1. ISebe leMfundo leNtshona Koloni (WCED) lizimisele ukuqinisekisa ukuba bonke abafundi baya kuba nombono ngamakhondo omsebenzi wexesha elizayo.
2. Kwenziwe isethi yeephowusta ezine (4) ukwenzela ukuba abafundi babe nolwazi ngokubaluleka kwamakhondo omsebenzi.
3. Ezi phowusta ziya kusiwa kuzo zonke izikolo eziphakamileyo apha kwiphondo ukususela nge-1 Septemba 2007.
4. Kucelwa ukuba ezi phowusta zibekwe kwiindawo esemboniselweni apho bonke abafundi baya kubanako ukuzibona ekukhethwa ukuba zibe kwilayibrari yesikolo okanye kwiklasi yesifundo soLwazi ngoBomi.
5. Ziyacelwa iinqununu ukuba zazise okukule ngcaciso imfutshane bonke ootitshala besifundo soLwazi ngoBomi.


ISAYINWE: NGU-M. CAMERONH
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2007:09:03


La maxwebhu kubhekiselelwe kuwo njengaqhotyoshelwe kule setyhula, akaqhotyoshelwanga kodwa ayafumaneka njengeekopi ezingelokhutshelo (hard copies).