1. Kulindelwe izicelo kootitshala abanqwenela ukumakisha amaphepha eemviwo kwiiMviwo zeMatriki ngoNovemba 2007. Amaphepha ezifundo eziza kumakishwa akolu luhlu luqhotyoshelweyo.
2. Iikhrayitheriya zokuqeshwa kwabamakishi
2.1 Abenzi-zicelo mababe namabanga emfundo eyaziwayo engaphaya kweMatriki yeminyaka emithathu nebandakanya isifundo esichaphazelekayo kwinqanaba lesibini okanye elesithathu, okanye amabanga emfundo afanelekileyo angaphaya kweMatriki kweso sifundo.
2.2 Ootitshala mababe banamava onyaka omnye wokufundisa eso sifundo sichaphazelekayo kwinqanaba leBakala 12. Kukwafuneka nokuba babe bakhe basifundisa eso sifundo kwithuba elingangonyaka omnye ubuncinane, kule minyaka ilandelayo: 2005, 2006, 2007.
2.3 Bonke abenzi-zicelo mababesenkonzweni kumaziko emfundo alungiselela abaviwa iiMviwo zeMatriki eNtshona Koloni.
2.4 Akukho titshala oya kuqeshwa amakishe kuviwo lweMatriki ukuba ungozuze ireyithi yokupasa kwabafundi kwizifundo engaphantsi kwe-50% (subject pass rate of less than 50%) kuviwo lweMatriki lonyaka ongaphambili.
2.5 Ukuqinisekisa ukuba ukusebenza ngokukuko kweziko akumiswa kakubi kukungabikho kootitshala, apho kunokwenzeka, mabangabi ngaphezu kwe-30% ootitshala kwiziko ngalinye abaya kuqeshwa njengabamakishi. Iinqununu kufuneka zikuthathele ingqalelo oku xa zingqina izicelo zokumakisha. Isigqibo sokugqibela malunga nokuba ngabaphi na ootiitshala abangaqeshwayo bamakishe, sithathwa liSebe leMfundo leNtshona Koloni (WCED). Makuqatshelwe ukuba, nakuba kunjalo, kunyaka ngamnye kusoloko kukho ukunqongophala kwezicelo zokumakisha kwezi zifundo zilandelayo:

Biology HG & SG, Papers 1 & 2
English First Language HG & SG, Papers 1, 2 & 3
English Second Language HG & SG, Papers 1, 2 & 3
Mathematics HG & SG, Papers 1 & 2
Physical Science HG & SG, Papers 1 & 2
Introduction to Criminology SG

2.6 Abenzi-zicelo abafuna ukumakisha iPhepha 2 kwiiLwimi (Languages) mababe bayazazi kwaye bazifundisisile zonke iincwadi ezimiselwe ukufundwa ukulungiselela uviwo.
2.7 Ukuqeshwa kootitshala abamakishayo kuya kungqinelana nesiCwangciso soBulungisa kwezeNgqesho (WCED’s Employment Equity Plan) seSebe iWCED, ngako oko ke kunyanzeleke ukuba abenzi-zicelo bachaze uhlanga nesini sabo kwifom yokwenza isicelo.
2.8 Abenzi-zicelo ababonise ukuba bajonge ukurhoxa okanye ukuthatha umhlala-phantsi nabaya kuyiphelisa inkonzo yabo neSebe iWCED ungadlulanga owe- 28 Septemba 2007, abayi kuqwalaselwa ukuba baqeshwe njengabaya kumakisha ngaphandle kwalapho utitshala ochaphazelekayo aya kuba ngutitshala kwizikolo ezizimeleyo ezibhala uviwo lweSebe leMfundo leeNtshona Koloni.
2.9 Akukho titshala usekhefini lokugula ngexesha lokumakisha uya kuqeshwa ukuba amakishe kwiimviwo zeMatriki.
2.10 Umenzi-sicelo makazalise ifom yokwenza isicelo eyahlukileyo ngephepha loviwo ngalinye afaka isicelo kulo.
2.11 Ikopi eqinisekisiweyo yamabanga emfundo aphezulu aphunyelelweyo okanye into ebubungqina beziphumo zakhe, ebonisa ukuba zeziphi na izifundo ezafundwa ngumenzi-sicelo, mayihambe kunye nefom yesicelo nganye. Zonke iifom zokwenza isicelo, kwakunye nezicelo zabo babekhe bamakisha ngaphambili, ezingahambi neekopi eziqinisekisiweyo zeziphumo, aziyi kuqwalaselwa. Akukho namnye umntu oya kwaphulelwa kwezi meko yaye kungayi kubakho mbalelwano eya kuqhutywa nabenzi-sicelo malunga nalo mba.
2.12 Iimodareyitha zangaphakathi zamaphepha eemviwo ezinenani elincinane labaviwa nezinqwenela ukongeza kumsebenzi wazo wokumodareyitha ngaphakathi amaphepha eemviwo, mazifake izicelo ngokufanelekileyo ukuba zifuna ukuqwalaselwa ngenjongo yokuqeshwa njengabamakishi.
2.13 Nakuba iSebe leMfundo likhetha ukuba iinqununu zibekhona ezikolweni zazo ekupheleni konyaka wezifundo, zingafaka nazo izicelo zokuqeshwa njengabamakishi. Ukukhethwa kweenqununu njengabamakishi kuya kuxhomekeka, phakathi kwezinye izinto, kwezi meko zilandelayo:
  • Zonke izicelo ezivela kwiinqununu ziya kungeniswa kubalawuli be-EMDC ukuze bazivume.

  • Eyona nto ephambili eya kujongwa iya kuba kukuba isikolo siya kubanako na ukusebenza ngokupheleleyo nangokugqibeleleyo ngethuba lokumakisha xa ingekho inqununu.

  • Amalungiselelo achanekileyo mawenziwe ukuze ilungu elingomnye wabasebenzi lisebenze njengenqununu xa inqununu ingekho. Ukunikezela kwenqununu komsebenzi wayo makubhalwe phantsi.

  • Isikolo masibenako ukusebenza ngaphandle kobukho benqununu, nokuba inkqubo yokupasa kwabafundi besikolo (school’s learner promotion process) mayingaphazanyiswa kukungabikho kwenqununu.

3. Inkqubo yokwenza isicelo
3.1 Izicelo mazithunyelwe kule dilesi ilandelayo:

Head: Education
For attention: Mr Mark Camerroon (Room 4-15)
Directorate: Examinations
Western Cape Education Department
Grand Central Towers
Lower Parliament Street
CAPE TOWN
8001

Iikopi zefom yesicelo emiselweyo eqhotyoshelweyo zikwafumaneka kwakule dilesi ingentla, okanye kwiziko lewebhu leWCED apha: http://wced.wcape.gov.za/circulars.

3.2

Zonke iifom zezicelo mazithunyelwe ngeposi ebhaliswayo (registered mail) into ethetha ukuba iirisithi ezikhutshwe liziko leposi mazigcinwe njengobungqina bokuposiweyo. Nakuba kunjalo, izicelo zingaziswa ngesandla kwiCandelo leeMviwo, kwa-4th Floor eGrand Central Towers, apho iirisithi zazo zonke izicelo ezifumanekileyo ziya kukhutshwa khona.

Iifom zezicelo mazifike kwiCandelo leeMviwo (Directorate: Examinations) ungagqithanga umhla we-26 Apreli 2007, ngo-16:00. Makungaze naphantsi kwazo naziphi na iimeko iifom zezicelo zithunyelwe ngqo kubavavanyi. Izicelo ezifunyenwe emva komhla wokuvala aziyi kuqwalaselwa. Luphezu kwamagxa abenzi-zicelo uxanduva lokuqinisekisa ukuba ifom ezaliswe ngokupheleleyo ifika kule ofisi phambi okanye ngomhla wokuvalwa.

3.3 Yonke imibuzo, nokuba ngaba yeyefoni okanye yebhaliweyo, mayithunyelwe ngqo kwiCandelo leeMviwo, ingathunyelwa kubavavanyi ngqo. Qhagamshelana nelinye lala magosa:
Mnu Mark Cameron apha:	021 467 2964, i-imeyili  
mgcamero@pgwc.gov.za
Mr N Riddles apha:	021 467 2992, i-imeyili  
nriddles@pgwc.gov.za
Ms NM Janda apha:	021 467 2009, i-imeyili
njanda@pgwc.gov.za
3.4

Ukuvunywa kwezicelo

Iifom zezicelo ezizaliswe ngokupheleleyo ezivela kootitshala mazisayinwe yinqununu okanye ngumphathi weziko.

Iifom zezicelo ezizaliswe ngokupheleleyo ezivela kubacebisi ngezekharityhulam abaziintloko, kwiinqununu kunye nakubaphathi bamaziko kufuneka zisayinwe ngumlawuli we-EMDC.

Iifom zezicelo ezizaliswe ngokupheleleyo ezivela kubacebisi ngezekharityhulam kufuneka zisayinwe ngumlawuli okanye ngumcebisi ngezekharityhulam oyintloko we-EMDC.

Iifom zezicelo ezizaliswe ngokupheleleyo ezivela kubacwangcisi bekharityhulam abakhulu kufuneka zisayinwe nguMlawuli weCandelo loPhuhliso lweKharityhulam.

3.5 Izicelo ezingasayinwanga aziyi kuqwalaselwa.
3.6 Mabancede abenzi-zicelo bachaze uhlobo lwesidlo abalukhethayo kwifom yabo yokwenza isicelo. Makuqatshelwe ukuba iSebe alinako ukuvumela utshintsho kwizidlo ezikhethiweyo ngethuba lokumakisha.
4. Amalungiselelo ethuba lokumakisha
4.1 Ukumakisha konke kuya kwenzelwa kwindawo esembindini okanye kufuphi neKapa, njengoko kunokumiselwa liSebe iWCED.
4.2 Kucingelwa ukuba ukumakishwa kwamaphepha eemviwo kuya kuqala ngo:07:30 ngoLwesine, we-29 Novemba 2007, kuze kugqitywe ngo:18:00 ngoLwesithathu, we-5 Disemba 2007. Le mihla iya kuqinisekiswa kamva. Amagosa amakishayo makaqinisekise ukuba ayigqibile yonke imisebenzi yawo ezikolweni zawo, kunye nokumakisha, phambi kokuba kuqalwe ukumakishwa.
4.3 Abamakishi kulindeleke ukuba bamakishe amaphepha ubuncinane iiyure ezisibhozo (8) ngosuku. Oku akudibanisi amaxesha esidlo sasemini nawokuphunga. Iziko lokumakishela liya kuvulelwa ukumakisha ukususela ngo-06:00 ukuya ku:22:00 mihla le.
4.4 Intlawulo yokumakisha iphepha ngalinye iza kufumaneka kwakamsinya yakuba ifumanekile kwiSebe leMfundo likaZwelonke. Imodareyitha nganye, umvavanyi nomakishayo ngokunjalo, baya kutsalelwa irhafu ngokungqinelana noMthetho weRhafu yeNgeniso (Income Tax Act).
4.5 Kunyanzelekile ukuba iinqununu, abalawuli bee-EMDC, abaphathi beesekethe nabacebisi ngezekharityhulam bakwazise okukule ngcaciso imfutshane bonke ootitshala, kubandakanywa nabo basekhefini. Eli Candelo leeMviwo aliyi kwamkela zigxeko ngokungaxelelwa kootitshala ngokuqulethwe yile ngcaciso imfutshane yeCandelo leeMviwo.
5. Njengoko ukumakishwa kwamaphepha oviwo lweMatriki kuyinto engamava axabiseke kakhulu nayinzuzo kootitshala, iSebe iWCED linenjongo yokuqinisekisa ukuba amagqiza okumakisha abandakanye abamakishi abatsha qho ngonyaka. Ubulungisa kwezengqesho kukwayinto ebalulekileyo emayiqwalaselwe. Bonke ootitshala abafanelekileyo ukuba bamakishe bayakhuthazwa kakhulu ke ngoko ukuba bafake izicelo. Iinqununu nabacebisi ngezekharityhulam bayacelwa ukuba bakhuthaze ootitshala abanolwazi ukuba bafake izicelo.
6. Bonke abamakishi abatsha baya kungenela uqeqesho lokumakisha ngaphambi kokuba kuqale iseshoni yokumakisha.
7. Iinqununu mazivume ukuba ziyifumene le ngcaciso imfutshane yeCandelo leeMviwo, kwifom eqhotyoshelweyo, nemayifike kule ofisi ungadlulanga owe-18 Apreli 2007.


ISAYINWE: NGU-AP CLAUSEN
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2007:03:29

List of Subject Codes  (ubukhulu: 18 KB)
Application Form  (ubukhulu: 34 KB)
Acknowledgement of Receipt Form  (ubukhulu: 28 KB)