1. Kukho inkxalabo ekhulayo kwihlabathi jikelele ngembubhiso yentlaninge yabantu (genocide) eqhubeka kummandla waseSudan iDarfur. Kwilinge lokwazisa uluntu ngentlekele echaphazela abantu ekhokelele kokuqhubeka eDarfur, iCape Town Holocaust Centre iza kuba nomboniso othi, Genocide and Darfur - A Multi-media Expo, ukususela nge-17 - 28 Januwari 2007. Lo mboniso ubandakanya imifanekiso esuka kwiGenocide and Darfur eyenziwa yiAegis Trust, UK, nakwiDarfur/Darfur Exhibition USA, ngokunjalo nokuboniswa kwenkqubo-mbaliselo ethi, Darfur Diaries: A Message from Home.
2. UMzantsi Afrika emva kocalu-calulo ube sisibane sethemba kwimibutho elwela amalungelo oluntu nakumaqela acinezelweyo kwihlabathi jikelele kwaye udlala indima eye isanda ngokubaluleka yokugcina uxolo eAfrika. Ngako oko ke kubalulekile ukuba abantu abatsha baseMzantsi Afrika bazi ngeentlekele zamalungelo oluntu eziqhubeka eAfrika nakwezinye iindawo ehlabathini, kwakunye nangendima edlalwa leli lizwe.
3. IHolocaust Centre yenze ukuba ufumaneke uMthandazo wokothandazela iDarfur obhalwe nguArchbishop Desmond Tutu noxwebhu olufutshane lwengcaciso ngongquzulwano eDarfur. Zombini ziqhotyoshelwe kule ngcaciso emfutshane.
4. Ziyakhuthazwa iinqununu ukuba zisebenzise lo mthandazo nengcaciso kwindibano yomthandazo wesikolo ekuqaleni kwale kota, nokwazisa umboniso weCape Town Holocaust Centre kootitshala nabafundi. Kukwafakwe kule ngcaciso emfutshane nephowusta yomboniso.


ISAYINWE: NGU-J.P. RAULT-SMITH
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2007:01:17

Darfour prayer  (ubukhulu: 34 KB)
Darfour information  (ubukhulu: 13 KB)
Darfour poster  (ubukhulu: 142 KB)