1. INgcaciso eMfutshane yeCandelo leKharityhulam 0072/2007 yanika izikolo ingcaciso ngenkqubo ye-CTA ka-2007. I-CTA yenziwa ngabafundi beBakala 9 kwikota yesi-4 yonyaka wokufunda kwaye kuphela komsebenzi wovavanyo osesikweni orekhodiweyo waloo kota.
2. Njengoko kucacisiwe kwiSetyhula 0072/2007, ii-CTA zeCandelo B ziya kusiwa ezikolweni, kusetyenziswa ingcaciso yobhaliso ekwi-CEMIS.
3. Ukuba isikolo sibhale iinombolo okanye iinkalo zezifundo ezingachanekanga kwi-CEMIS, iya kuba sisikolo eso esinoxanduva lokuqinisekisa ukuba umfundi ngamnye ufumana incwadi efanelekileyo (iincwadi ezifanelekileyo) ekuya kubhalwa kuyo (kuzo) i-CTA. Kwimeko elolo hlobo, iSebe iWCED aliyi kusa naziphi na iikopi ezongeziweyo. Nakuba kunjalo, iSebe iWCED lingazibonelela iikopi ezithunyelwa ngekhompyutha zeencwadi ezifanelekileyo ukwenzela ukuba isikolo senze iikopi ezongeziweyo.
4. Imibuzo malunga nokupakishwa nokusiwa kwee-CTA zeCandelo B mayithunyelwe kuMnu C Berry kule dilesi ye-imeyili cberry@pgwc.gov.za okanye kule nombolo yefeksi 021 461 5628.
5. Apho izikolo zifumana inani elingachanekanga leencwadi ngenxa yempazamo ekupakishweni okanye ekusiweni kwazo liSebe iWCED, ziyacelwa ukuba zizalise le fom iqhotyoshelweyo ukubonisa ukuwa nganeno kwenani (shortages) zicele ezinye iincwadi ezingaphezulu. Izicelo mazithunyelwe kwinombolo yefeksi okanye kwidilesi ye-imeyili ebhalwe kwifom.
6. NgokweGazethi kaRhulumente 29626, iCandelo B le-CTA ngumsebenzi osetwa ngaphandle ekufuneka ubhalwe phantsi kwemiqathango yeemviwo engqongqo, efana naleyo yeemviwo zeMatriki. Iinqununu ziyakhunjuzwa ukuba luxanduva lwazo zodwa qwaba ukuqinisekisa ukuba ukunyaniseka kwale nkqubo akungxengeki (compromised). Amaphepha emibuzo okanye iimemoranda mazinganikwa ootitshala okanye abafundi phambi komhla naphambi kwamaxesha okubhalwa kwee-CTA, njengoko kutshiwo kwithayimthebhile kazwelonke yeCandelo B.
7. ISebe leMfundo liyiqonda ncam into yokuba izikolo zineshedyuli exakeke kakhulu yekota yesine, ngoko ke ziya kuthakazelelwa kakhulu iinzame zenu zokuqinisekisa ukulawulwa ngempumelelo kwee-CTA.


ISAYINWE: NGU-T SINGH
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2007:11:02

National Policy on Assessment and Qualifications for schools in the General Education and Training Band (GET)
(NgokweGazethi kaRhulumente)
  (ubukhulu: 947 KB)

The attached form, referred to in this Minute, was sent to schools.