1. Esinye seziphumo zokufunda esichazwe kwiNational Curriculum Statement for Life Orientation kwi-Further Education and Training Band kukuba umfundi unako ukubonisa ulwazi asele enalo (self-knowledge) kunye nokubanako ukuthatha izigqibo enolwazi ngokumalunga nokuqhubeka nemfundo, neenkalo zamakhondo omsebenzi nezifundo ngekhondo lomsebenzi awukhethayo.
2. ISebe leMfundo leNtshona Koloni (WCED) linqwenela ukuqinisekisa ukuba bonke abafundi bayaboniswa bachazelwe kangangoko ngamathuba amahle amaninzi akhoyo kwilizwe lezengqesho, ngamathuba engqesho afanelekileyo nangamakhondo anokukhethwa kangangoko kunokwenzeka xa baye besondela ngasekugqibeni ukukhetha amakhondo omsebenzi.
3. Injongo yeMetro Emergency Medical Services (EMS) kukubonelela ngempilo ejolise kwi-EMS System eyenziwa ngabasebenzi abanezakhono, abanobuchule nabasebenza ngenkuthalo. I-EMS inqwenela ukwenza igalelo elibonakalayo kuphuhliso lokunyamekelwa kwabafuna unyango olungxamisekileyo njengomsebenzi owenziwa ngabaqeqeshelwe wona (profession) eMzantsi Afrika.
4. Kuza kuthunyelwa iiphowusta kuzo zonke izikolo eziphakamileyo eNtshona Koloni ukususela nge-1 Novemba 2007, kupapashwa ikhondo lomsebenzi kwi-Emergency Medical Services. Ziyacelwa izikolo ukuba zizixhome ezi phowusta kwindawo esemboniselweni ukwenzela ukuba zibonwe ngabafundi abakwiBakala 12 njengangoku ukuze bazithathele ingqalelo.
5. Ziyacelwa iinqununu ukuba zazise okukule ngcaciso imfutshane bonke ootitshala ukuze bayithathele ingqalelo.


ISAYINWE: NGU-P SATYO
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2007:10:29