1. ISebe leMfundo likazwelonke liye lahlaziya la maxwebhu alandelayo omgaqo-nkqubo ukomeleza nokuxhasa ukuqaliswa kweNkcazo yeKharityhulam kaZwelonke (kumaBakala 10 - 12):
  • Subject Assessment Guidelines

  • Government Gazette - Protocol on Recording and Reporting

2. Ukongeza, iHigher Education South Africa ipapashe isikhokelo sokunika inkxaso abafundi, abazali nootitshala ekuqapheleni ezona ndlela zichanekileyo zokukhetha izifundo namakhondo ezifundo angalandelwa (correct subject choices and career pathways):
  • Into Higher Education: A Guide for Schools (NiSHE)

3. La maxwebhu aya kuthunyelwa kuzo zonke izikolo. Kwimeko apho isikolo siye asafumana kopi yala maxwebhu angasentla, masiye kwi-EMDC echaphazelekayo, njengoko inani eliqingqiweyo lezinye iikopi liya kuthunyelwa kuyo ukulungiselela ukushota okungenzeka.
4. ISebe leMfundo likazwelonke liprinte iziKhokelo zeeMvavanyo zeziFundo (Subject Assessment Guidelines) (SAGs) ezihlaziyiweyo kwisifundo ngasinye kweziyi-29 ze-NCS (zamaBakala 10 - 12). Ezi SAGs seziguqulelwe kwisi-Afrikansi kwaye ziya kuthunyelwa ngokungqinelana nolwimi ekufundiswa ngalo sisikolo.
5. Kucelwa uqaphele ukuba isiKhokelo seeMvavanyo zeziFundo esihlaziyiweyo (sikaJanuwari 2007) singafumaneka kwakhona kwiThutong Educational portal apha www.thutong.org.za okanye apha http://curriculum.wcape.school.za.
6. Kucelwa uqaphele ukuba kubaluleke gqitha ukuba ootitshala basebenzise iinguqulelo ezintsha zala maxwebhu angasentla. Ukusetyenziswa kwamaxwebhu amadala kungakhokelela ekubeni abafundi balungiselelwe ngokungachanekanga ukugqithela kwibakala elilandelayo (progression), kwiMatriki okanye ekungeneni kumaZiko eMfundo ePhakamileyo, njengoko kwenziwe iinguqulelo kakhulu kwezinye izifundo. Ngako oko ke amaxwebhu ee-SAGs ne-NiSHE ashicilelwe (editions) ngo-2006 kufuneka indawo yawo ithathwe ngala ka-2007.
7. Abacebisi ngezekharityhulam bazisiwe ngezi nguqulelo kwaye baya kunika ingcebiso ezikolweni ukuba kungakho nayiphi na imibuzo.
8. Izikolo ziya kufumana kwakhona umqulu onika ingcaciso ngesifundo (subject resource pack) oqulunqwe ngentsebenziswano namaziko eMfundo ePhakamileyo ale ngingqi ukwenzela ukubonelela ootitshala ngendlela yokufikelela kulwazi olutsha lokuqulathwe sisifundo. Injongo yale miqulu enika ingcaciso ngesifundo, ebhalwe kwiNqanaba 5 le-NQF, kukuxhasa ulwazi lootitshala kunye nokuqonda iikhonsepthi zekhontenti yekharityhulam entsha eza kufundiswa kumaBakala 10 - 12 (amaNqanaba 3 - 4 e-NQF).
9. Ziyacelwa iinqununu ukuba ziqinisekise ukuba ootitshala abachaphazelekayo bayazifumana iikopi zala maxwebhu akhankanywe kule mbalelwano.


ISAYINWE: NGU-J.P. RAULT-SMITH
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2007:02:06


La maxwebhu kubhekiselelwe kuwo njengaqhotyoshelwe kule setyhula, akaqhotyoshelwanga kodwa ayafumaneka njengeekopi ezingelokhutshelo (hard copies).