1. Ukuqaliswa kwamakhondo ezifundo athile kwinkalo yesifundo yoBugcisa neNkcubeko kwiSigaba saBadala ziinzame zeSebe leMfundo leNtshona Koloni zokomeleza unxibelelwano phakathi kwezoBugcisa neNkcubeko kwiBakala 9 (kwi-GET) nakwizifundo zoBugcisa zeBakala 10 (kwi-FET). Ukufunda ngamakhondo athile (specific learning pathways (SLPs)) kuvumela abafundi ukuba bakhethe uhlobo lube lunye lwezobugcisa kwiBakala 8 ne-9 njengohlobo lezobugcisa abagxile kulo abalufunda nzulu, kunye nezinye iintlobo ezintathu zobugcisa ezihlanganisiweyo ukuqinisekisa ukuba bayakrotyiswa kuzo yaye babe nomdla nakuzo. Kucetyiswa ukuba zenziwe ii-SLP ezikolweni ezifundisa izifundo zobugcisa kwi-FET, ngakumbi izikolo ze- A&C ekugxilwe kuzo (A&C focus schools).
2. NgoJanuwari 2007 iSebe leMfundo leNtshona Koloni laqhuba umasifundisane owathatha iveki enye lisazisa ootitshala ngezakhono zokuqalisa ii-SLP kuhlobo ngalunye lwezobugcisa. Ootitshala bacela ukuba, njengendlela yokulandelisa, makuchithwe ixesha elingaphezulu kuhlobo lwezifundo zobugcisa abanobungcali bazo, ekufundeni ukuba bangazihlanganisa njani ezinye iintlobo ezintathu zobugcisa kuyo, nakwizakhono ezifunekayo ukufundisa ezinye iintlobo ezintathu zobugcisa.
3. Uludwe loomasifundisane be-INSET selulungiselelwe ikota yesithathu neyesine ku-2007 ukwenzela ootitshala bezoBugcisa neNkcubeko beZikolo ekuGxilwe kuzo nabanye abaza kwenza le Program yokuFunda ngaMakhondo aThile kumaBakala 8 no-9 (Special Learning Pathways Programme in Grades 8 and 9). ISebe lezoBugcisa (kwiKhampasi yaseMowbray) leCape Peninsula University of Technology (CPUT)'s School of Education liya kuququzelela le nkqubo libambisene kunye neCandelo loPhuhliso lweKharityhulam leSebe leMfundo i-WCED.
4. Oomasifundisane baya kuqhutyelwa kwindawo esemaphandleni ukwenzela ootitshala abakwisithili seSouth Cape & Karoo, nakwindawo esedolophini ukulungiselela ootitshala abasuka kuzo zonke ezinye izithili. Kuya kubakho iiseshoni ezine eziya kuqhubekela kwindawo esedolophini ezibude buziiyure ezine inye zamaqela amane ezifundo zobugcisa (umdaniso, idrama, umculo nobugcisa bokubonwayo (visual art) ngeenjikalanga zangoLwezihlanu nangoMgqibelo. Oomasifundisane bendawo esemaphandleni baya kuqhutywa ngeempela-veki ezimbini ukwenzela bonke ootitshala bezobugcisa beSouth Cape & Karoo, ukususela ngenjikalanga yangoLwesihlanu ukuya ngeCawa. (Funda isiHlomelo A ukujonga zonke iindawo zeentlanganiso nemihla.)
5. Kulindeleke ukuba ootitshala beze nezi zinto zilandelayo koomasifundisane:
  • Isinxibo esiqhelekileyo (casual clothing) okanye iitreksuthi ezifanele oomasifundisane bezoMdaniso, iDrama, uMculo noBugcisa bokuBonwayo
  • The WCED Arts & Culture Special Learning Pathways Programme - Grades 8 & 9) (see below).
  • http://curriculum.pgwc.gov.za/resource_files/23133843_ARTS_AND_CULTURE_SENIOR_
    GRADE_-_LEARNING_PATHWAYS_.doc
  • http://curriculum.pgwc.gov.za/resource_files/23134409_Senior_Phase-_Grade_at_
    a_Glance.doc
6. Ootitshala bezoBugcisa neNkcubeko beSebe i-WCED baya kubuyiselwa ngeendleko zohambo. Ngoko ke kubalulekile ukuba utitshala ngamnye eze nezi zinto zilandelayo koomasifundisane:
  • Inombolo ye-Pesali
  • Iinkcukacha zobhaliso lwesithuthi esisetyenziselwe uhambo neekhilomitha ezihanjiweyo
  • Ootitshala abasebenzisa izithuthi zikawonke wonke (iinkonzo zebhasi noololiwe) mabaze neerisithi ezisemthethweni baziqhoboshele kumabango abo. Apho ootitshala basebenzisa iimini-bhasi, izicelo zamabango mazihambe kunye neerisithi ezikhutshiweyo okanye ileta esuka kwinqununu echaza ngeendleko ekungenwe kuzo. Utitshala ngamnye makafake isicelo esahlukileyo sebango elingqiniweyo.
7. Ootitshala abaya koomasifundisane basemaphandleni baya kubuyiselwa ngeendleko zohambo. Iindleko zokulala kwindawo ekuqhutyelwa kuyo umasifundisane ziya kuhlawulwa liSebe i-WCED.
8. Ootitshala mabangenise izicelo zabo zamabango kumphathi wase-CPUT kwiindawo zoomasifundisane.
9. Ootitshala abaya kwaba masifundisane mababhalise kwaNdlunkulu. Ifom yobhaliso eqhotyoshelweyo (isiHlomelo B) mayingeniswe kuSandy Johnson kule dilesi ye-imeyili johnsons@cput.ac.za okanye ifekselwe apha 021-680 1540 phambi kwe-4 Septemba 2007.

Qaphela: Ngenxa yokuba kwenziwa amalungiselelo, ootitshala abangabhalisanga phambi komhla osikiweyo abasayi kuba nako ukuya kwaba masifundisane.

10. Ziyacelwa iinqununu ukuba zazise okubhalwe kule ngcaciso imfutshane yeCandelo leKharityhulam bonke ootitshala abaziingcali zobugcisa.


ISAYINWE: NGU-M. CAMERON
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2007:08:29

Isihlomelo A  (ubukhulu: 9 KB)
Isihlomelo B  (ubukhulu: 34 KB)

WCED GET Arts & Culture Special Learning Pathways Programme (Grades 8 & 9)
(ubukhulu: 202 KB) (a "zipped" MS Word document)
Arts & Culture Learning Outcomes & Assessment Standards, Grade 7-9: A Grade at a Glance
(ubukhulu: 15 KB) (a "zipped" MS Word document)