1. Abacwangcisi bekharityhulam abakhulu beSebe leMfundo leNtshona Koloni (WCED) kwiiLwimi zase-Afrika kwi-GET nabesifundo soLwazi ngezoBomi kwi-FET banqwenela ukukhuthaza amakhondo omsebenzi kwiiLwimi zaseAfrika kubafundi beBakala 9 kwisithili se-EMDC: South Cape & Karoo.
2. Lo gama abafundi abakwizithili zee-EMDC ezikwimimandla yeedolophu (metropolitan EMDC districts) benethuba lokuya kwiintsuku ezivulelekileyo kumaziko emfundo ephakamileyo, oku akunjalo kubafundi abakwizithili zee-EMDC ezisemaphandleni. Kungoko kwenziwe isigqibo sokuba kubekho lo Mboniso ukhankanywe apha ngasentla wabafundi beBakala 9 kwisithili se-EMDC: South Cape & Karoo ngomhla we-6 Oktobha 2007.
3. Abafundi beBakala 9 abanomdla kumakhondo omsebenzi kwiiLwimi zase-Afrika mabakhethwe ngootitshala beeLwimi nabesifundo soLwazi ngezoBomi kwisikolo ngasinye. Abafundi abalolu hlobo mababonise impumelelo eqaqambileyo nomdla kwiilwimi zase-Afrika, kodwa kusenokutyenziswa kwakhona nezinye iikhrayitheriya zokubakhetha ezongeziweyo. Izikolo apho abafundi ubuninzi babo bantetho isisiXhosa zinokuthumela kuMboniso abafundi de baye kutsho kwabane, lo gama ezinye izikolo zinokuthumela umfundi abe mnye okanye babe babini.
4. Abahlohli abasuka kumaziko amane emfundo ephakamileyo kwiphondo baya kubamba iiseshoni ezimbini zeeyure ezintathu kwigumbi leentlanganiso (boardroom) ze-EMDC eGeorge nge-6 Oktobha 2007. Abafundi abasuka kummandla weCentral Karoo baya kuya kwiseshoni yokuqala, ukususela ngo-09:00 - 12:00. Abafundi abasuka eGeorge nakwimimandla ekufutshane baya kuya kwiseshoni yesibini, ukususela ku-13:00 - 16:00.
5. Kuya kubakho kwakhona kwezi seshoni iindidi ngeendidi zabasebenzi abaqeqeshiweyo kumakhondo omsebenzi kwiilwimi zase-Afrika ukuza kwabelana ngobungcali namava abo nabafundi abaza kulo Mboniso.
6. Ootitshala beSebe iWCED beelwimi zase-Afrika nabesifundo soLwazi ngezoBomi baya kubuyiselwa ngeendleko zohambo. Kungoko ke kubalulekile ukuba utitshala ngamnye ohamba ngemoto yakhe aze nezi zinto zilandelayo kuMboniso:
  • Inombolo ye-Pesali
  • Iinkcukacha zobhaliso lwesithuthi esisetyenzisiweyo kuhambo olo
  • Iinkcukacha zeekhilomitha ezihanjiweyo sisithuthi

Ootitshala abasebenzisa izithuthi zikawonkewonke (iinkonzo zebhasi neeteksi) mabaqhoboshele iirisithi ezisemthethweni kwizicelo zamabango abo. Apho ootitshala bahamba nabafundi ngeemini-bhasi, izicelo zamabango mazihambe kunye neerisithi ezikhutshiweyo okanye ileta esuka kwinqununu echaza ngeendleko ekungenwe kuzo. Ootitshala mabangenise amabango angqinisisiweyo kuNksk L Ngondo apho kuMboniso lowo ngomhla we-6 Oktobha 2007.

7. Ziyacelwa iinqununu ukuba zazise okubhalwe kule ngcaciso imfutshane bonke abachaphazelekayo.
8. Inkxaso yakho ekukhuthazeni amathuba amakhondo omsebenzi kwinkalo yeelwimi zaseAfrika iya kuthakazelelwa kakhulu.


ISAYINWE: NGU-M. CAMERONH
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2007:09:03