1. ISebe leMfundo likaZwelonke ligqibe ekubeni makuqhubeke kwakhona kulo nyaka ukubekwa esweni ngakumbi kwazo zonke iinkqubo zeemviwo zamasebe emfundo amaphondo. Oku kuquka utyelelo, olungayi kwaziswa abo batyelelwayo, kumaziko okubhalela iimviwo ukuqinisekisa ukuba zonke iinkqubo zilandelwa ngokuthe ngqo.
2. Abameli abavela kule mibutho mithathu ilandelayo baya kubeka esweni iinkqubo zeemviwo:
  • ISebe leMfundo leNtshona Koloni: Njengoko bekunjalo kwixa elidlulileyo, abaphathi besekethe, amalungu eekomiti ezijongene nemiba ngemiba yezemfundo okanye amalungu oLawuloo loPhuhliso lweKharityhulam aya kutshekisha ukuba ngaba iinkqubo zenziwa ngokuchanekileyo na.
  • UMALUSI - IBhunga lokuQinisekisa uMgangatho kwiMfundo Ngokubanzi nakwiMfundo eQhubelekayo noQeqesho (Council for Quality Assurance in General and Further Education and Training)
  • KwiSebe leMfundo likaZwelonke
3. Kuqeshwe amagosa okubeka esweni iimviwo avela ku-UMALUSI, kumalungu eekomiti ezijongene nemiba ngemiba yezemfundo nakwiSebe leMfundo likaZwelonke ukulungiselela ngokukodwa le njongo yaye akayi kunyanzeleka ukuba akhatshwe ngamagosa eSebe leMfundo leNtshona Koloni. Amagosa eekomiti ezijongene nemiba ngemiba yezemfundo akayi kubeka liso kwiisekethe zawo kuphela. Iikomiti ziya kuba nezazisi zazo yaye ziya kutshekisha zonke iinkqubo zeemviwo, umzekelo ukubhalwa kanye koviwo, ukugadwa kwabaviwa nokugcinwa ngokunqatyisiweyo kwamaphepha emibuzo kunye nokubekwa kwamaphepha emibuzo kumagumbi anqatyisiweyo.
4. Akukho mntu makavunyelwe ukuba angene kwigumbi lokubhalela uviwo engabonisanga isazisi esamkelekileyo. Ukuba kukho nawaphi amathandabuzo ngokuzazisa komntu othile, intloko yeziko mayifonele ngokukhawuleza uMlawuli weCandelo lezoLawulo lweeMviwo (uMnu AP Clausen) kule nombolo 021 467 2945, uMnu TJ Magwaca kule nombolo 021 467 2626 okanye uMnu J Parbhoo kule nombolo 021 467 2572.
5. ISebe leMfundo leNtshona Koloni liyayixhasa le nkqubo yokubekwa esweni kweemviwo yaye aliyithandabuzi into yokuba iinkqubo zeemviwo kwizikolo zalo zilawulwa ngokuthembekileyo. Ziyacelwa ke ngoko iintloko zamaziko emfundo achaphazelekayo ukuba zisebenzisane namagosa okubeka esweni iimviwo ngandlela zonke.
6. Aye acelwa amagosa okubeka esweni iimviwo ukuba makazixele kwiofisi yentloko yeziko xa efika aze enjenjalo naxa esimka. Ziyacelwa iintloko zamaziko ukuba zisayine isixhobo sokubeka esweni iimviwo (monitoring instrument) yaye ziqinisekise ukuba igosa elibeka esweni iimviwo lizalisa incwadi yeziganeko zemihla ngemihla ezenzeka esikolweni.
7. Okuqhotyoshelwe apha zizixhobo zokusetyenziswa ngamagosa okubeka esweni iimviwo (Izihlomelo A no-B) xa atyelela amaziko okubhalela iimviwo.


ISAYINWE: NGU-M. CAMERON
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2007:09:10

Isihlomelo A  (ubukhulu: 65 KB)
Isihlomelo B  (ubukhulu: 35 KB)