1. ISebe leMfundo leNtshona Koloni (WCED) liqaphele ukuba incwadi yesifundo yeBakala 5 (Grade 5 textbook) esihloko sithi, My Clever Natural Sciences Through Issues, epapashwe yi-Clever Books, elicandelo lakwa-Macmillan South Africa, inesiganeko (scenario) esithile kumaphepha 43 no-44 esingafanelekanga kubafundi beBakala 5.
2. ISebe iWCED licela ukuba lo mzekelo ofundwa nzulu (case study) ungasetyenziswa ngootitshala xa befundisa isihloko sithi "The impact of HIV and AIDS". Bayacelwa ootitshala ukuba bafumane umzekelo ofundwa nzulu owahlukileyo nofaneleke ngakumbi kubafundi beBakala 5 xa kufundwa ngefuthe le-HIV ne-AIDS.
3. Le ncwadi ayikaphicothwa liSebe - ukukhethwa kwayo njengencwadi yesifundo kuxhomekeke kwisigqibo sezikolo nootitshala.
4. Ayizi kurhoxiswa yona incwadi, kodwa lo mzekelo kuxoxwa ngawo apha, mawurhoxiswe. Sele kuxoxiwe ngalo mba nompapashi kwaye eli candelo lale ncwadi liza kuhlaziywa.
5. Kunyanzelekile ke ngoko ukuba isihloko malunga neHIV ne-AIDS sifundiswe bonke abafundi kuzo zonke iinkalo zezifundo nezifundo ngendlela efanelekileyo. Kucelwa ootitshala bathathe ingqalelo eyodwa ngokugqithisileyo xa bekhetha iincwadi zokufundisa esi sihloko kubafundi.
6. Ziyacelwa iinqununu ukuba zazise okukule ngcaciso imfutshane bonke abachaphazelekayo kubandakanywa abazali nabahlali, apho kuyimfuneko.


ISAYINWE: NGU-M. CAMERONH
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2007:09:03