1. ISebe leMfundo leNtshona Koloni (WCED) linqwenela ukuqinisekisa ukuba bonke abafundi bayachazelwa ngamathuba amahle amaninzi akhoyo kwilizwe lezengqesho, ngamathuba engqesho afanelekileyo kwakunye namakhondo anokukhethwa, kangangoko oku kunokwenzeka, xa sele besiya esiphelweni sokukhetha amakhondo abo omsebenzi.
2. I-South African National Defence Force (SANDF) igaya abenzi-sicelo ukuba babhalise kwikhosi yeminyaka emibini i-Operational Emergency Care Practitioners (Paramedics).

3. Iimfuno zokuqala zezi zilandelayo:
3.1 Ubudala obuphakathi kweminyaka eyi-18 ukuya kwi-22
3.2 IMatriki (enze iBhayiloji). Iziphumo zematriki ezihle ezinesifundo iBhayiloji ziya kuthathelwa ingqalelo nazo.
3.3 Akukho kufuna ukuya kwindawo ethile kuphela, o.k.t. makazilungiselele ukuya naphi na kufuneka aye khona.

4. Abaviwa abaneMathematics neScience bangathathelwa ingqalelo ukuba baqhubele phambili benze ezinye iikhosi zezempilo (advanced health courses) eyunivesithi emva kokugqiba le khosi ingentla okanye emva kweenyanga ezintathu zoqeqesho lokuqala lwasemkhosini (basic military training).
5. Abenzi-sicelo mabazalise zombini iifom zokwenza isicelo eziqhotyoshelweyo baze bazifeksele ku-Lt Lindique apha 021 671 5056 phambi okanye ngalo mhla we-21 Septemba 2007.
6. Ngu-SANDF oya kuqhagamshelana ngqo nabenzi-sicelo abaphumeleleyo.
7. Udliwano-ndlebe luya kuqhutyelwa eYoungsfield Military Base eWetton, eKapa nge-25 ne-26 kaSeptemba 2007.
8. Ngaphezulu, bayacelwa abafundi ukuba beze kwi-Castle eKapa, nge-27 Septemba ukususela ngo-10:00 ukuya ku-11:00, apho amagosa akwa-SANDF aya kubachazela ngaMakhondo oMsebenzi eMkhosini. Abafundi abathile basengakhethwa kule ndibano kuze kwenziwe udliwano-ndlebe nabo nge-28 Septemba 2007.
9. Ziyakhuthazwa izikolo ukuba ziqinisekise ukuba abafundi beBakala 12 abafundayo ngoku, bayaxelealwa ngala mathuba amakhondo omsebenzi ngokukhawuleza.
10. Ziyacelwa iinqununu ukuba zazise okukule ngcaciso imfutshane bonke ootitshala.
11. Kucelwa ukuba uqhagamshelane noNksk DJ Christiaans, uMcwangcisi weKharityhulam oMkhulu weSifundo soLwazi ngezoBomi (FET) kule dilesi ye-imeyili dchristi@pgwc.gov.za okanye kule nombolo yefoni 021 467 2589, ukuba ufuna iinkcukacha ezingaphezulu.


ISAYINWE: NGU-M. CAMERON
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2007:09:14

Application form  (ubukhulu: 145 KB)