1. Iintloko zamaziko emfundo ezingenisa izicelo kwiSebe leMfundo zokufumana iminyinyiva kwiimviwo (ixesha elongezelelweyo okanye nayo nayiphi enye indlela yokuviwa okanye indlela etshintshwe apha naphaya) ukulungiselela abaviwa boViwo lweMatriki, mazikwenze oko ngokwesikhokelo esibhalwe kwiSihlomelo A seNgcaciso eMfutshane yeCandelo leeMviwo 0015/99 (attached) yowe-3 Septemba 1999. Ukuba iziko lakho alinalo olu xwebhu lomgaqo-nkqubo, lunokufumaneka kwiCandelo leeMviwo.
2. Kucelwa ukuba uncede uqaphele ukuba umhla wokugqibela wokufakwa kwezicelo zabafundi abangaboniyo (visually impaired learners) abakwizikolo eziqhelekileyo, utshintshelwe kwi-15 Matshi 2007. Umhla wokugqibela wokufakwa kwezicelo zabo bonke abanye abafundi ngowama-29 Juni 2007.
3. Ingxelo eneenkcukacha yengcali echaza ngokunzulu (professional report) (engekho ngaphezulu kweminyaka emi-3 ikho) evela kugqirha (medical doctor), ipara-medikhi (paramedic) okanye isayikholojisti (psychologist) kwakunye nobunye ubungqina obuxhasayo (iziphumo zoxilongo, iziphumo zeemviwo njl.njl.), mayihanjiswe kunye nale fom yokwenza isicelo.
4. Ifotokopi yesazisi somfundi nayo mayihanjiswe nazo zonke iifom zokwenza isicelo.
5. Kwiimeko apho isicelo senzelwa umviwa otsala nzima ekupeleni amagama okanye onengxaki yokubhala makwaziswe umvavanyi ngenjongo yokuba akuthathele ingqalelo oku, makufakwe kunye nemizekelo yomsebenzi obhalwayo womviwa, obonisa ngokucacileyo ingxaki leyo.
6. Makunikwe inkcazo ecace gca yengxaki yomfundi, njengoko iqatshelwe eklasini. Ukuba ingxaki inkulu, makuboniswe iminyinyiva yexesha elidlulileyo eyanikwa uviwa ngexesha lokufunda kwakhe (umz. ukunikwa ixesha elingaphezulu, iminyinyiva emalunga nopelo lwamagama). Kwiimeko ezinjalo, makunikwe ingcaciso ngqo njengoko njalo (precise information) ngobungakanani bomnyinyiwa owawunikwe kwixesha elidlululeyo, umz. inani lemizuzu engaphezulu eyanikwa ngeyure nganye.
7. Izicelo zokunikwa ixesha elingaphezulu lokubhala uviwo ngenxa yeemeko ebezingaziwa, ezinjengokwaphuka ingalo okanye umnwe okwenzeka emva kwale mihla ikhankanywe apha ngentla yokuvala, mazingeniswe nazo ngefom emiselweyo. Kwimeko enjalo, ifom yesicelo, iincwadi zoogqirha zonyango namanye amaxwebhu axhasayo anokuthunyelwa ngefeksi kwiSebe leMfundo, kusetyenziswa le nombolo yefeksi 021 461 5637. Amaxwebhu entsusa angathunyelwa emva koko ngeposi. Kwiimeko ezinjengezi, makwaziswe uNdlunkulu ngefoni, nokuba ngaba nguMnu J.C. Albertyn (ifoni 021 467 2011) okanye uMnu H.A.J. Coetzee (ifoni 021 467 2921) ukuba seyithunyelwe ifeksi.
8. Isigqibo seSebe leMfundo ngokumalunga nesicelo sexesha elingaphezulu, kwakunye nolunye utshintsho apha naphaya, siya kuthunyelwa kwintloko yeziko kwaye, ngaphandle kokuba kuchazwe ngolunye uhlobo, loo mnyinyiva uya kusebenza kwiimviwo zombini, ezikaNovemba nezokuxabangela zikaFebruwari-Matshi. Intloko yeziko mayazise umgadi wabaviwa kunye nomviwa ngencwadi ebhaliweyo ngesigqibo eso ngokubanika ikopi yeleta yemvume.
9. Kucelwa uncede uqaphele ukuba imvume yexesha elingaphezulu kuzo zonke iimviwo zangaphakathi, ukuya kutsho yaye kubandakanywa noviwo lweBakala 12 lukaSeptemba, inokunikwa kuphela ngumphathi wesekethe ochaphazelekayo. Amaziko makayigcine kwirekhodi iminyinyiva elolu hlobo.
10. Kuzo zonke izicelo intloko yeziko mayinike ingcebiso yayo ize izisayine.
11. Le fom iqhotyoshelweyo yokuvuma ukuba uyifumene imbalelwano mayizaliswe ize ithunyelwe ngefeksi kwiSebe.
12. Nceda wazise okukule ngcaciso imfutshane yoviwo bonke abantu abachaphazelekayo.


ISAYINWE: NGU-A.P. CLAUSEN
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2007:02:19

Policy Document: Alternative and adapted methods of examining/assessing Learners with Special Education Needs
(ubukhulu: 32 KB)
IFOM YOKWENZA ISICELO  (ubukhulu: 13 KB)
Acknowledgement of receipt  (ubukhulu: 7 KB)