1. Le Ngcaciso eMfutshane yeCandelo loPhuhliso lweKharityhulam 0062/2007, ekufuneka ifundwe kunye neNgcaciso eMfutshane yeCandelo loPhuhliso lweKharityhulam 0085/2007, yingcaciso eyenzelwe ootitshala abakhethelwe ukuya kwiiseshoni zoqeqesho zoLwazi ngezoBomi ngowe-2007.
2. Indawo yeeseshoni zoqeqesho, eseCape Teaching Institute, eNooiensfontein Road, eKuils River, ingathatha kuphela ootitshala abangama-70 kwiseshoni yoqeqesho nganye.
3. Nceda utshekishe iziHlomelo eziqhotyoshelweyo u-A, B no-C ngocoselelo.
3.1 Kuphela ngabo titshala abamagama avelayo kwizintlu abanokuya kwiseshoni yoqeqesho.
3.2 Kuba ezi khosi zifaka iSebe leMfundo leNtshona Koloni kwiindleko ezinkulu zemali, kubalulekile ootitshala abakhethiweyo baye kwezi seshoni zoqeqesho njengoko kubhaliweyo kwiziHlomelo A, B no-C.
3.3 Namphi utitshala okhethiweyo ongakwaziyo ukuya ngale mihla ibhaliweyo makazise uNks D Christiaans kule foni 021 467 2589 okanye kule dilesi ye-imeyili dchristi@pgwc.gov.za phambi kowama-31 Oktobha 2007.
4. Iinqununu ziyacelwa ngokukhawulezileyo ukuba zazise okubhalwe kule leta bonke ootitshala boLwazi ngezoBomi.
5. Ukuba ufuna ulwazi olungaphezulu, nceda uqhagamshelane noNks D Christiaans, onguMcwangcisi weKharityhulam oMkhulu woLwazi ngezoBomi, usebenzisa iingcombolo zoqhagamshelwano ezikumhlathi 3.3 apha ngasentla.


ISAYINWE: NGU-P. SATYO
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2007:10:15

Isihlomelo A  (ubukhulu: 11 KB)
Isihlomelo B  (ubukhulu: 13 KB)
Isihlomelo C  (ubukhulu: 13 KB)