1. Ingcaciso yokwandlalela
1.1 Ukuphuculwa kwamanqanaba olwazi lokufunda nokubhala kunye nolwazi lokubala (literacy and numeracy levels) lwabafundi beSigaba seSiseko yinto ephambili yaye kuyinxalenye yesiCwangciso sokuFunda nokuBhala noLwazi lokuBala se-WCED (WCED's Literacy and Numeracy Strategy). Uvavanyo lokwandlalela lwabafundi luqatshelwe njengento elubaluleke kakhulu kwesi sicwangciso.
1.2 Ngo-2006, ootitshala beBakala 1 banikwa i-WCED Baseline Assessment Programme nesixhobo, i-Early Identification of Need for Support, njengezincedisi. Ngo-2006 nango-2007 ezi zincedisi zasetyenziswa ngootitshala beBakala 1.
1.3 Ingxelo ngokuqhubekayo malunga ne-WCED Baseline Assessment Programme iqokelelwe kootitshala, kumagosa nakwabenza uphando oluzimeleyo (independent research), kwaye kwamkelwe iqela leengcebiso. Kuye ke ngoko kwahlaziywa i-WCED Baseline Assessment Programme ngokuthi kufakwe ezo ngcebiso.

2. Umasifundisane wephondo
2.1 I-WCED Grade 1 Baseline Assessment Programme ehlaziyiweyo iya kunikwa izikolo koomasifundisane bezikolo ezisebenzisanayo (cluster schools) kwikota yesine. Aba masifundisane baya kuqhubeka ngethuba leeyure ezi-2½ emva kwemini.
2.2 Ii-EMDC ziya kwazisa izikolo ngemihla neendawo zokudibana kwezikolo ezisebenzisanayo (clusters)/kweesekethe. Kucetyiswa ngamandla isikolo ngasinye ukuba siye kumasifundisane, naba bameli balandelayo:
  • IBakala 1: ukuya kutsho kootitshala aba-4 isikolo ngasinye
  • I-HOD yeSigaba seSiseko
  • Utitshala wokunika inkxaso ekufundeni (learning support teacher)
  • Inqununu yesikolo
2.3 Umasifundisane uya kunika ootitshala ithuba lokwandisa ulwazi lwabo lovavanyo lokwandlalela. Abathathi-nxaxheba baya kufumana ithuba
  • lokucacisa ulwazi abanalo lovavanyo lokwandlalela;
  • lokufunda izinto zokufunda ezihlaziyiweyo nokwazi okubhaliweyo kuzo;
  • ukucacisa iindlela ezahlukeneyo ongazikhetha zokuphumezwa kwe-WCED provincial Baseline Assessment Programme; kunye
  • nokusebenzisa izinto zokufunda ngempumelelo.
2.4 Izikolo eziya kwaba masifundisane ziya kufumana iikopi zezinto zokufunda ezihlaziyiweyo kumasifundisane lowo. Abo bangayiyo bamele ukwenza amalungiselelo okuya kuthatha izinto zokufunda kwii-EMDC zabo.
2.5 Emva komasifundisane kulindeleke abathathi-nxaxheba bakwazi ukwenza oku kulandelayo:
  • Ukubonisa ulwazi olufanayo lovavanyo lokwandlalela.
  • Ukwazi ukuba kusetyenziswa njani okufunyenwe luphando ngovavanyo lokwandlalela
  • Ukwazi nokuba nako ukusebenzisa iprogram eyomeleziweyo nesuswe zonke izinto ezingangeni ndawo i-Grade 1 Baseline Assessment Programme
  • Ukwazi nokuba nako ukukhetha nokusebenzisa ezinye iindlela zoVavanyo loKwandlalela lweBakala 1.
3. Isiphelo

Eli lithuba lokuba abaphathi bekharityhulam bezikolo bavumele ootitshala babo ukuba bathathe inxaxheba noogxa babo namagosa kumasifundisane wephondo ngokufanayo, kulo mba ubalulekileyo wovavanyo. Ngako oko ke ziyacelwa iinqununu ukuba zincede ziye kumasifundisane nootitshala bazo.

Okuya kulandela emva kwaba masifundisane, iSebe leMfundo leNtshona Koloni lijonge ngethemba ukuphunyezwa ngempumelelo kovavanyo lokwandlalela ngo-2008.



ISAYINWE: NGU-M.J. CAMERON
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2007:09:21