1. Ziyacelwa iiNqununu zezikolo naBaphathi bamaziko emfundo yabadala ukuba babhale amagama needilesi zabantu abafanelekileyo nabanqwenela ukusebenza njengabagadi-baviwa abaziintloko nabagadi-baviwa abancedisayo kwisiHlomelo A, nemayingeniswe ngokukhawuleza kumphathi wesekethe. Umphathi wesekethe makawavume loo magama atyunjiweyo aze angenise uluhlu lokugqibela lwamagama kwiSebe leMfundo leNtshona Koloni (WCED) ngaphambi/ngowe-15 Juni 2007.

2. Ithayimthebhile yokugqibela yeemviwo zeMatriki no-ABET iBakala 12 zika-Oktobha/Novemba 2007 iya kuthunyelwa ezikolweni kwakamsinya.
3. Kucelwa uthathele ingqalelo le miba ibalulekileyo ilandelayo:
3.1 Umphathi wesekethe makaqhube udliwano-ndlebe buqu kunye naloo mntu utyunjwe njengomgadi-baviwa oyintloko.
3.2 Umphathi wesekethe makaqinisekise ngezakhono zabatyunjwa zokufunda, zokubhala, zokuva ncam nokubona kakuhle kwakunye nemeko yempilo yabo.
3.3 Umphathi wesekethe makaqinisekise ukuba abatyunjwa bazimisele kwakhona ukusebenza njengabagadi-baviwa abaziintloko kwiiMviwo zeMatriki zokuXabangela zangoMatshi 2008, ukuba ziye zafuneka iinkonzo zabo.
3.4 Nakuba kunjalo mayigxininiswe kumgadi-baviwa oyintloko ngamnye ukuba, ukuba uyazibophelela ukusebenza njengomgadi-baviwa oyintloko ngoMatshi 2008, makabenako ukuthobela eso sigqibo sithatyathiweyo.
3.5 Abenzi-sicelo okanye abatyunjwa abafake izicelo kwizithuba zengqesho ezisisigxina kwezinye iindawo, kukhethwa ukuba bangaqwalaselwa ngenjongo yokuba baqeshwe.
3.6 Umgadi-baviwa oyintloko makaxelelwe ukuba unyanzelekile ukuba aye kwiiseshoni zoqeqesho zabagadi-baviwa. Abagadi-baviwa abaziintloko abahlala kumgama ongekho ngaphezulu kwama-75 km ukusuka esikolweni okanye kwiziko ekuya kuqhubekela khona uqeqesho, baya kuhlawulwa imali yeseshoni enye eyongezelelweyo ngenxa yokuya kolo qeqesho. Abagadi-baviwa abaziintloko abahlala kumgama ongaphezulu kwama-75 km ukusuka esikolweni okanye kwiziko ekuya kuqhubekela khona uqeqesho, baya kuhlawulwa imali yeeseshoni ezimbini ezongezelelweyo ngenxa yokuya kolo qeqesho. Abahlawulwa abagadi-baviwa abancedisayo ngokuya kwiiseshoni zoqeqesho.
3.7 Umgadi-baviwa oyintloko makancedise inqununu ekutshekisheni yonke imithwalo yamaphepha emibuzo yeemviwo efikileyo. Uya kuhlawulelwa kuphela iseshoni eyongezelelweyo enye ngalo msebenzi, kungakhathaliseki nani lamithwalo okanye mgama ohanjiweyo ukuze abekho xa kufika naxa kutshekiswa amaphepha emibuzo yeemviwo.
3.8 Umgadi-baviwa oyintloko makancedise kwakhona inqununu ekugcineni irejista ekufuneka isayinwe yinqununu, yintloko yesifundo nomgadi-baviwa oyintloko ukulungiselela ukukhutshwa kwamaphepha emibuzo yeemviwo esefini.
3.9 Apho inqununu zazivumile ngo-2006 ukuba iintlawulo zabagadi-baviwa zidipozithwe kwi-akhawunti yebhanki yesikolo, kuya kulandelwa kwaloo nkqubo ifanayo nango-2007.

4. UKUTYUNJWA KWABAGADI-BAVIWA ABAZIINTLOKO IsiHlomela B (Ukutyunjwa kwabagadi-baviwa abaziintloko) mayizaliswe ize isayinwe yinqununu okanye ngumphathi weziko ukuze ikopi igqithiswe ngokukhawuleza kuloo mntu utyunjwe njengomgadi-baviwa. Le leta yokutyunjwa iqulethe imiyalelo ebaluleke kakhulu. Ngexesha lodliwano-ndlebe nomgadi-baviwa otyunjiweyo, umphathi wesekethe emva kokuzanelisa ngokuba umntu otyunijweyo ngofanelekileyo nonako ukwenza imisebenzi eyimfuneko, makamnike isiHlomelo C lowo utyunjiweyo ukuze asizalise, emva koko kufuneka ifom leyo isayinwe kwakhona ngumphathi wesekethe.

5. UKUTYUNJWA KWABAGADI-BAVIWA ABANCEDISAYO

Inqununu okanye umphathi weziko makamngqine umtyunjwa ukuba ngofanelekileyo (makabangqine abatyunjwa ukuba ngabafanelekileyo) ukwenza loo misebenzi yomgadi-baviwa oncedisayo (yabagadi-viwa abancedisayo), kuze emva koko umphathi wesekethe abonise ukuba ngaba ukuqeshwa komtyunjwa (kwabatyunjwa) kuya kwamkeleka na. Kufuneka emva koko kuzaliswe isiHlomelo D size sisayinwe ngumgadi-baviwa oncedisayo (ngabagadi-baviwa abancedisayo).


6. Emva kokuzaliswa, iziHlomelo A, B, C, D, no-E mazingeniswe ngokukhawuleza ngumphathi wesekethe, ukuze zifike kwiCandelo leeMviwo ingagqithanga i-15 Juni 2007. (FOR ATTENTION: MS MS V.D. DU PLESSIS / MRS P.M. LIGUMA) Qaphela: Abaphathi beesekethe mabancede baqinisekise ukuba zonke iifom zithunyelwa kunye kwiSebe zingahlukaniswa njengoko oko kunokudala ukulibaziseka kwinkqubo yokuqeshwa.

QAPHELA: Akukho mntu ukuqeshwa kwakhe kungekavunywa ngumphathi wesekethe makenze imisebenzi njengomgadi-baviwa. Abagadi-baviwa mabangaze naphantsi kwaziphi na iimeko baqeshe abagadi-baviwa ababambeleyo nakweyiphi na inxenye yomsebenzi wabo. Ukuba iimeko azimvumeli umgadi-baviwa oyintloko okanye oncedisayo ukuba asuphavayize uviwo, ukuqeshwa kwebambela kufuneka kwenziwe yinqununu okanye ngumphathi weziko, ngokucebisana nomphathi wesekethe. Malaziswe iSebe leMfundo ngokukhawuleza malunga noku. Abagadi-baviwa ababambeleyo ezikolweni mabangenise ngokunjalo iinkcukacha zebhanki zabo (IsiHlomelo E).


7. Kwiimeko eziqhelekileyo, akukho namnye umntu omakaqeshwe njengomgadi-baviwa oyintloko okanye njengomgadi-baviwa oncedisayo ukuba:
(a) ungaphantsi kweminyaka eyi-25 ubudala, ukuba ungaphantsi kweminyaka eyi-25 ubudala, inqununu nomphathi wesekethe mabangenise izizathu zokuxhasa oko;
(b) usisizalwane somfundi ovavanywayo okanye ungutitshala ofundisa kweso sikolo okanye ungutitshala olungiselela abafundi uviwo;
(c) wenza nantoni na enxulumene nootitshala nabasebenzi besikolo okanye behostele ekuhlala kuyo abafundi besikolo esithile; yaye
(d) uyindoda okanye ungumfazi okanye usisizalwane somgadi-baviwa oyintloko.

8. Abagadi-baviwa abaziintloko kufuneka babenamabanga emfundo ubuncinane yeBakala 12 yaye abagadi-baviwa abancedisayo ubuncinane babe neBakala 10. Ukuba akunjalo, makungeniswe ileta ebhaliweyo echaza isizathu sokutyunjwa kwalowo.

9. Ukuba kukho ngaphezu kwabaviwa abayi-30 ngeseshoni nganye, iSebe i-WCED lizimisele ukuqesha umgadi-baviwa omnye kubaviwa abayi-30 okanye inxalenye yeli nani kuloo seshoni, okanye umgadi-baviwa oncedisayo omnye kwigumbi ngalinye ekubhalela kulo abafundi, ukuba ngaba onke amagumbi asetyenziswe ngokupheleleyo azala phambi kokuba kusetyenziswe igumbi elongezelelweyo. Kwiiseshoni apho kukho kuphela inani elincinane labaviwa (ababini ubuncinane) kuya kufuneka iinkonzo zomgadi-baviwa omnye oncedisayo. Kwimeko enje ngale umgadi-baviwa oyintloko akayi kuyenza imisebenzi eqhelekileyo, ngaphandle kokubambela umgadi-baviwa oncedisayo xa kufuneka ekhaphe umviwa ovunyelwe ukuba aphume kwigumbi lokubhalela uviwo ngenxa yesizathu esingxamisekileyo. Xa kukho iimviwo zethiyori nezeprakhthikhali (theory and practical examinations) ngeseshoni enye, makusetyenziswe iinkonzo zomgadi-baviwa oncedisayo. Xa kufuneka iinkonzo zabagadi-baviwa ababini nangaphezulu ngeseshoni apho kusetyenziswa amagumbi amabini nangaphezulu ngaxeshanye, umgadi-baviwa oyintloko akayi kwenza imisebenzi yesiqhelo yokugada abaviwa. UMZEKELO:

Example:

INANI LABAFUNDIINANI LABAGADI-BAVIWA ABAZIINTLOKOINANI LABAGADI-BAVIWA ABANCEDISAYO
211
3011
3112

ICANDELO LEEMVIWO MALAZISWE XA KUSETYENZISWE ABAGADI-BAVIWA ABONGEZELELWEYO (JONGA ITHEYIBHILE)

QAPHELA: NGENXA YABAFUNDI BEMFUNDO ENEEMFUNO EZIZODWA, IMIHLATHI 7 NO-8 AYISAYI KUNYANZELISWA (WILL BE WAIVED) KWAKUBA KUFUMANEKE IINKCAZO EZINGENISIWEYO APHO IIMFUNO EZIFANELEKILEYO ZICACISWE NGOKUTHE GCA.


10. Apho bonke abaviwa ingabantu ababhinqileyo umgadi-baviwa oyintloko nomgadi-baviwa oncedisayo, mababe ngabantu ababhinqileyo. Apho abaviwa ingamadoda nababhinqileyo, aze umgadi-baviwa oyintloko abe yindoda, ubuncinane omnye wamgadi-baviwa abancedisayo makabe ngumntu obhinqileyo, okanye, ukuba umgadi-baviwa oyintloko ngumntu obhinqileyo, ubuncinane omnye wamgadi-baviwa abancedisayo makabe ngumntu oyindoda.

Abagadi-baviwa baqeshwa besazi ncam yaye beyiqonda ngokucace gca into yokuba, ngeeyure zoviwo baya kujongana kuphela nokugada abaviwa yaye eminye imisebenzi nokuba yeyoluphi na uhlobo (umz. ukufunda, ukubhala, ukunitha) ayivumelekanga ngexesha egade abaviwa kwigumbi lokubhalela uviwo.

ABAGADI-BAVIWA ABANAKO NAPHANTSI KWAYO NAYIPHI NA IMEKO UKULISHIYA IGUMBI LOKUBHALELA UVIWO NGETHUBA LOKUBHALWA KOVIWO OKANYE BASHIYE ABAVIWA KUNGEKHO UBAGADILEYO KWIGUMBI LOKUBHALELA UVIWO.


11(a) ISebe i-WCED liya kuqesha lize lihlawule abagadi-baviwa ngokwemigaqo ebekiweyo yeSebe. Izikolo ezizimeleyo neekholeji zinoxanduva lokuhlawula abagadi-baviwa bazo. Nangona abagadi-baviwa bengahlawulwa liSebe, iinqununu zezikolo ezizimeleyo, iintloko zeekholeji neentolongo maziqaphele ukuba kunyanzelekile ukuba zizalise iifom zokwamkelwa (IziHlomelo C no-D) zize zizibuyisele kwiSebe.

Abagadi babaviwa abaziintloko bezikolo ezizimeleyo neekholeji mabafake iifom zabo zamabango zokugada abaviwa kwinqununu okanye kumphathi weziko, noya kulungiselela intlawulo yabo. Abasebenzi abasezintolongweni abasebenza njengabagadi babaviwa kwiiMviwo zeMtriki abafumani ntlawulo yongezelelweyo. Ukuba abagadi-baviwa entolongweni, abaqeshwanga kwinkonzo yeentolongweni, malaziswe ke ngoko iSebe i-WCED ngokubhalelwa ileta.

11(b) Abasebenzi abangoomabhalane nootitshala abafumana umvuzo kwiSebe nabasebenza njengabagadi-baviwa, abayi kuhlawulwa liSebe ngenxa yemisebenzi yabo yokugada abaviwa. Intlawulo ekhoyo ngoku yokugada abaviwa ngeseshoni yi-R89,60 kumgadi-baviwa oyintloko ibe yi-R56,75 ngeseshoni kumgadi-baviwa oncedisayo. (Iintlawulo zisengatshintshwa)
11(c) ABAGADI-BAVIWA ABAYI KUHLAWULWA IINDLEKO ZEEHAMBO NAPHANTSI KWAZO NAZIPHI NA IIMEKO. (Iinqununu nabaphathi bamaziko, ngoko ke mabaqeshe abagadi-baviwa, abakufutshane kwalapho ekuhlaleni nabafumana iinkonzo kweso sikolo/ziko).

QAPHELA: IMIGAQO EMALUNGA NOKUHLAWULWA KWERHAFU YOMQESHWA (IRP 10) IMISELA UKUBA YONKE IMIVUZO YABANTU KWIZITHUBA ZENGQESHO EZINGESOSIGXINA, KUFANELE UKUBA KUTSALWE KUYO I-25% YERHAFU. ISEBE I-WCED LIYA KUTHI KE NGOKO LITSALE I-25% KWINTLAWULO YOMGADI-BAVIWA NGAMNYE. NGOKO KE, UKUNGENISWA KOMYALELO WOKUTSALWA KWERHAFU KUBAQESHWA (TAX DEDUCTION DIRECTIVE) (IRP 3) AWUSASEBENZI. ABAGADI-BAVIWA ABAFANELE KUXOLELWA NGOKUPHELELEYO OKANYE UKUXOLELWA NGOKUYINXENYE KWINTLAWULO YERHAFU YABAQESHWA, MABATHI BAKUFUMANA IZATIFIKETHI ZE-IRP5 ZABO (IINKCUKACHA ZENTLAWULO YOKUTSALWA KWERHAFU YENGENISO) KWISEBE I-WCED, BAZINGENISE KWI-OFISI YABO YE-RECEIVER OF REVENUE ECHAPHAZELEKAYO KUNYE NEFOM EMISELWEYO U-I2.S. Izatifikethi zerhafu ii-IRP 5 certificates zidla ngokuba ziposelwe kumakhaya abagadi-baviwa okanye kwiidilesi zeposi ngethuba likaMeyi-Juni kunyaka olandela lowo bebengabagadi-baviwa ngawo.

UMZEKELO:

 Inani leeseshoniIntlawuloIntlawulo engekaxhuzulwa rhafuIrhafuIntlawulo exhuzulwe irhafu
Umgadi-baviwa oyiNtloko 12R89.60R1075.20R268.80R806.40
Umgadi- baviwa oncedisayo1259.75R717.00R179.25R537.75

11(d) Ukuze kukhawuleziswe intlawulo yamabango abagadi-baviwa, kufuneka ngamnye umgadi-baviwa oyintloko nomgadi-baviwa oncedisayo abhale inombolo yakhe yesazisi (identity number) kwifom yokwamkela ukuqeshwa aze aqhoboshele ikopi yesazisi okanye yesatifikethi somtshato (apho kusebenzayo oku).
11(e) IsiHlomelo E masizaliswe kuphela ngabatyunjwa bezikolo/bamaziko angayi kubanako ukuncedisa kwintlawulo yabagadi-baviwa bawo. Makuzaliswe ifom ize ingqinisiswe njengechanekileyo kwaye i-akhawunti yebhanki ingqinwe njengesebenzayo yibhanki echaphazelekayo.

12. INDAWO YOKUBHALELA

Ubuncinane kwithuba lenyanga enye phambi kokuqala koviwo, umgadi-baviwa oyintloko, ngokubhungisana nenqununu okanye nomphathi weziko, makaqinisekise ukuba kukho indawo yokubhalela abaviwa efanelekileyo neyaneleyo yabo bonke abaviwa abaza kubhala.

Abaviwa mabahlaliswe kwindawo enesithuba esaneleyo phakathi kwabo ukuthintela naziphi izenzo ezitenxileyo ezinokwenzeka. Iholo yesikolo kunye/okanye amagumbi asetyenziswayo, mazibekwe iidesika okanye iitafile ekuya kuhlala kuzo abaviwa ngohlobo lokuba kubekho: Isithuba esiyi-150 cm kumacala omabini edesika okanye etafile nganye. Isithuba esiyi-120 cm ngaphambi nangemva kwedesika okanye kwetafile nganye

Umphathi wesekethe makatyelele amaziko okubhalela uviwo kwisekethe yakhe ukuqinisekisa ukuba ngaba uyenziwa na lo myalelo.

IKWANGUMSEBENZI WOMGADI-BAVIWA OYINTLOKO NGAMNYE UKUZANELISA YENA BUQU NGOKUFANELEKA KWENDAWO YOKUBHALELA ABAVIWA PHAMBI KOKUQALA KOVIWO.

13. Ziyacelwa iinqununu nabaphathi bamaziko ukuba baqinisekise, ngokubhungisana nomphathi wesekethe, ukuba kwenziwe amalungiselelo anelisayo ukuze abafundi bangaphazamiseki ngexesha leeseshoni zokubhalwa koviwo.
14. Lusemagxeni abaphathi beesekethe uxanduva lokuqesha bonke abagadi-baviwa kwisikolo esithile okanye kwiziko elithile, o.k.t. kubafundi abasisigxina be-ABET iBakala 12 nakubafundi babucala (apho kusebenzayo oku).
15. IKOPI YALE NGCACISO IMFUTSHANE MAYINIKWE UMGADI-BAVIWA OYINTLOKO KWAKUNYE NOMGADI-BAVIWA NGAMNYE.


ISAYINWE: NGU-A.P. CLAUSEN
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2007:03:06

Isihlomelo A  (ubukhulu: 8 KB)
Isihlomelo B  (ubukhulu: 17 KB)
Isihlomelo C  (ubukhulu: 14 KB)
Isihlomelo D  (ubukhulu: 7 KB)
BAS form  (ubukhulu: 28 KB)
Acknowledgement of receipt  (ubukhulu: 5 KB)