1. Oku kubhekiselele kwezi Setyhula 0004/2007 no-0028/2007 nakule Ngcaciso iMfutshane yeCandelo loPhuhliso lweKharityhulam DCD/0058/2007. UMphathiswa wePhondo, uCameron Dugmore uqalise iphulo kumajelo eendaba nge-21 Agasti 2007 lokwazisa abazali ngomhla obekiweyo we-10 Septemba 2007 wokungeniswa kwemigaqo-nkqubo yeelwimi yezikolo nezicwangciso zokuphunyezwa kwayo.
2. Ziyacelwa izikolo ukuba zingenise imigaqo-nkqubo nezicwangciso, ngokwesikhokelo esasinikiwe kwixesha elidlulileyo, kubaphathi beesekethe bazo ngaloo mhla.
2.1 Njengoko kubalulekile ukuba kuye kwalandelwa inkqubo yothetha-thethwano, ziyacelwa izikolo ukuba zifake zombini iisiginitsha, eyenqununu nekasihlalo webhunga lolawulo lesikolo kumgaqo-nkqubo nakwisicwangciso.
2.2 Ziyacelwa izikolo ukuba zibhale ngokufutshane ukuba ngaba lo mgaqo-nkqubo mtsha wahlukile kowangaphambili, kwaye ukuba kunjalo, zibonise ezo zinto wahluke ngazo.
2.3 Kucacile ukuba izikolo eneneni aziyi kuba nako ukuphumeza zonke iinguqu ezinombono wazo kwimigaqo-nkqubo yazo yeelwimi kwangoko. Ngako oko ke isicwangciso sokuphunyezwa sisixhobo esibalulekileyo, njengoko sinokubonisa izinto ngezinto ezinokuchaphazela ukuphunyezwa kwesicwangciso.
3. Sinovuyo ukuvakalisa ukuba izikolo ziya kunikwa kungekudala iProgram esebenziseka ngokulula yeZifundo zesiXhosa kuLwimi lweSibini oLongezelelweyo (Programme for isiXhosa Second Additional Language), esekelwe kwiNgcaciso yeKharityhulam kaZwelonke. Le program iveliswe liqela lootitshala abasebenze ngokuzinikela okukhulu kwaye iya kuba sisixhobo esibalulekileyo ezikolweni.
4. Ziyacelwa iinqununu ukuba zazise okukule ngcaciso imfutshane bonke abachaphazelekayo.


ISAYINWE: NGU-M. CAMERONH
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2007:08:28