1. Le thayimthebhile iqhotyoshelweyo yeemviwo zeNqanaba 4 le-ABET zika-Oktobha 2007 ifikile ivela kwiSebe leMfundo likazwelonke. Iimviwo ziya kuqala nge-10 Oktobha 2007 ziphele nge-30 Oktobha 2007. Inkalo yesifundo nganye iya kubhalwa ukususela ngo-14:00 ukuya kwi-17:00 kwiintsuku ezibonisiweyo. Njengoko ezi mviwo ziyinkqubo kazwelonke, imihla namaxesha asebenza kwilizwe lonke yaye akuyi kubakho kunxaxha kwithayimthebhile kunokuvunyelwa.
2. Njengoko bekunjalo kwixesha elidlulileyo, amagosa e-EMDC nakaNdlunkulu nabameli baka-Umalusi baya kuyibeka esweni inkqubo yeemviwo.
3. Ukuba kufuneka uvavanyo luqhutyelwe ngaphakathi kwamasango ezikolo eziqhelekileyo, umphathi weziko makenze amalungiselelo kwangaphambili okusetyenziswa kwegumbi elinqatyisiweyo, isakhiwo sezolawulo, iiklasi, izindlu zangasese (ablution facilities), njl. njl.
4. Amaziko makaqinisekise ukuba abagadi babaviwa abaziintloko babo nabagadi babaviwa baqeqeshwe kakuhle kwaye bayakwazi ukusingatha ngempumelelo ukubhalwa kweemviwo.
5. Ukuze ibe nokusingathwa kakuhle imiba yezolawulo, abaphathi bamaziko mababe kumaziko okubhalela iimviwo phambi kokuqala kunye nasekupheleni kweseshoni yoviwo ngalunye.
6. Akukho mntu uvumelekileyo kwindawo yokubhalela uviwo ngaphandle kokuba uveze ikhadi lokuzazisa eligunyazisiweyo.
7. Abaphathi bamaziko bayacelwa kwakhona ukuba
7.1 banike bonke ootitshala nabaviwa babo ithayimthebhile yeemviwo ngokukhawuleza ukwenzela ukuba bakwazi ukwenza amalungiselelo abo okugqibela eemviwo;
7.2 bakhumbuze bonke abaviwa babo ukuba kufuneka baveze izazisi zabo neeleta zokuvunyelwa ukuba babhale uviwo phambi kokuqaliswa koviwo ngalunye; baze
7.3 banqwenelele bonke abaviwa babo impumelelo kwiimviwo zabo egameni leSebe leMfundo leNtshona Koloni.


ISAYINWE: NGU-M. CAMERON
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2007:08:22

Assessment Timetable  (ubukhulu: 9 KB)