1. ISebe leMfundo (ICandelo lezeeNtlanga neeMfundiso ezisiSiseko) (Race and Values) iyenze imvumelwano nabantu abathatha inxaxheba kwi-The Mass Media Project, abavelisi benkqubo yeThivi iHeartlines series. Le nkqubo yasasazwa kwiThivi kazwelonke phakathi kwe-6 Julayi 2006 ne-10 Septemba 2006.
2. Injongo yale mvumelwano kukusasaza iinguqulelo zezishwankathelo zale nkqubo kuzo zonke izikolo eziziisekondari kwilizwe liphela kwakunye nesikhokelo sikatitshala ukuze zisetyenziswe kwisifundo soLwazi ngezoBomi kwiCandelo leMfundo noQeqesho oluQhubekayo (FET) (Life Orientation in the Further Education and Training (FET) Band).
3. Le nkqubo igxininisa ukufundisa iimfundiso ezisisiseko kwaye inxulumene neemfuno zeSiphumo sokuFunda 1 (Impilo qete yomntu) (Personal well-being) kwisifundo soLwazi ngezoBomi kwicandelo leFET.
4. Ngasinye isikolo esiphakamileyo kwiPhondo leNtshona Koloni siya kufumana iikopi ezintathu zeDVD neekopi ezintathu zesikhokelo sikatitshala. Ezi kopi ziya kusetyenziswa ngootitshala besifundo soLwazi ngezoBomi kumaBakala 10 no-11 njengesibonelelo esongeziweyo.
5. Ii-DVD nezikhokelo zikatitshala ziya kuposelwa ezikolweni nge-1 Septemba 2007.
6. Ziyacelwa iinqununu ukuba zazise okukule ngcaciso imfutshane bonke ootitshala besifundo soLwazi ngezoBomi kwiCandelo leFET nokuba ziqinisekise ukuba ootitshala besifundo soLwazi ngezoBomi bayayifumana iDVD nesikhokelo sikatitshala.


ISAYINWE: NGU-M. CAMERONH
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2007:08:28