1. ISebe leMfundo kuzwelonke linqwenela ukuqokelela ingcaciso ezikolweni ezifundisa izifundo zeThekhinololoji kwiCandelo leFET.
2. Ngenxa yoku, ziyacelwa zonke izikolo ukuba zizalise icandelo ngalinye lale fom yobalo (audit form) esuka kwiSebe leMfundo kuzwelonke (IsiHlomelo A).
3. Kucelwa ungenise ifom ezalisiweyo kuMnu J Randewijk kule dilesi ye-imeyili jrandewijk@pgwc.gov.za okanye kule nombolo yefeksi 021 467 2258 ungadlulanga owe-18 Januwari 2008.
4. Ukuba ufuna ingcaciso engaphezulu malunga noku, kucelwa ukuba uqhagamshelane noMnu Randewijk kule nombolo yefoni 021 467 2564/2585.
5. Iya kuthakazelelwa kakhulu intsebenziswano yenu malunga noku.


ISAYINWE: NGU-P. SATYO
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2007:11:27

Isihlomelo A  (ubukhulu: 20 KB)