1. Lo nyaka uqaqambisa ithuba lokugqibela ekuya kuthi ngalo kubhalwe iimviwo zeMatriki ngokomgaqo-nkqubo we-Report 550, A Résumé of Instructional Programmes in Schools. Kule minyaka imbalwa igqithileyo, uMphathiswa weMfundo unike amabhaso okuwonga izikolo nabafundi ngenxa yokuphumelela ngokugqwesileyo nokuphucula umgangatho (excellence and improvement) kwaye uza kuphinda enze kwangokunjalo nakulo nyaka kwitheko ekuya kubhengezwa kulo iziphumo zeMatriki.
2. Iikhrayitheriya zokukhetha abaya kufumana amabhaso aziyi kwahluka kangako kwezeminyaka edlulileyo. Abafumana amabhaso baya kukhethwa ligqiza lamagosa, elikhokelwa ziikhrayitheriya ezidweliswe kwiziHlomelo A no-B ukuze uluhlu lunikwe iNtloko yeSebe leMfundo ngenjongo yokuba iluvume. Isigqibo seNtloko yeSebe leMfundo siya kuba sesokugqibela.
3. Amabhaso oviwo lweMatriki aya kujolisa ekuphumeleleni ngokugqwesileyo nasekuphuculeni umgangatho ngokwemeko isikolo esisebenza phantsi kwayo (context of the school), ukuphucula umgangatho kwiziphumo, ukugqwesa jikelele nokuphucula umgangatho kwiinkalo eziphambili zeMathematika neSayensi. Itheko lokunikezelwa kwamabhaso liya kuqaphela liqaqambise kwakhona iinzame zabafundi abaye baphumelela.
3.1 Iikhrayitheriya zamabhaso ezikolo zichazwe kwisiHlomelo A ukuze ezabafundi zibe kwisiHlomelo B.
3.2 Kwimeko apho izikolo okanye abafundi bangazanelisanga iikhrayitheriya, iSebe iWCED linelungelo lokuba lingakhuphi bhaso kolo hlelo luthile.
4. Izipho eziyinkuthazo (incentives) ezifana nokuwongwa ngeZatifikethi zeMatriki zenzelwe ukukhuthaza izikolo nabafundi ukuba bazondelele ukugqwesa nokuphucula umgangatho, kwaye sinethemba lokuba izikolo ziwabona la mabhaso njengophawu lokuvuyela impumelelo.


ISAYINWE: NGU-M. CAMERON
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2007:08:01

Isihlomelo A  (ubukhulu: 44 KB)
Isihlomelo B  (ubukhulu: 19 KB)