekhowudi zezifundo ezingachanekanga ezinye izikolo ziya kunikwa uluhlu lobhaliso lwabaviwa olungathathwanga kwinkqubo ye-Central Education Management Information System (CEMIS) ukusiwa kwiNkqubo yoViwo (Examination System). Aba baviwa abayi kuvela kuluhlu olwandulelayo. Ngako oko ke uyacelwa ukuba uncede utshekishe iinkcukacha zabo bonke abaviwa uze emva koko
  • wenze izilungiso kwiinkcukacha zabaviwa abasisigxina, uzenze ngqo kwi-CEMIS

  • wenze nezilungiso kwiinkcukacha zabaviwa be-ABET nge-inki ebomvu kuluhlu olufakwe apha.

2. Le Ngcaciso eMfutshane mayifundwe kunye neSetyhula 0013/2004, yomhla we-5 Matshi 2004 kwaye oku kulandelayo kuyagxininiswa kwakhona:

(a) Umhla wokuvala ukufakwa kwezicelo zokutshintsha amahlelo ezifundo (subject grades) kwiimeko ezizodwa wawuyi-30 Apreli 2007. Nangona kunjalo, ngenxa yokulungiswa apha naphaya kwiCEMIS, lo mhla utshintshiwe wayi-25 Meyi 2007.

Uyacelwa ke ngoko ukuba wenze utshintsho lwamahlelo ezifundo (subject grades) olulolu hlobo, ulwenze ngqo kwiCEMIS. Kucelwa uqaphele ukuba iCEMIS iya kuvalwa ekwenzeni naluphi na utshintsho olulolunye emva ko-16:00 nge-25 Meyi 2007.

(b) Abaviwa abatshintsha isifundo okanye uhlelo ngokungekho mthethweni baya kuthunyelwa kwiKomiti yeZitenxo (Irregularities Committee) ukuze ithathe isigqibo malunga nokukhutshwa kweziphumo zoviwo ezichaphazelekayo.

3. Makutshekishwe ezi nkcukancha zilandelayo zomviwa ngamnye kujongwe ukuba zichanekile na zithelekiswe neerekhodi zesikolo, neenkcukacha eziqinisekiswe ngumviwa:
3.1 Iinkukacha zakhe buqu: inombolo yesazisi, umhla wokuzalwa, isini, ukupelwa kwegama lakhe (kwamagama akhe) kunye nefani (Kucelwa ubonise ngokuthe gca apho abaviwa baneempawu zobhalo (diacritical marks) emagameni okanye kwifani yomfundi umz. ê, ë okanye é), idilesi, inombolo yefoni, ulwimi akhethwa ukuba sibhalwe ngalo isatifikethi nolwimi ekufundiswa ngalo, kwakunye nobume bemeko yomfundi ovela kwelinye ilizwe (immigrant status), apho kusebenzayo oku. (Kucelwa ungqine (confirm) ukuba ingcaciso ekwisiHlomelo A yechanekileyo. [These documents are not attached but were posted to schools.] )  Apho ubume bemeko yomfundi ovela kwelinye ilizwe (immigrant status) ingaboniswanga, makubhalwe kwikholam echaphazelekayo inombolo yesalathiso (reference number) nomhla weleta yeSebe yokuvuma ukuba axolelwe ekufundeni iilwimi

QAPHELA: IZATIFIKETHI ZIPRINTWA NGESINGESI, NGESI-AFRIKANSI NESINGESI KUNYE NANGESIXHOSA NESINGESI KUPHELA.

3.2 Makuqatshelwe mpela kuqinisekiswe ukuba unobumba "M" uyavela kwikholam "MT" kwabo baviwa banikwe uxolelo (exemption) kwimfuno engummiselo yokuba bapase okanye bafunde ulwimi lwaseburhulumenteni lwesibini. Kucelwa ufake oku "R-deaf" no-"S-blind" kwikholam "MT" kubaviwa abalolu hlobo.
3.3 Tshekisha ukuchaneka kwazo zonke izifundo kunye namahlelo (grades) azo. Naluphi na utshintsho kwizifundo okanye kumahlelo (grades) okanye kuzo zombini maluboniswe ngokuhlaba isifundo sonke (izifundo zonke) okanye uhlelo lonke okanye (amahlelo onke) okanye zombini. Isifundo esichanekileyo (izifundo ezichanekileyo) kunye/okanye uhlelo oluchanekileyo (amahlelo achanekileyo) malubhalwe kakuhle (neatly) phantsi kwala magama "Number of Subjects". Zonke izinto ezitshintshiweyo kubafundi be-ABET mazibhalwe nge-inki ebomvu kuphela.
3.4 Amanani abhalwe phantsi kwesihloko "For Head Office use only", "Previous examination number" kunye nesi "Entry number" kwizintlu eziprintiweyo, makangathathelwa ngqalelo njengoko oku kwenzelwe ukuba kusetyenziswe liSebe leMfundo kuphela.
3.5 Ubhaliso lomviwa ngamnye kuluhlu oluprintiweyo luya kuba nophawu (indicator) lokubonisa iSatifikethi seMatriki okanye isatifikethi sematriki sokudlulela phambili (matriculation endorsement indicator):
  • Ukuba umviwa wenza izifundo zeMatriki engazi kufumana isatifikethi sokudlulela phambili (matriculation endorsement), irekhodi yakhe iya kubonisa oku "SC".

  • Ukuba ukhetho lwezifundo lomviwa lolo lwezifundo zeMatriki zesatifikethi sokudlulela phambili (matriculation endorsement), irekhodi yakhe iya kubonisa oku "SC/M".

  • Xa kuyimeko yomfundi ongalufezekisiyo ukhetho oluyimfuneko lwezifundo zesatifikethi sematriki sokudlulela phambili (matriculation endorsement), imfuno (iimfuno) kanye (exac requirement(s) efunekayo iya kuboniswa ngokuba kubhalwe oku "Error report".

QAPHELA: ZONKE IINKCUKACHA ZABAVIWA ABABHALISILEYO ZITSHEKISHWA UKUJONGA UKUBA ZIYANGQINELANA NA NEEMFUNO EZINGUMMISELO ZESATIFIKETHI SOKUDLULELA PHAMBILI (MATRICULATION ENDORSEMENT).

4. Iinkcukacha ezikwizintlu eziprintiweyo ziya kusetyenziselwa iinjongo zokuvelisa iziphumo zoviwo, zokuprinta izatifikethi, njl. njl. Ngako oko ke, kunyanzelekile ukuba irekhodi yomviwa ngamnye itshekishwe ngenyameko enkulu kwesi sigaba ukuze kungabikho zimpazamo ngexesha lokuveliswa kweziphumo zoviwo. Akukho lutshintsho luya kwenziwa (lweenombolo zezazisi (ID numbers) namagama, njl. njl.) zakuba nje izatifikethi zikhutshiwe.
5. Ngokumalunga nabafundi be-ABET, ukuba akukho zimpazamo kwibonakalayo kuluhlu oluprintiweyo (printout), abaphathi bamaziko, nangona kunjalo, mababhale bangqine ukuba iinkcukacha kwishedyuli zichanekile ngandlela zonke.
6. Iinqununu maziqinisekise ukuba zonke izinto ezitshintshwayo (all changes) ngokumalunga nabafundi abasisigxina zenziwa kuphela kwiCEMIS. IsiHlomelo B ("Confirmation of Corrections") masizaliswe naso size sithunyelwe kwiSebe ungadlulanga umhla we-25 Meyi 2007.
7. Ukuba inqununu okanye umphathi weziko uyakuchasa ukuba umviwa abhale uviwo lweMatriki, makazichaze izinto azichasayo (objections) ngokupheleleyo kwileta eya kwiSebe leMfundo. Ngokunxulumene noku, kucelwa uthathele ingqalelo iSetyhula 0026/2000 yomhla we-18 Februwari 2000 neSetyhula 0121/2003 yowe-13 Meyi 2003.
8. Ziyacelwa iinqununu nabaphathi bamaziko ukuba bonke bancede benze amalungiselelo ayimfuneko noSkynet Couriers (kule nombolo yefoni 021 531 9191 ukuba aqokelele izintlu ezitshekishiweyo zalungiswa ukuze zifike kwiSebe leMfundo ungadlulanga owe-25 Meyi 2007 kule dilesi ilandelayo:
Head: Education 
(For attention: Mr F. Jacobs, Room 515A, 5th Floor)
Western Cape Education Department
Grand Central Towers
Lower Parliament Street
Cape Town
9. Bayacelwa abalawuli bee-EMDC nabaphathi beesekethe ukuba bancede baqinisekise ukuba umhla wokubuyiswa kwezintlu ezitshekishiweyo zaze zalungiswa ulandelwa ngokuthe ngqo.
10. Iya kuthakazelelwa intsebenziswano yenu ngokumalunga noku.


ISAYINWE: NGU-L.C. ARENDSE
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2007:05:08

Isihlomelo A  (ubukhulu: 7 KB)