1. Le Ngcaciso iMfutshane kufuneka ifundwe kunye neNgcaciso eMfutshane DCD/0062/2007.
2. Uqeqesho lootitshala besifundo soLwazi ngezoBomi kwiprogram ye-PACE World of Work lutshintshelwe kule mihla ilandelayo:
2.1 Ootitshala beBakala 7 baya kuqeqeshwa nge-10 Novemba 2007.
2.2 Ootitshala beBakala 9 baya kuqeqeshwa nge-17 Novemba 2007.
3. Imihla yoqeqesho kootitshala bamaBakala 10 - 12 iya kuhlala injalo, iyile: 5, 6, ne-7 Disemba 2007, kwaye indawo isekwayi-Centre for e-Innovation (C-eI), eCape Teaching Institute, Nooiensfontein Road, Kuilsrivier.
4. Ootitshala abakhethwe ukuba baye kwiiseshoni zoqeqesho baya kwaziswa ngefeksi phambi kwe-15 Oktobha 2007.
5. Ziyabongozwa iinqununu ukuba zincede zazise okukule ngcaciso imfutshane bonke ootitshala besifundo soLwazi ngezoBomi.
6. Kucelwa ukuba niqhagamshelane noNksk D Christiaans, uMcwangcisi weKharityhulam oyiNtloko weSifundo soLwazi ngezoBomi (FET) kule nombolo 021 467 2589 okanye nge-imeyili apha dchristi@pgwc.gov.za ukufumana ingcaciso engaphezulu.


ISAYINWE: NGU-M. CAMERON
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2007:08:27