1. ISebe leMfundo leNtshona Koloni (WCED) linoxanduva lokubonelela ngemfundo eqhelekileyo kumntu wonke ukususela kwiBakala 10 ukuya kwiBakala 12 ngokunxulumene noMthetho weZikolo waseMzantsi Afrika , 1996 (South African Schools Act, 1996).
2. Ekuzalisekiseni olu xanduva lwalo, enye yeenjongo ezibalulekileyo zeli Sebe i-WCED, kukuqinisekisa ukusetyenziswa kweelabhoratri zesayensi nestokhwe esikhoyo.
3. Ukuze likwazi ukukwenza oku, eli Sebe i-WCED lifuna ukuba isikolo ngasinye kwizikolo zaso zikarhulumente eziqhelekileyo ezifundisa i-Physical Science / i-Physical Sciences, i-Biology / i-Life Sciences kunye/okanye i-Agricultural Science kumaBakala 10 - 12, libale istokhwe seelabhoratri zazo zize zitsho izinto ezinazo ngoku kwistokhwe sazo. Kuqhotyoshelwe apha ikhweshine ukukuncedisa kulo msebenzi.
4. Le khwesine mayizaliswe zizo zonke izikolo ezichaphazelekayo ize ibuyisele kwaNdlunkulu ungadlulanga owe-01 Novemba 2007. Ikhweshine ezalisiweyo mayithunyelwe kulo:
Head: Education 
For attention: Mr Don Francis
Western Cape Education Department
Room 831
Grand Central Towers
Private Bag X9114
Cape Town 
8000

Ikopi mayithunyelwe ngokunjalo nge-imeyili ku-dfrancis@pgwc.gov.za. Kwibhokisi "subject" nceda tayipha oku kulandelayo ngesiNgesi kuphela kwaye kanye ngolu hlobo kubhalwe ngalo: Functionality of Science Laboratories

5. Nceda wazise okukule ngcaciso imfutshane bonke abachaphazelekayo ukuze bakuthathele ingqalelo.


ISAYINWE: NGU-M. CAMERON
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2007:08:15

Questionnaire  (ubukhulu: 111 KB)