1. Intshayelelo
1.1 Ukumodareyithwa kovavanyo olwenziwa ngamaziko (site-based assessment) yi-EMDC ngumgaqo woqinisekiso lwemigangatho oyimfuneko, njengoko kuvumela ukunikwa kwengxelo ngokuqhubekayo eyinzuzo enkulu kootitshala nakubaphathi bamaziko.
1.2 Abacebisi kwii-EMDC basebenzisa njengangoku isixhobo i-ABAS 3a/b yokumodareyitha (ABAS 3a/b moderation tool) ukumodareyitha iiphothifoliyo zabafundi nezootitshala kumaziko emfundo yabadala.
1.3 Amanqaku ovavanyo olwenziwa ngamaziko angeniswe ngamaziko kwimakhishiti ye-ABAS 2 avunywa ngabacebisi ngezekharityhulam be-EMDC, abakhuphela amanqaku kwishedyuli yekhompyutha enikwe liCandelo leeMviwo.
2. Intlanganiso yephondo yoqinisekiso lokumodareyitha
2.1 Ziyacelwa ii-EMDC ukuba zithumele umcebisi ngezekharityhulam we-ABET wazo kwintlanganiso yephondo yoqinisekiso lokumodareyitha yeSebe i-WCED, eya kuqhubeka nge-2 ne-3 Oktobha 2007 kwi-EMDC: West Coast & Winelands e-Paarl. I-ajenda (Isihlomelo A) yale ntlanganiso ihamba kunye nale ngcaciso emfutshane.
2.2 Umcebisi ngezekharityhulam makeze kule ntlanganiso nesampula emele iiphothifoliyo zabafundi (representative sample of learner portfolios) zenkalo yesifundo nganye, apho amagosa ephondo aya kuqinisekisa khona uvavanyo aze anike nengxelo ngokuqhubekileyo. Iiphothifoliyo zifanele ukumela onke amaziko abhalisele uvavanyo luka-Oktobha 2007 kwaye zibandakanye zonke iiphothifoliyo ezimodareyithiweyo.
2.3 Ukongeza, abacebisi ngezekharityhulam bamele ukubonelela ngala maxwebhu alandelayo, aya kusetyenziselwa inkqubo yoqinisekiso kwisithili se-EMDC:
  • Iingxelo zokumodareyitha zesithili se-EMDC - ezibandakanya iingxelo zentlanganiso yokumisela imigangatho (standard setting meeting) nezentlanganiso yokubeka esweni inkqubo (monitoring) eyayibanjelwe kwisithili se-EMDC
  • Iifayili zokumodareyitha ze-ABET CA ezineefom zokumodareyitha namaxwebhu omgaqo-nkqubo
  • Iiphothifoliyo zootitshala kwiziko ngalinye nakwinkalo yesifundo nganye mazihambe kunye neephothifoliyo zabafundi, njengoko ababeki-liso bephondo baya kumodareyitha isampula yeephothifoliyo njengenxalenye yenkqubo yoqinisekiso.
3. Intlanganiso yoqinisekiso ka-Umalusi-ABET Level 4
3.1 I-ajenda (Isihlomelo B) yale ntlanganiso ihamba kunye nale ngcaciso imfutshane. Iimodareyitha ezintathu zika-Umalusi ziza kutyelela iNtshona Koloni nge-4 ne-5 Oktobha 2007 ukuqinisekisa ukumodareyithwa kwenkqubo yovavanyo olwenziwa ngamaziko lwe-ABET Level 4. Ezi modareyitha ziya kubeka esweni iinkqubo zokumodareyitha zeSebe leMfundo leNtshona Koloni zize ziqinisekise ukumodareyithwa kweephothifoliyo zezi nkalo zezifundo zimbini zilandelayo.
  • ULwazi lokuBala lweMathematika
  • IsiNgesi
3.2 Bayacelwa abacebisi ngezekharityhulam be-ABET ukuba babekho kule ntlanganiso kwaye beze ubuncinane ne-10% yeephothifoliyo zeziko ngalinye nezenkalo yesifundo nganye kwezi nkalo zezifundo zimbini zikhankanywe apha ngasentla. Apho abafundi ababhalisele uvavanyo luka-Oktobha bangaphantsi kweshumi, makuziwe entlanganisweni nazo zonke iiphothifoliyo.
3.3 Iiphothifoliyo zootitshala kwiziko ngalinye nakwinkalo yesifundo nganye mazihambe kunye neephothifoliyo zabafundi, njengoko iimodareyitha zika-Umalusi ziya kumodareyitha isampula yeephothifoliyo njengenxalenye yenkqubo yoqinisekiso.
3.4 Ukongeza, iimodareyitha zika-Umalusi ziya kubamba intlanganiso eyodwa yokunika ingxelo ngokuqhubekileyo kootitshala abafundisa ezi nkalo zezifundo zimbini zingasentla. Aba titshala bayacelwa ukuba baye kwintlanganiso ekwi-EMDC: West Coast & Winelands ePaarl nge-5 Oktobha 2007 ukuqalela nge-13:30 ukuya kwi-15:30.
3.5 Ziyacelwa ii-EMDC ukuba zazise uMnu CJ Hanson (chanson@pgwc.gov.za) ungadlulanga owe-28 Septemba 2007 ngeenani lootitshala kwizithili zabo abanqwenela ukuya entlanganisweni.
4. Ubukho babacebisi ngezekharityhulam be-ABET kwezi ntlanganiso bubaluleke kakhulu ekunikeni amaziko ingxelo ngokuqhubekayo, kwaye makwenziwe zonke iinzame zokuba babekho.


ISAYINWE: NGU-M. CAMERON
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2007:09:28

Isihlomelo A  (ubukhulu: 14 KB)
Isihlomelo B  (ubukhulu: 14 KB)