1. ISebe leMfundo leNtshona Koloni (WCED) ngokubambisana neKomiti yeeLwimi yaseNtshona Koloni ne-Centre for the Book, linqwenela ukukhuthaza isakhono sokubhala kubafundi. Ngenxa yoku, ootitshala beeLwimi bamaBakala 6 ukuya ku-9 bayamenywa ukuba bathathe inxaxheba kooMasifundisane beCreative Writing abaya kuba ngesiAfrikansi, ngesiNgesi nangesiXhosa. Oku kukuqinisekisa imbalelwano eyathunyelwa ngefeksi ezikolweni ngoJulayi 2007 yi-Centre for the Book.
2. Injongo yalo masifundisane wesakhono sokubhala kukunika ootitshala izakhono ezahlukeneyo zobuchule bokubhala eziya kuthi kamva, zincede ekuphuculeni izakhono zokubhala nezokucinga zabafundi.
3. Kuya kubakho oomasifundisane abahlukeneyo abathathu, kwaye umasifundisane ngamnye uya kulungiselela amaqela amathathu eelwimi. Iqela lokuqala liya kuba kwiholo ye-EMDC yaseWorcester- nge-13 Oktobha 2007. Abanye oomasifundisane ababini baya kubanjelwa e-Centre for the Book e-65 Queen Victoria Street, eKapa ngoMgqibelo we-20 Oktobha nangoMgqibelo we-27 Oktobha 2007. Bobathathu aba masifundisane, baya kuqala ngo-9:30 baze baphele ngo-16:00. Kuya kubonelelwa ngeziphungo nesidlo esilula.
4. Okuqulethwe ngumasifundisane
4.1 Iprogram yosuku ngalunye kwezi zintathu, iya kuqala ngeseshoni yawo onke amalungu (plenary session) ngo-09:30 phambi kokuqala koomasifundisane abangabodwa bolwimi ngalunye, nabaya kuqala ngo-10:00 baze baphele ngo-16:00.
4.2 Ootitshala baya kuqaliswa kwi-character, free-writing kunye nefirst things exercises; kwaye baya kuba bebhala ngeziqu zabo.
4.3 Kuya kufikelelwa kwiintlobo ngeentlobo zobhalo (writing genres), ezifana neprowuzi, izikripthi nemihobe.
5. Ootitshala beelwimi abanomdla wokuya kumasifundisane ngamnye kwaba, kwimihla echazwe apha ngentla mabazalise isiHlomelo A esiqhotyoshelweyo, baze basifeksele kuMnu M Espin kule nombolo yefeksi 021 424 1484 okanye kule dilesi ye-imeyili mark.espin@nlsa.ac.za engadlulanga uLwesihlanu we-21 Septemba 2007.
6. Amalungiselelo ohambo
6.1 Ootitshala abavela kwisikolo esinye okanye kwindawo enye, bayacelwa ukuba bakhwelisane ukuya kwindawo ekuqhutyelwa kuyo umasifundisane njengoko iSebe iWCED lingenako ukuhlawulela izithuthi eziliqela zootitshala abavela esikolweni esinye.
6.2 Ootitshala abenza amabango okuba besebenzise izithuthi zabo mabaze noku kulandelayo kumasifundisane:
  • Inombolo yePesali
  • Iinkcukacha zobhaliso lwesithuthi esisetyenzisiweyo
  • Iikhilomitha ezihanjiweyo eziboniswa sisithuthi

Ootitshala abasebenzisa izithuthi zikawonke-wonke (iinkonzo zebhasi neeteksi), mabaqhoboshele iirisithi kumabango abo. Apho ootitshala bahamba kunye nabafundi ngeemini-bhasi, amabango makahanjiswe kunye neerisithi ezikhutshiweyo okanye neleta evela kwinqununu yesikolo echaza iindleko ekungenwe kuzo. Ootitshala mabangenise amabango angqiniweyo (verified claims) ekupheleni kukamasifundisane.

7. ISebe iWCED linethemba lokuba aba masifundisane baya kuba ngamava abaya kuzuza lukhulu kuwo nabaya kuwonwabela abo baya kubakho.


ISAYINWE: NGU-M. CAMERON
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2007:09:05

Isihlomelo A  (ubukhulu: 12 KB)