1. Emva kokugqitywa kokungqinwa kweziphumo zeemviwo zeMatriki ngu-Umlalusi, iZatifikethi zeMatriki nezatifikethi zezifundo zithunyelwa qho ngonyaka kumaziko emfundo apho abaviwa bebefunda khona imatriki. La maziko emfundo athwele uxanduva lokugcina ngokukhuselekileyo ezi zatifikethi aze azinike abaviwa.
2. Izatifikethi ezingathathwayo emazikweni ngabaninizo zibangela umsebenzi ongeyomfuneko kwiSebe iWCED njengoko abaviwa abanjengaba, besuka bacele izatifikethi ezitsha kwiSebe iWCED. Kuyimfuneko ke ngoko ukuba kuphunyezwe inkqubo entsha malunga noku.
3. Ukususela kumhla wale setyhula, zonke iZatifikethi zeMatriki okanye izatifikethi zezifundo ezingathathwanga mazibuyiselwe kwiSebe eli zingadlulanga iinyanga ezintandathu (6) emva kokuba zifunyenwe zisuka kwiSebe. Ezi zatifikethi mazibuyiswe kunye noluhlu lwezatifikethi ezithathiweyo (apho abaviwa bakusayinele khona ukufumana kwabo izatifikethi zabo) yaye apho kunokwenzeka, nobungqina bokuposelwa kwazo kubaviwa abachaphazelekayo.
4. Kwakhona kucelwa ufunde umgaqo-nkqubo weSebe, owapapashwa kwiSetyhula 110/2003 yomhla we-7 Meyi 2003, ocela ukuba amaziko emfundo makahlukane nokubamba iziphumo zeemviwo okanye izatifikethi ngenxa yemali yeefizi engahlawulwanga. Ngelishwa ke, lo mkhwa usaqhubeka kwamanye amaziko emfundo yaye ziyacelwa kwakhona iinqununu ukuba mazingasebenzisi le ndlela ukuzama ukufumana iifizi zesikolo.
5. Intsebenziswano yenu ngalo mba ungentla iya kuthakazelelwa kakhulu.


ISAYINWE: NGU-A.P. CLAUSEN
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2007:03:01